Eyesibini KuTimoti 3:1-17

  • Amaxesha anzima emihla yokugqibela (1-7)

  • Landela umzekelo kaPawulos (8-13)

  • “Qhubeka uzikholelwa izinto ozifundileyo” (14-17)

    • Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo (16)

3  Kodwa umele wazi ukuba ngemihla yokugqibela+ kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela.  Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, bathethe kakubi ngoThixo nangabantu, bangathobeli bazali, bangabi nambulelo, bangathembeki,  bangabi naluthando, babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo,  bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi, bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo,  babonakale ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.+ Baphephe abantu abanjalo.  Kuba phakathi kwabo kuvela amadoda athubeleza angene ezindlini zabantu, elahlekisa abafazi ababuthathaka, abasindwa zizono nabaqhutywa yiminqweno eyahlukahlukeneyo,  abasoloko befunda kodwa bangaze balufumane ulwazi oluchanileyo lwenyaniso.  Kanye njengokuba uYanes noYambresi bamchasayo uMoses, nawo la madoda ayayichasa inyaniso. Onakele ngokupheleleyo engqondweni, nokholo lwawo alwamkelekanga.  Kodwa awasoze ahambele ndawo, kuba ubudenge bawo bubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo nangobudenge bala madoda mabini.+ 10  Kodwa wena uye wayilandela imfundiso yam, indlela endibuphila ngayo ubomi bam,+ eyona nto ndiyiphilelayo, ukholo lwam, umonde wam, uthando lwam, nokunyamezela kwam; 11  uyakwazi ukutshutshiswa kwam, nokutsala nzima kwam kwa-Antiyokwe,+ eIkoniyo+ naseListra.+ Ndazinyamezela zonke ezo ntshutshiso, ibe iNkosi yandisindisa kuzo zonke.+ 12  Phofu ke, wonke umntu ofuna ukukhonza ­uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.+ 13  Kodwa abantu abenza izinto ezimbi nabazenza amalungisa baza kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye ­belahlekiswa.+ 14  Noko ke, wena qhubeka uzikholelwa izinto ozifundileyo waza wancedwa ukuba uzikholelwe,+ kuba uyazi ukuba uzifunde kubani, 15  yaye uzaze uselusana+ izinto ezingcwele ezibhaliweyo,+ ezikunika ubulumko obuza kukunceda usindiswe kuba unokholo kuKristu Yesu.+ 16  Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo+ ibe sinceda ekufundiseni,+ ekululekeni, ekulungiseni izinto, nasekusiqeqesheni ukuba senze izinto ezilungileyo,+ 17  ukuze umntu kaThixo awulungele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.

Umbhalo osemazantsi