Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Ndisoloko Ndicinga Ngendlela Endikhangeleka Ngayo?

Ngaba Ndisoloko Ndicinga Ngendlela Endikhangeleka Ngayo?

 Umbuzo: Ngaba Ndizikhathaza Kakhulu?

  1. Ngawaphi amazwi achaza eyona ndlela uvakalelwa ngayo?

    • Awundixolisi tu umzimba wam.

    • Ngamany’ amaxesha ndiyawuthanda umzimba wam.

    • Ndisoloko ndanelisekile ngumzimba wam

  2. Yintoni ongathanda ukuyitshintsha ngomzimba wakho?

    • Bubude

    • Yiweyithi

    • Yindlela omile ngayo

    • Ziinwele

    • Kukuba ube mhlophe okanye ube ntsundu

    • Yindlela owakheke ngayo

    • Okanye yenye nje into

  3. Gqibezela la mazwi angezantsi.

    Andiwuthandi umzimba wam . . .

    • Xa ndikhwela esikalini.

    • Xa ndizijonge esipilini.

    • Xa ndizifanisa nabanye (iitshomi, oonobuhle, oosaziwayo beemovie)

  4. Gqibezela la mazwi angezantsi.

    Ndizijonga esikalini . . .

    • Yonke imihla.

    • Veki nganye.

    • Ngaloo maxesha.

  5. Ngawaphi amazwi achaza eyona ndlela uvakalelwa ngayo?

    • Ukungawuthandi umzimba wakho. (Ngokomzekelo: “Qho ndizijonga esipilini, ndibona isidudla. Sendisuka nokuyeka ukutya kuba ndifuna ukwehla.”—USerena.)

    • Ukuwujonga ngendlela efanelekileyo umzimba wakho. (Ngokomzekelo: “Iza kusoloko ikho into esingayithandiyo ngemizimba yethu, kodwa akuyomfuneko ukuzihlupha ngento esingakwaziyo ukuyitshintsha.”—UNatanya.)

IBhayibhile ithi ‘singazicingeli’ kakhulu. (Roma 12:3) Ngoko kuhle ukuzihoya okanye ukuyixhalabela inkangeleko yakho ukusa kumkhamo othile. Ngokomzekelo, yiloo nto sivasa amazinyo ethu ntsasa nganye okanye siqiniseka ukuba sicocekile.

Kuthweni ke xa usoloko uzikhathaza ngomzimba wakho—mhlawumbi de ingabikho nenye into ocinga ngayo? Xa kunjalo unokuzibuza le mibuzo. . .

 ‘Kutheni ndingawuthandi nje umzimba wam?’

Kunokubakho iimpendulo eziliqela. Nazi ezinye zazo:

  • Imifanekiso. “Sibona imifanekiso esenza sicinge ukuba kufuneka sinciphe ukuze sibe bahle. Ukuba aside sibe njalo, sisuka sizicaphukele!”—UKellie.

  • Abazali. “Ndiye ndaqaphela ukuba xa umama ezixhalabisa kakhulu ngomzimba wakhe, iba njalo nentombi yakhe. Oku kuyafana kootata kunye noonyana babo.”—URita.

  • Ukungazithembi. “Abantu abangazithembanga basoloko befuna ukunconywa. Kuyandidina ke ukuba kunye nabantu abanjalo!”—UJeanne.

Enoba yintoni unobangela, usenokuzibuza . . .

 ‘Ngaba ndimele ndiyitshintshe inkangeleko yam?’

Khawuve ukuba bathini abanye oontanga bakho.

“Awukwazi kuzitshintsha zonke izinto ongazithandiyo, ngoko kuhle ukuzamkela. Ukuba wenza ngolo hlobo, abanye abayi kuziqaphela lula.”—URori.

“Zama kangangoko ukuzigcina usempilweni. Ukuba sempilweni kunokwenza ukhangeleke kakuhle. Kwaye ukuba kukho umntu ongayithandiyo inkangeleko yakho, akanguye umhlobo wakho.”​—UOlivia.

Eyona nto ibalulekileyo: Zama konke onokukwenza ukuba ubukeke, kodwa ungazixakekisi kakhulu. Ukuzixhalabisa kakhulu ngomzimba wakho kunokuba yingozi. (Funda “ Ibali likaJulia.”)

UErin wafunda ukuba ukuzijonga ngendlela efanelekileyo kunokukunceda, uthi: “Ewe ke ndiye ndingazithembi ngamanye amaxesha, kodwa loo nto yenzeka xa ndicinga ngezinto ezingakhiyo. Ngoku ndijima qho kwaye nditya ukutya okusempilweni. Yonke enye into iyazenzekela.”

 Olona tshintsho unokulenza!

Xa uzijonga ngendlela efanelekileyo, uya kuziva uthandwa. IBhayibhile inokukunceda ukuba ube nezi mpawu:

  • Ulwaneliseko. “Kulunge ngakumbi ukubona ngamehlo kunokuhambahamba komphefumlo. Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.”—INtshumayeli 6:9.

  • Ukujima kunendawo yako. “Kuba ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.”—1 Timoti 4:8.

  • Ubuhle bangaphakathi. “Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.

“Inkangeleko yobuso iyodwa iyayichaza indlela esizijonga ngayo. Ukuba umntu wanelisekile bubomi, abanye bayakwazi ukuyibona loo nto kwaye bayatsaleleka kuye.”—USarah.

“Ukuba mhle kukubizela nje amehlo. Kodwa yindlela obaphatha ngayo abantu eya kuhlala ikhunjulwa.”—UPhylicia.

Funda iMizekeliso 11:22; Kolose 3:10, 12; 1 Petros 3:3, 4.