Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

 Zihlole

 Ngamanye amaxesha, sonke siyakudinga ukulungiswa, ukufumana icebiso eliza kusinceda siphucule umsebenzi wethu okanye indlela esicinga ngayo. Ucinga ngaloo nto, jonga ezi meko zilandelayo.

  1.  Utitshala wakho ukuxelela ukuba khange uyenze kakuhle iproject yakho. Uthi “Kufuneka uyiphinde uze uyenze kakuhle.”

     Uza kuthini?

    1.   Awuzukumhoya. (‘Utitshala akandithandi.’)

    2.   Uza kummamela. (‘Ndiza kulithatha icebiso lakhe ndilisebenzise naxa ndisenza omnye umsebenzi wesikolo.’)

  2.  Umama wakho ukuxelela ukuba igumbi olala kulo limdaka kodwa usandokuliklina.

     Uza kuthini?

    1.   Awuzukumhoya. (‘Usoloko enje.’)

    2.   Uza kummamela. (‘Nyhani bendinokwenza bhetele kunale.’)

  3.  Udade wakho omncinci ukuxelela ukuba akayithandi le nto yakho yokusoloko umxelela into amakayenze.

     Uza kuthini?

    1.   Awuzukumhoya. (‘Akanokuthetha loo nto yena.’)

    2.   Uza kummamela. (‘Mhlawumbi kufuneka ndimphathe kakuhle.’)

 Abanye abantu abasebatsha kuthiwa banochuku, kuba bakhawuleza bacaphuke xa belungiswa nokuba kungento encinci. Nawe unjalo? Ukuba unjalo, uyaphoswa. Ngoba? Kaloku xa uvuma ukulungiswa, loo nto iza kukunceda ngoku futhi ikuncede naxa umdala.

Ungaphoswa yinto ofanele uyive kuba ungafuni ukuyiva

 Kutheni ndikudinga ukulungiswa?

  •   Awufezekanga. IBhayibhile ithi: “Sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yakobi 3:2) Ngenxa yaloo nto, sonke siyakudinga ukulungiswa.

     “Ndizama ukumane ndikhumbula ukuba asifezekanga nokuba yinto eqhelekileyo ukwenza impazamo. Xa ndilungiswa ndiye ndizame ukufunda kuloo nto nokuba ndingaphindi ndiyenze.”​—UDavid.

  •   Ungaphucula. IBhayibhile ithi: “Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.” (IMizekeliso 9:9) Ukulungiswa kungakunceda ukuba uyafuna.

     “Ndandingayithandi into yokulungiswa. Ndandicinga ukuba indenza ndibe ngumntu ombi. Kodwa ngoku ndiye ndivume ukulungiswa ndide ndizicelele. Ndifuna ukwazi ukuba ndingalungisa phi.”​—USelena.

 Yinyani ukuba kukho umahluko phakathi kokuzicelela ukulungiswa nokuba ulungiswe ungakhange ucele. Xa ecinga mhla wafumana ikhadi elimcebisa ngento engakhange acele, uNatalie uthi, “Ndothuka kakhulu ndaza ndatyhafa. Ndandisenza konke endinako ndaske ndalulekwa.”

 Kwakhe kwenzeka into efanayo nakuwe? Ukuba uthi ewe, ungenza ntoni?

 Ndingenza njani ukuze ndivume xa ndilungiswa?

  •   Mamela.

     IBhayibhile ithi: “Umntu onolwazi uyawabamba amazwi akhe, nomntu oqondayo uhlala ezolile.” (IMizekeliso 17:27) Sukumphazamisa umntu xa ethetha nawe. Ungathethi ungacinganga kuba uza kuthetha into oza kuzisola ngayo.

     “Ndisoloko ndifuna ukuzithethelela xa ndilungiswa. Endaweni yokuzithethelela, kufuneka ndifunde kuloo nto ndilungiswa kuyo ndize ndiphucule.”—USara.

  •   Mamela le ithethwayo ungajongi umntu oyithethayo.

     Usenokuzibona ufuna ukuchaza iimpazamo zalo mntu ukulungisayo. Kodwa kubhetele usebenzise icebiso leBhayibhile elithi ‘khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha, ucothe nokucaphuka.’ (Yakobi 1:19) Idla ngokuba khona inyani kule nto ithethwayo. Ungaphoswa yinto ofanele uyive ngenxa yokuba ungafuni ukuyiva.

     “Xa abazali bam bendilungisa ndandidla ngokuba nomsindo, ndithi ‘ndiyayazi, ndiyayazi.’ Kodwa xa ndiye ndamamela ndize ndiyisebenzise into abayithethayo ndiye ndibone izinto ezintle.”​—UEdward.

  •   Sukutyhafa.

     Into yokuba ulungiswe ayithethi ukuba wohlulakele. Ithetha nje ukuba uyazenza iimpazamo njengabanye abantu. Nalo mntu ukulungisayo ukhe adinge ukulungiswa naye. Ide iBhayibhile ithi: “Akukho mntu ulilungisa emhlabeni ohlala esenza okulungileyo.”​—INtshumayeli 7:20.

     “Umhlobo wam wandilungisa kwinto endandingacingi ukuba ndidinga ukulungisa kuyo. Ndambulela ngokunyaniseka kwakhe kodwa ndabe ndikhubekile. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndabona ukuba ibikhona inyani kulaa nto ebeyithetha. Ngenxa yamazwi wakhe, ndabona apho kwakufuneka ndiphucule khona. Ukuba wayengathethanga ndandingazokuqaphela kwanto.”​—USophia.

  •   Zimisele ukuphucula

     IBhayibhile ithi “isilumko siyavuma xa silungiswa.” (IMizekeliso 15:5) Xa usamkela ukulungiswa, uza kulibala ukuba ubukhe wakhathazeka uze uxakeke kukulungisa le nto kufuneka uphucule kuyo. Yiba nendlela oza kuyenza ngayo loo nto uze emva kweenyanga ezimbalwa ujonge ukuba uye waphucula nyhani na.

     “Ukwamkela ukulungiswa kudibene nokunyaniseka. Kaloku kufuneka ungaziqhathi uze uvume iimpazamo zakho, uxolise ngenxa yazo uze ujonge indlela yokuphucula.”​—UEmma.

 Nantsi into ebalulekileyo: IBhayibhile ithi: “Njengokuba intsimbi ilolwa ngentsimbi, nomntu ulola umhlobo wakhe.” (IMizekeliso 27:17) Xa ulungiswa kulolwa wena. Loo nto iza kukunceda ngoku naxa umdala.