Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Bubuhlobo Nje Okanye Luthando?​—Inxalenye 2: Ziziphi Izinto Endizenzayo Ezenza Abanye Bacinge Ukuba Ndifuna Ukuthandana Nabo?

Ngaba Bubuhlobo Nje Okanye Luthando?​—Inxalenye 2: Ziziphi Izinto Endizenzayo Ezenza Abanye Bacinge Ukuba Ndifuna Ukuthandana Nabo?

Usoloko ufumaneka xa umhlobo wakho efuna umntu anokuthetha naye. Kwaye kutshanje ukho lo mhlobo uthetha naye rhoqo. Ingxaki kukuba, ngumntu wesini esahlukileyo. Uthi ‘singabahlobo nje kuphela,’ ucinga ukuba naye uvakalelwa ngendlela efanayo. Ngaba ufanele uzixhalabise?

 Into enokwenzeka

Akukho ngxaki ekubeni ngumhlobo nomntu wesini esahlukileyo. Kodwa kuthekani ukuba uba nobuhlobo obukhethekileyo nomntu omnye ngaphezu kwabanye? Xa kunjalo, usenokugqiba kwelithi uthi awufuni nibe ngabahlobo nje qha.

Ngaba awufuni acinge loo nto? Nazi ezinye iindlela okunokwenzeka ngazo oku ungaqondanga.

  • Umhoya kakhulu umntu.

    “Nangona ungenakukwazi ukulawula iimvakalelo zomnye umntu, kufuneka ungagaleli ipetroli emlilweni ngokuthi ningabahlobo nje kuphela, kodwa ube ufowunela ibe uncokola naloo mntu rhoqo.”​—USierra.

  • Nawe uyasabela xa umntu ekuhoyile.

    “Yayingendim owayembhalela kuqala, kodwa ndandisoloko ndiyiphendula imiyalezo emininzi yenye intombazana. Emva koko, kwaba nzima ukumxelela ukuba ndizibonela nje umhlobo mna.”​—URichard.

  • Uyamkhuthaza ukuba akuhoye.

    “Abanye abantu bacinga ukuba ukudlala ngothando ngumdlalo. Badlala ngeemvakalelo zabanye bengazimiselanga ukuthandana nabo. Kukaninzi ndiyibona isenzeka loo nto, ibe usoloko ekhona umntu okhathazekayo.”​—UTamara.

Inyaniso yile: Ukusoloko uncokola nomntu nokumhoya, kusenokumenza acinge ukuba uyamthanda.

 Isizathu sokuba ungamele wenze izinto ezenza umntu acinge ukuba uyamthanda

  • Uyakhathazeka omnye umntu.

    IBhayibhile ithi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” (IMizekeliso 13:12) Luluphi ulindelo onokuba nalo wena ukuba umntu usoloko esenza izinto ezibonisa ukuba uyakuthanda?

    “Abanye baye babenze babe nethemba abanye. Kufana nokubambisa intlanzi kodwa ungayikhululi ukuba ihambe okanye uyitsalele kuwe. Loo nto inokwenzeka naxa nithandana. Ukuba awunawo umdla wokuthandana kodwa wenza umntu abe nethemba uza kumkhathaza.”​—UJessica.

  • Ukwenza izinto ezibangela ukuba umntu acinge ukuba uyamthanda konakalisa indlela odume ngayo.

    IBhayibhile ithi: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.” (Filipi 2:4) Unokuthi umbona njani umntu onyamekela kuphela izilangazelelo zakhe? Loo nto isenokuyichaphazela njani indlela adume ngayo?

    “Umfana odlala ngothando anditsaleleki kuye. Ukudlala kwakhe ngothando kusenokubonisa ukuba akazokunyaniseka nasemtshatweni. Kukusebenzisa umntu ukuze uzive ungumntu ebantwini, ibe kukuzicingela oko.”​—UJulia.

Inyaniso yile: Abantu abenza izinto ezibonisa ukuba bayabathanda abanye bengenazijongo zokuba bathandane nabo bayazikhathaza ibe bakhathaza nabanye.

 Oko unokukwenza

  • IBhayibhile ithi kufuneka siphathe ‘amadodana njengabantakwethu yaye amabhinqa amancinane njengoodade wethu sinobunyulu bonke.’ (1 Timoti 5:1, 2) Ukuba uyawuthobela lo mgaqo uza kubukhusela ubuhlobo bakho kunye nabo besini esahlukileyo.

    “Ukuba benditshatile bendingazi kudlala ngothando kunye nomyeni womnye umntu. Ukuqala kwangoku ndingekatshati ukungadlali ngothando nabantu besini esahlukileyo kuza kundinceda.”​—ULeah.

  • IBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.” (IMizekeliso 10:19) Lo mgaqo awubhekiseli kuphela xa nincokola nijongene kodwa naxa nithumelelana imiyalezo ngefowuni, ukuncokola kwenu rhoqo kunye noko nincokola ngako.

    “Asikho isizathu esibangela ukuba ubhalele intombazana yonke imihla ngaphandle kokuba ufuna ukuthandana nayo.”​—UBrian.

  • IBhayibhile ithi: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu.” (Yakobi 3:​17) Umntu usenokukwanga engenazinjongo zimbi, kodwa omnye umntu xa esangiwa unokucinga ukuba loo mntu unomdla kuye.

    “Ndiye ndizame ukubonisa ububele xa ndincokola nabanye kodwa ndingasondelelani kakhulu nabo.”​—UMaria.

Inyaniso yile: Buhlolisise kakuhle ubuhlobo bakho kunye nabantu besini esahlukileyo. UJennifer ofikisayo uthi: “Akululanga ukufumana abahlobo abalungileyo, ibe awufuni kwenza izinto eziza kubenza bacinge ukuba ufuna ukuthandana nabo.”

 Amacebiso

  •   Bamamele abanye xa bethetha. Ukuba umntu ukubuza ukuba, “Ngaba wena nobani niyathandana?” Lo nto isenokuthetha ukuba nisondelelene kakhulu.

  •  Ncokola nabo bonke abahlobo bakho besini esahlukileyo. Sukuthanda ukuncokola nomhlobo omnye ngaphezu kwabanye.

  • Kulumkele ukuthumelelana imiyalezo, ukuyithumela rhoqo, izinto enincokola ngazo nexesha enincokola ngalo. UAlyssa uthi: “Akukho sizathu sibangela ukuba uncokole nomntu wesini esahlukileyo efowunini ezinzulwini zobusuku.”