Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iindlela Eziyi-7 Zokugcina Ukutya Kukhuselekile Size Sibe Sempilweni

Iindlela Eziyi-7 Zokugcina Ukutya Kukhuselekile Size Sibe Sempilweni

 Kutheni zibalulekile izinto ozityayo?

 Impilo yakho ixhomekeke kwinto oyityayo. Xa ukugcina ngendlela ekhuselekileyo ukutya ibe usitya ukutya okusempilweni awuzofane ugule. Kodwa ukuba utya ukutya okungekho sempilweni loo nto isenokukugulisa. Le nto ifana nokugalela ipetroli erongo emotweni. Nangona iingxaki zisenokungaveli ngoku kodwa ekugqibeleni ziza kuvela.—Galati 6:7.

 IWorld Health Organization (WHO) ithi: “Onke amazwe asemhlabeni anabantu abangazifumani kakuhle izondlo ezidingwa ngumzimba.” Loo nto ayenzi abantu bangondleki kuphela kodwa isenokwenza abanye batyebe ngokugqithiseleyo. Ukusoloko usela okanye usitya ukutya okungekho sempilweni kungabangela isifo sentliziyo, istrowukhu, isifo seswekile kunye nomhlaza. Uphando olwenziwe ngo-2017 lubonisa ukuba ukungafumani zondlo kwabantu kuye kwabulala abamalunga ne-11 miliyoni. I-WHO iqikelela ukuba ukutya okumoshakeleyo kubulala abantu abaninzi kakhulu yonke imihla ibe kubangela iingxaki zempilo kwiimiliyoni zabantu.

 IBhayibhile isibonisa isizathu sokuba kubaluleke ukuba sitye ukutya okusempilweni. Isifundisa ukuba uThixo ‘ngumthombo wobomi.’ (INdumiso 36:9) Ubomi sisipho, sibonisa ukuba siyabuxabisa xa siyihoyile impilo yethu neyeentsapho zethu. Jonga indlela onokukwenza ngayo oko.

 Iindlela ezine zokugcina ukutya kukhuselekile

 1. Kupheke kakuhle ukutya

 Ngoba? Iintsholongwane eziyingozi a ezisekutyeni nasemanzini zingangena emzimbeni zize zikugulise.

 Abezempilo bathi:

  •   Ngaphambi kokuba upheke ukutya, hlamba izandla ngamanzi nesepha. b Zihlambisise kangangemizuzwana eyi-20. Hlamba umva wezandla zakho, uhlambe phakathi kweminwe yakho nangaphantsi kweenzipho. Zipure uze uzomise kakuhle izandla zakho.

  •   Sebenzisa isepha namanzi xa uhlamba into oza kunqunqela kuyo, izitya nayo nantoni oza kuyisebenzisa xa uphethe ukutya. Kuphephe nokunqunqela ukutya oza kukupheka kwinto enye nokutya ongazukukupheka.

  •   Hlamba ifruthi neveji, uze uzihlambisise ukuba bezinkcenkceshelwa ngamanzi amdaka.

 2. Sukudibanisa ukutya okuphekiweyo nokungaphekwanga.

 Ngoba? Iintsholongwane ezisekutyeni okungaphekwanga njengenyama zingakumosha okunye ukutya.

 Abezempilo bathi:

  •   Emva kokuthenga sukudibanisa ukutya okuphekiweyo nokungaphekwanga xa ugoduka, ingakumbi inyama, naxa uza kukubeka apho kuhlala khona.

  •   Emva kokusika inyama engekaphekwa, zihlambisise izandla zakho, imela, nento obunqunqela kuyo ngaphambi kokubeka okunye ukutya.

 3. Qiniseka ukuba ukupheka ixesha elaneleyo ukutya.

 Ngoba? Iintsholongwane eziyingozi ziyafa xa ukutya kuphekwa ngeqondo eliphezulu ngokwaneleyo.

 Abezempilo bathi:

  •   Kupheke ukutya kude kube shushu kakhulu. Xa upheka ukutya ingakumbi inyama, sebenzisa iqondo lobushushu elingu-70 imizuzwana eyi-30 ubuncinane.

  •   Qiniseka ukuba uyasibilisa isityu nesuphu.

  •   Ngaphambi kokuba utye ukutya ebekuphekiwe, qiniseka ukuba uyakufudumeza kube shushu kakhulu.

