Yiya kwinkcazelo

Kuthekani Ukuba Ndiyakuthanda Ukubukela Iphonografi?

Kuthekani Ukuba Ndiyakuthanda Ukubukela Iphonografi?

Into onokuyenza

Yazi ukuba yintoni kanye kanye iphonografi. Iphonografi yindlela nje yokuzama ukuthob’ isidima sendalo kaThixo efanele ihlonelwe. Ukuyiqonda ngale ndlela iphonografi kuya kukwenza ‘uthiye okubi.’—INdumiso 97:10.

Cinga ngemiphumo. Iphonografi iyasithob’ isidima sabo bayenzayo nabayibukelayo. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.”—IMizekeliso 22:3.

Zimisele ukwenza okuthile. Indoda enokholo uYobhi yathi: “Ndazimisela ukuba kungaze kubekho ntombi ndiyincwasayo.” (Yobhi 31:1, Today’s English Version) Nazi izinto ‘onokuzimisela’ ukuzenza:

  • Andisoze ndivule i-Internet xa ndindodwa endlwini.

  • Ndiya kuyivala ngoko nangoko imifanekiso enokuthi gqi okanye i-site yemifanekiso engamanyala.

  • Ndiza kuthetha nomhlobo oqolileyo xa ndibuyele kwikakade.

Akulula ukwahlukana nephonografi—okukhona uyibukela, kokukhona kunzima ukuyiyeka

Yithandazele. Umdumisi wathandaza kuYehova uThixo esithi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” (INdumiso 119:37) UThixo ufuna ukuba uphumelele ekwenzeni oku, yaye ukuba uyathandaza uya kukunika amandla okwenza okuhle!—Filipi 4:13.

Thetha nomnye umntu. Kubalulekile ukuthetha nomntu onokuzityand’ igila kuye ukuze wahlukane nalo mkhwa.—IMizekeliso 17:17.

Ungaze ukulibale oku: Ngalo lonke ixesha uphepha ukubukela iphonografi, woyisa umlo onzima. Xelela uYehova uThixo ukuba woyisile, uze ubulele amandla akunike wona. Xa ungayibukeli iphonografi, uvuyisa intliziyo yakhe!—IMizekeliso 27:11.