Eyokuqala KuTimoti 5:1-25

  • Indlela yokuphatha abantu abatsha nabadala (1, 2)

  • Kukhathalelwa abahlolokazi (3-16)

    • Ukuhoya abantu abasendlini yakho (8)

  • Banikeni imbeko abadala abasebenza nzima (17-25)

    • ‘Sela intwana yewayini ukuze incede isisu sakho’ (23)

5  Uze ungayingxolisi indoda endala.+ Kunoko, thetha nayo njengotata wakho, uthethe nabafana njengabantakwenu,  abafazi abadala njengoomama bakho, abancinci bona njengoodadewenu yaye uziphathe kakuhle xa ukunye nabo.  Bakhathalele* abahlolokazi abangabahlolokazi nyhani.*+  Kodwa ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, mababonise ukuba bazinikele kuThixo ngokuthi ibe ngabo abahoya abantu abasendlini,+ banike abazali babo noomakhulu nootatomkhulu babo oko kubafaneleyo,+ kuba loo nto yamkelekile emehlweni kaThixo.+  Yena umfazi ongumhlolokazi nyhani, ongenamntu, ithemba lakhe ulibeke kuThixo,+ yaye uqhubeka ethandaza emcenga ubusuku nemini.+  Kodwa umhlolokazi okhokelwa yiminqweno* yakhe, ufile nangona ephila.  Ngoko qhubeka ubanika le miyalelo, ukuze bangabi nakukhalazeleka.  Ngokuqinisekileyo, ukuba kukho umntu ongabanyamekeliyo abantu amele abanyamekele, ingakumbi abasendlini yakhe, ululahlile ukholo yaye mbi ngaphezu komntu ongakholwayo.+  Makabhalwe phantsi umhlolokazi oneminyaka eyi-60 nangaphezulu, obenendoda enye, 10  owaziwa ngokwenza izinto ezilungileyo,+ obakhulise kakuhle abantwana,+ ethanda iindwendwe,+ ehlamba iinyawo zabangcwele,+ enceda abo basentlungwini,+ ezimisele ekwenzeni izinto ezintle. 11  Kodwa ke, uze ungababhali abahlolokazi abasebancinci, kuba basuke bafune ukutshata xa iminqweno yabo yesondo isenza kube nzima ukusebenzela uKristu. 12  Baza kugwetywa kuba besaphule isithembiso ebebesenzile. 13  Kwakhona baqalisa ukungabi nanto yakwenza, bahambe bebutha emizini; ibe abapheleli nje ekungabini nanto yakwenza, kodwa bayahleba baze bazifake ezintweni zabantu,+ bethetha izinto abangafanelanga bazithethe. 14  Ngoko ke, ndinqwenela ukuba abahlolokazi abasebancinci batshate,+ bazale abantwana,+ bahoye imizi yabo, ukuze umchasi angabi nanto yakugxeka. 15  Kaloku sekukho abanye abaye baphuma endleleni, balandela uSathana. 16  Ukuba kukho umfazi okholwayo onabantu azalana nabo abangabahlolokazi, makabancede ukuze ibandla lingabi namthwalo umninzi. Ngoko ibandla linokunceda abo bangabahlolokazi nyhani.*+ 17  Abadala abakhokela kakuhle+ bafanelwe yimbeko ephindiweyo,+ ingakumbi abo basebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni.+ 18  Kuba isibhalo sithi, “Uze ungayivali umlomo ngesicheme inkunzi yenkomo xa ibhula,”+ siphinde sithi, “Umntu osebenzayo umele awunikwe umvuzo wakhe.”+ 19  Uze ungakwamkeli ukumangalelwa kwendoda enkulu,* ngaphandle kokuba kukho amangqina amabini okanye amathathu.+ 20  Umntu oqhubeka ­esona+ uze umluleke+ phambi kwabanye, ukuze boyike ukona. 21  Ndiyakuyala phambi koThixo ­noKristu Yesu ­neengelosi ezikhethiweyo ukuba uyithobele le miyalelo, uzihlolisise izinto uze ungabi namkhethe xa usenza isigqibo.+ 22  Uze ungabeki nabani na izandla ngokungxama;*+ yaye ungazifaki kwizono zabanye abantu; zigcine umsulwa. 23  Yeka ukusela amanzi,* kodwa sela intwana yewayini, kuba iza kukunceda uyeke ukuba nesisu nokukhathazwa yimpilo. 24  Izono zabanye abantu zaziwa ngumntu wonke, baze bakhawuleze bagwetywe, kodwa ezabanye zivela emva kwexesha elide.+ 25  Kunjalo ke nangezinto ezintle ezenziwa ngabantu, ezinye zaziwa ngumntu wonke,+ kodwa nokuba ezinye ­zifihlakele, ziye zivele ekugqibeleni.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “Banike imbeko.”
Okanye “abahlolokazi abasweleyo”; oko kukuthi, abangenamntu wokubakhathalela.
Kusenokwenzeka ukuba kuthethwa ngeminqweno yesondo.
Okanye “abahlolokazi abasweleyo”; oko kukuthi, abangenamntu wokubakhathalela.
Okanye “komdala.”
Oko kukuthi, uze ungamiseli nabani na ngokungxama.
Okanye “Yeka ukusela amanzi odwa.”