 4. Kugcine ukutya kukwiqondo elifanelekileyo.

 Ngoba? Ukuba ukutya kugcinwe kwiqondo eliphakathi kuka-5 no-60 kangangemizuzu eyi-20, iintsholongwane zinganinzi zide ziphindeke kabini. Kwakhona, ukuba inyama engekaphekwa ayibekwanga kwiqondo elifanelekileyo, ezinye iintsholongwane zingabangela ityhefu engazukuphela naxa seyiphekiwe.

 Abezempilo bathi:

  •   Kugcine ukutya kushushu okanye kubanda, kungabi dikidiki, ukuze zingandi iintsholongwane.

  •   Ungabokushiya ukutya nje endlini ngaphezu kweyure enye okanye ezimbini ukuba iqondo lasendlini lingaphezu ko-32.

  •   Emva kokuba ukutya kuphekiwe, kugcine kushushu de kuphakwe.

 Iindlela ezintathu zokutya ngendlela esempilweni

 1. Yitya iintlobo zefruthi neveji ezahlukeneyo yonke imihla.

 Ifruthi neveji zineevithamini, izakha mzimba nezinye izinto ezenza impilo ibe ngcono. I-WHO ithi umzimba wakho udinga iintlobo ezintlanu zefruthi neveji yonke imihla. Ezi ntlobo aziquki iveji efana namazambane.

 2. Kutye kancinci ukutya okunamafutha.

 I-WHO ikhuthaza abantu ukuba bangakutyi kakhulu ukutya okuqhotsiweyo nokunamafutha angekho sempilweni. Ukuba kunokwenzeka, pheka ukutya ngamafutha eveji engaxutywanga nanto. c La mafutha asempilweni kunamafutha axutyiweyo.

 3. Kutye kancinci ukutya okunetyiwa neswekile.

 I-WHO ikhuthaza abantu abadala ukuba bangatyi ityuwa engaphezu kwetispuni enye ngosuku. Iphinde ikhuthaze ukuba singatyi iswekile engaphezu kwetispuni eziyi-12 ngosuku. d Kusetyenziswa iswekile eninzi kakhulu xa kusenziwa ukutya needrinki ezingekho sempilweni. Ngokomzekelo, itoti yedrinki enemililitha eziyi-355 ineetispuni eziyi-10 zeswekile. Nangona iidrinki zineekhalori ezininzi azimncedi umntu abe sempilweni.

 IBhayibhile ithi: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe, kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.” (IMizekeliso 22:3) Ukuba ukhawuleza wenze ngobulumko kwindlela otya ngayo uze wenze utshintsho xa lufuneka, ubonisa uThixo ukuba uyabuxabisa ubomi nempilo.

 Ubuxoki obuqhelekileyo

 Ubuxoki: Ungakutya ukutya xa kukuhle, kunevumba elimnandi, ibe kumnandi.

 Inyaniso: Ukuze ilitha yamanzi ibonakale imdaka kufuneka ibe nebhakteriya ezingaphezu kwe-10 bhiliyoni, kodwa kwaiibhakteriya eziyi-15 ukuya kweziyi-20 zinokukugulisa. Ukuze uqiniseke ukuba ukutya needrinki zikhuselekile, kulungiselele uze ukugcine kwiqondo elicetyiswayo lobushushu.

 Ubuxoki: Iimpukane azikumoshi ukutya.

 Inyaniso: Iimpukane zisoloko zihlala kwinto emdaka njengelindle, ngoko kwiinyawo zazo zineentsholongwane ezizimiliyoni ezibangela izifo. Ukuze ukhusele ukutya kwakho kwiimpukane, kugqume kakuhle.

 Ubuxoki: “Bendisoloko ndisitya ukutya okungekho sempilweni ixesha elide, ngoko ayizukundinceda nganto into yokutshintsha indlela enditya ngayo.”

 Inyaniso: Abaphandi baye bafumanisa ukuba ukutya ngendlela esempilweni ngoku kungakunceda uphephe ukusweleka ngaphambi kwexesha ibe loo nto ingakunceda ube sempilweni.

a Iintsholongwane zizinto eziphilayo ezincinci ongenakukwazi ukuzibona ngamehlo. Ezinye zibhakteriya, izifo nezinye izinto eziyingozi. Ezinye iintsholongwane ziluncedo, kodwa ezinye ziyingozi ibe zingakubulala.

b Ukuzihlambisisa ngamanzi nesepha kususa iintsholongwane ezininzi kunokusebenzisa amanzi nje kuphela.

c La mafutha angaxutywanga awaqini xa esendlini.

d Le swekile iquka iswekile egalelwa kwihoney, kwisiraphu, nakwijusi. Apha akubhekiselwa kwiswekile efumaneka kwifruthi, kwiveji, nakubisi.