Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingakwazi Ukutya Ngendlela Esempilweni?

Ndingakwazi Ukutya Ngendlela Esempilweni?

 Mhlawumbi sowusazi ukuba xa usitya ukutya okungekho sempilweni uza kugula. Kaloku umntu otya ukutya okungekho sempilweni, uqhubeka esitya oko kutya nokuba sele emdala.

 Kuthetha ukuthini ukutya ngendlela esempilweni?

 IBhayibhile isixelela ukuba ‘singabaxi xa sisenza izinto’ futhi loo nto iyasebenza nakwindlela esitya ngayo. (1 Timoti 3:11) Sicinga ngalo mgaqo, nazi izinto ekufuneka sizazi . . .

  •   Indlela esempilweni zizo zonke iintlobo zokutya. Nazi iintlobo ezintlanu zokutya, ukutya okwenziwe ngobisi, iiprotein, ifruthi, iveji, neenkozo. Abanye abantu abazityi zonke iintlobo zokutya kuba becinga ukuba loo nto iza kubanceda behle emzimbeni. Ukuba nawe uyayenza le nto, umzimba wakho awuzukuzifumana zonke izakha mzimba ozidingayo.

     Khawuzame ngale ndlela: Phanda okanye ubuze kugqirha wakho ukuze wazi indlela ekubaluleke ngayo ukutya nezinye iintlobo zokutya. Ngokomzekelo:

     Ukutya okuneswekile kunokukwenza ube namandla. Iiprotein zinokunceda umzimba wakho ulwe nokosuleleka zizifo zize ziphinde zingcibe isikhumba xa ubunesilonda. Xa usitya amanye amafutha ngokomlinganiselo unciphisa amathuba okuba ube nesifo sentliziyo uze uhlale unamandla.

     “Ndiye ndizame ukuzitya kakuhle zonke iintlobo zokutya. Andiqondi ukuba kuyingxaki ukukhe umane usitya itshoki. Kodwa umntu akafanelanga asose atye izinto ezinjalo oko. Kubalulekile ukuba singatyi ngendlela ebaxiweyo.”—UBrenda..

    Ukutya ukutya okunezondlo ezingakhiyo kufana nesitulo esinomlenze ongekhoyo

  •   Ukutya ngendlela esempilweni kuthetha ukungabaxi. Le nto inokuthetha ukungatyi ngokwaneleyo, ukuzilambisa uze xa usitya utye kakhulu, okanye uzixelele ukuba asoze nanini utye eyona nto uyithanda nyani.

     Khawuzame ngale ndlela: Kangangenyanga, gada indlela otya ngayo. Jonga ukuba uyenza kangakanani enye yezinto ezimbi ekuthethwe ngazo apha ngasentla. Unokwenza ntoni ukuze utye ngendlela esempilweni?

     “Ndandiba nexesha lokutya ukutya okutyebisayo kakhulu. Ndagqiba ekubeni ndiyeke ukujonga ukuba zingaphi izinto ezityebisayo ekutyeni endikutyayo futhi ndiyeke nokutya xa ndihluthi. Kwandithatha ixesha ukutya ngendlela esempilweni.”—UHailey.

 Ndingahlala njani ndisitya ngendlela esempilweni?

  •   Ceba into oza kuyitya kwangaphambili. IBhayibhile ithi: “Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo.” (IMizekeliso 21:5) Ukuze uhlale usitya ngendlela esempilweni ceba kusengaphambili.

     “Ukutya kakuhle kufuna ucebe kusengaphambili futhi ixesha elininzi ukutya kufuneka kuphekwe ekhaya. Nangona kunzima, loo nto inceda kungachithwa mali.”—UThomas.

  •   Yitya ukutya okusempilweni. IBhayibhile ithi: “Bukhusele ubulumko namandla okucinga.” (IMizekeliso 3:21) Ubulumko buza kukunceda ufumane nezinye iindlela zokutya kakuhle uze uhlale usitya ngazo.

     “Usuku nokusuku ndaqalisa ukuyeka ukutya okungekho sempilweni ndaza ndatya okusempilweni. Ngokomzekelo endaweni yokutya iswiti, nditya iapile. Ndazibhaqa sendinezinto endizitshintsha yonke imihla!”—UKia.

  •   Lindela izinto ezinokwenzeka. IBhayibhile ithi: “Yitya ukutya kwakho wonwabile.” (INtshumayeli 9:7) Ukutya ngendlela esempilweni akufanelanga kukwenze ungonwabi, futhi awufanelanga ube ugade yonke into oyityayo. Ukuba ufuna ukwehla esiqwini, ufanele uqiniseke ukuba loo nto uyenza ngendlela esempilweni. Zicingele.

     “Ndisandokwehla esiqwini, futhi khange kube kufuneka ndizilambise, nditye ngendlela ethile okanye ndibe nexhala kuba nditye into eswiti. Ndaqonda ukuba ndandingazukukhawuleza ndehle esiqwini futhi kwakufuneka nditshintshe indlela enditya ngayo.”—UMelanie.