Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?​—Inxalenye 1: Ukufunda IBhayibhile Yakho

Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?​—Inxalenye 1: Ukufunda IBhayibhile Yakho

“Ndikhe ndazama ukuyifunda iBhayibhile kodwa iba ngathi soze iphele.”​—UBriana, ona-15.

Ngaba ukhe utsho nawe? Eli nqaku liza kukunceda!

 Kutheni ufanele ufunde iBhayibhile?

Ngaba awubi namdla xa kufuneka ufunde iBhayibhile? Ukuba kunjalo, siyayiqonda imeko okuyo. Unokucinga ukuba iBhayibhile yincwadi nje enamaphepha amaninzi namagama amancinci engenayo nemifanekiso, ibe iTV neevidiyo zibangel’ umdla zona.

Kodwa cinga ngolu hlobo: Ukuba udibana nebhegi enkulu yakudala, ngaba awunakuba nomdla wokuba kukho ntoni ngaphakathi?

IBhayibhile ifana naloo bhegi yakudala. Inobuncwane obuninzi obunokukunceda

  • Wenze izigqibo ezifanelekileyo

  • Usebenzisane kakuhle nabazali bakho

  • Ufumane abahlobo abafanelekileyo

  • Umelane nestres

Kutheni incwadi endala kangaka isinceda namhlanje? Kungenxa yokuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Loo ithetha ukuba icebiso leBhayibhile lisuka kuMthombo onokuthenjwa.

IBhayibhile yibhegi enkulu enobuncwane obusenza sibe zizilumko

 Ndifanele ndiyifunde njani iBhayibhile?

Unokuyiqala ekuqaleni uyophela ekugqibeleni. Ngokwenza njalo uza kuyazi ukuba ithetha ngantoni iBhayibhile. Zininzi iindlela onokuyifunda ngazo iBhayibhile. Makhe sithethe ngezi zimbini:

  •   Unokufunda iincwadi zeBhayibhile ngokokulandelelana kwazo, uqale kwiGenesis uphele kwiSityhilelo.

  •   Unokuyifunda iBhayibhile ngokwendlela iziganeko ezikuyo ezenzeka ngayo.

Icebiso: Iphepha 18-33 lencwadana ethi, Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo linoludwe lwezinto ezenzeka kuYesu ngoxa wayesemhlabeni.

Indlela yesibini yokufunda iBhayibhile kukukhetha amabali athetha ngengxaki onayo. Ngokomzekelo:

Icebiso: Xa ufunda iBhayibhile, qiniseka ukuba ukwindawo ezolileyo engenaziphazamiso.

Indlela yesithathu yokufunda iBhayibhile kukukhetha ibali okanye indumiso, uyifunde uze emva koko ujonge indlela onokuyisebenzisa ngayo ebomini bakho. Emva kokuba uyifundile, zibuze imibuzo enjengale:

  •   Kwakutheni ukuze uYehova abhale oku eBhayibhileni?

  •   Oku ndikufundayo kundifundisa ntoni ngobuntu bukaYehova nangendlela azenza ngayo izinto?

  •   Ndingayisebenzisa njani le nto ndiyifundileyo ebomini bam?

Icebiso: Lubhale usuku ofuna ukuqala ngalo ukufunda iBhayibhile.