Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngotywala?

Yintoni Endimele Ndiyazi Ngotywala?

IBhayibhile ayithi abufuneki utywala xa ubusela ngomlinganiselo ofanelekileyo naxa umthetho ungenangxaki nabo. Kodwa kona ukunxila ayikufuni.​—INdumiso 104:15; 1 Korinte 6:10.

Uza kuthini ke xa unyanzelwa ukuba usele naxa umthetho okanye abazali bengafuni usele?

 Cinga ngento eza kwenzeka emva kokuba usele

Abanye oontanga bakho banokucinga ukuba ukusela kufanelekile xa ufuna ukonwaba. Kodwa yintoni enokwenzeka emva kokuba usele?

  • Umthetho. Ukuba uhlala apho umthetho ungavumiyo ukuba usele, unokuhlawuliswa, kunokuthiwa waphule umthetho, uthathelwe ilaysensi yokuqhuba, kunokufuneka wenze imisebenzi yokunceda abantu okanye uphoswe ejele.​—Roma 13:3.

  • Igama lakho linokungcola. Utywala bukwenza uphelelwe ziintloni. Unokuthetha okanye wenze izinto onokuzisola ngazo. (IMizekeliso 23:31-33) Kula maxesha okusetyenziswa kwamajelo onxibelelwano, izinto ozenzayo zisenokubangela ukuba igama lakho lingaze liphinde libe lihle.

  • Usenokungakwazi ukuzikhusela. Xa usele, usenokuzibona ubethwa okanye udlwengulwa. Usenokuphenjelelwa lula ngabanye, nto leyo enokukubeka engozini okanye ikubangele ukuba wenze into engafunwayo ngumthetho.

  • Unokuba likhoboka. Olunye uphengululo luthi xa uqala usemncinci ukusela, kulula ukuba ube likhoboka lotywala. Ukuba uyasela xa unestres, unesithukuthezi okanye kukho into ekudikileyo, kunokuba nzima kakhulu ukubuyeka utywala.

  • Unokufa. Kutshanje, eUnited States, qho ngemizuzu eyi-52 bekusifa umntu omnye oqhuba enxilile. Kwisithuba seminyaka emihlanu, nyaka ngamnye bekusifa abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-21 abangaphezu kwe-1 500, kwiingozi ezibangelwa ngabantu abaqhuba benxilile. Noba awuselanga, ukuba ukhwela emotweni yomntu onxilileyo uzibeka engozini.

 Zenzele isigqibo

Unokuzisindisa kwiingozi ezibangelwa kukunxila ukuba ugqiba kusengaphambili ngento oza kuyenza.

Umgaqo weBhayibhile: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Bubudenge ukusela ngaphambi kokuba uqhube okanye ngaphambi kokuba wenze nantoni na eza kufuna ingqondo yakho yonke.

Isigqibo: ‘Nokuba ndifuna ukusela, soze ndisele de ndibe neminyaka evumelekileyo emthethweni futhi xa iimeko zindivumela.’

Umgaqo weBhayibhile: “Ningamakhoboka akhe ngenxa yokuba nimthobela.” (Roma 6:16) Ukuba usela kuba oontanga bakho besithi sela, uyabavumela bakulawule. Ukuba usela kuba udikiwe okanye unestres, loo nto ayizukwenza ukwazi ukucinga ngento onokuyenza ukuze ziphele ezo zinto.

Isigqibo: ‘Soze ndivumele oontanga bandinyanzele ukuba ndisele.’

Umgaqo weBhayibhile: ‘Musa ukuba phakathi kwabasela kakhulu.’ (IMizekeliso 23:20) Ukuhlala uncokola nabantu abangalunganga kunokukwenza ungaqini kwisigqibo osenzileyo. Uzifaka engxakini xa uhleli nabantu abasela kakhulu.

Isigqibo: ‘Andisoze ndibe neetshomi ezisela kakhulu.’