Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

 Yintoni obuya kuyenza wena?

Funda ngoko kwenzeka kuKarina, kuze kube ngathi oku kwenzeka kuwe. Ubunokwenza ntoni ukuba ubukwimeko efana neyakhe?

UKarina uthi: “Ngeny’ imini ndandibalekis’ imoto ndisiya esikolweni, ndamiswa lipolisa laza landibhala itikiti. Ndandikhathazekile! Ndaxelela uMama, wathi mandichazele uTata kodwa ndandingafuni ukuyenza ke leyo.”

Yintoni obuya kuyenza wena?

  1. Indlela Yokuqala: Uthula uthi cwaka, ngethemba lokuba uTatakho akasoze ayazi.

  2. Indlela Yesibini: Uxelela uTatakho yonke into eyenzekileyo.

Unokufuna ngamandla ukukhetha Indlela Yokuqala. Umamakho unokucinga ukuba uthethile notata wakho wamchazela yonke into. Zikho izizathu ezibangela ukuba kufuneke uthethe ngeempazamo ozenzayo—enoba zibandakanya itikiti lamapolisa okanye akunjalo.

 Izizathu ezithathu ezibangela uvume iimpazamo zakho

  1. 1. Yinto efanelekileyo omele uyenze. Xa ithetha ngendlela amaKristu amele azenze ngayo izinto, iBhayibhile ithi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

    “Ndizama ukunyaniseka nokuba ngumntu onokuthenjwa—ndizivuma ngoko nangoko iimpazamo endizenzayo.”—UAlexis.

  2. 2. Abantu badla ngokukuxolela xa uzivuma iimpazamo zakho. IBhayibhile ithi: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.”—IMizekeliso 28:13.

    “Akululanga ukuvuma iimpazamo, kodwa uye uthenjwe ngabantu xa usenjenjalo. Uye ubonakale ukuba unyanisekile. Imeko iyatshintsha ibe ngcono xa uvuma impazamo oyenzileyo.”—URichard.

  3. 3. Okona kubalulekileyo kukuba, ukuvuma iimpazamo kuvuyisa uYehova uThixo. IBhayibhile ithi: “Umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.”—IMizekeliso 3:32.

    “Emva kokuba ndenze impazamo enkulu, ndaqonda ukuba kufuneka ndiyichaze. UYehova wayengasoze andisikelele xa izinto ndingazenzi ngendlela yakhe.”—URachel.

UKarina wayilungisa njani impazamo yakhe? Akazange amchazele utata wakhe ngetikiti awayelifumene. Kodwa wayengazukukwazi ukuyifihla oko loo nto. UKarina uthi: “Emva kwexesha elingangonyaka, xa utata wayejonge iphepha leinshorensi, waqaphela itikiti elibhalwe ngegama lam. Ndaba sengxakini enkulu, nomama waba nomsindo kuba ndingazange ndimxelele utata!”

Isifundo: UKarina uthi: “Ukufihla iimpazamo akuzilungisi izinto. Uye uphendule ngazo ngenye imini.”

 Unokufunda okuthile kwiimpazamo zakho

Wonke umntu uyazenza iimpazamo. (Roma 3:23; 1 Yohane 1:8) Ukuzivuma kwangoko kubonisa ukuba siqolile.

Inqanaba elilandelayo lelokuba ufunde kwiimpazamo zakho. Ngelishwa ulutsha oluninzi alufundi kwiimpazamo zalo! Lunokucinga ngendlela uPriscilla awayecinga ngayo xa wathi: “Ndandiphoxeka kakhulu xa ndisenza iimpazamo. Ndandingazithembanga ngoko iimpazamo zam zaba ngathi ngumthwalo onzima emagxeni am. Ndandisithi akho yam.”

Ngaba nawe ukhe uvakalelwe ngale ndlela? Ukuba kunjalo, khumbula ukuba ukuhlala ucinga ngeempazamo ezenzekayo kufana nokungayijongi indlela ngoxa uqhub’ imoto. Ukuhlala ucinga ngezinto ezenzekayo kuya kukushiya uziva kungekho yakho, ungabi nawo namandla okujongana nekamva.

Kutheni ungakhe uzijonge kakuhle izinto?

“Cingisisa ngeempazamo owakha wazenza, funda kuzo ukuze ungaphindi uzenze. Suhlala ucinga ngazo zide zikudimaze.”—UElliot.

“Kwiimpazamo endakha ndazenza ndiye ndizame ukukhangela into endinokuyifunda kuzo, oko kundinceda ndikwazi ukwenza izinto ngendlela eyahlukileyo kwixesha elizayo. Loo nto indinceda ndikhule.”—UVera.