Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngomtshato?

Ithini IBhayibhile Ngomtshato?

Impendulo yeBhayibhile

 Emva kokuba uThixo edale indoda nomfazi wokuqala, wabatshatisa. Wenza umtshato waba yinto ekhethekileyo ephakathi kwendoda nomfazi, apho babeza kuba yintsapho kunye nabantwana babo.—Genesis 1:27, 28; 2:18.

 UThixo ufuna abantu abatshatileyo bonwabe. (IMizekeliso 5:18) IBhayibhile inemigaqo enokunceda imitshato iphumelele.

Kweli nqaku

 UThixo ufuna imitshato ibe njani?

 Kwasekuqaleni uThixo wenza umtshato wayinto ephakathi kwendoda nomfazi omnye. (Genesis 2:24) UThixo akasifuni isithembu, ukuthandana kwamadoda namadoda namabhinqa kunye namanye amabhinqa, nokuhlalisana. (1 Korinte 6:9; 1 Tesalonika 4:3) UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathobele imigaqo kaThixo ngomtshato.—Marko 10:6-8.

 KuThixo umtshato yinto engamele iphele. Xa abantu betshata baye bathembisane ukuthembeka nokuhlala kunye ubomi babo bonke. UThixo ulindele ukuba basigcine eso sithembiso.—Marko 10:9.

 Uthini ngokwahlukana nokudivosa?

 Ngamanye amaxesha indoda nomfazi bakhe bangabikho kunye, njengaxa omnye wabo eyokulungisa iingxaki zakokwabo. Kodwa iBhayibhile ayikukhuthazi ukwahlukana kuba nineengxaki emtshatweni. Kunoko, ikhuthaza ukuba abantu abatshatileyo abaneengxaki bazame ukuzilungisa.—1 Korinte 7:10.

 Ukukrexeza sesona sizathu sivunyelwa yiBhayibhile sokudivosa. (Mateyu 19:9) Yiloo nto xa umyeni nomfazi besohlukana okanye bedivosa kungakhange kubekho mntu ukrexezileyo kubo, bengavunyelwa ziZibhalo ukuba bathandane nabanye abantu okanye baphinde batshate nabanye.—Mateyu 5:32; 1 Korinte 7:11.

 Ngaba umtshato umele ubhaliswe ngokusemthethweni ukuze uvuyise uThixo?

 UThixo ulindele ukuba amaKristu athobele imithetho yabasemagunyeni enento yokwenza nemitshato. (Tito 3:1) Ukuba abantu abatshatayo bayakwazi ukubhalisa umtshato wabo ngokusemthethweni, babonisa ukuba bayabahlonipha abasemagunyeni ngokuyenza loo nto. Enye into, babonisa nokuba bayayihlonipha indlela uThixo awujonga ngayo umtshato, kuba ufuna bangaze bohlukane. a

 IBhayibhile ithi yintoni umsebenzi wendoda nomfazi?

  •   Izinto ezimele zenziwe ngumyeni nomfazi. Abayeni nabafazi bamele baphathane ngothando nangembeko. (Efese 5:33) Bafanele bahoyane ngokwabelana ngesondo ngothando xa omnye wabo edinga njalo, ibe banyaniseke ngandlela zonke. (1 Korinte 7:3; Hebhere 13:4) Ukuba banabantwana, ngumsebenzi wabo bobabini ukubakhulisa.—IMizekeliso 6:20.

     IBhayibhile ayichazi ukuba abantu abatshatileyo bamele benze njani ngomsebenzi wempangelo nangemisebenzi yasekhaya. Banokwenza isigqibo bobabini ngento eza kunceda intsapho yabo.

  •   Umsebenzi womyeni. IBhayibhile ithi “umyeni uyintloko yomfazi wakhe.” (Efese 5:23) Uyintloko kuba nguye omele akhokele intsapho yakhe aze enze izigqibo eziza kunceda umfazi wakhe nabantwana babo.

     Umyeni kufuneka aqiniseke ukuba banazo izinto abazidingayo ukuze babe sempilweni, bonwabe, ibe basondele kuThixo. (1 Timoti 5:8) Umele abonise ukuba uyabuthanda ubuntu bomfazi wakhe ibe uyazixabisa izinto azenzayo ngokusebenzisana naye, nangokucingisisa ngezinto umfazi wakhe azicebisayo, nendlela aziva ngayo xa ezokwenza izigqibo. (IMizekeliso 31:11, 28) IBhayibhile ithi umyeni umele enze indima yakhe ngendlela ebonisa uthando.—Kolose 3:19.

  •   Umsebenzi womfazi. IBhayibhile ithi “umfazi umele amhloniphe kakhulu umyeni wakhe.” (Efese 5:33) UThixo uyavuya xa umfazi ewuhlonipha umsebenzi onikwe umyeni wakhe.

     Umfazi umele ancedise umyeni wakhe ukuze enze izigqibo ezifanelekileyo aze amxhase njengentloko. (Genesis 2:18) IBhayibhile imncoma kakhulu umfazi owenzayo umsebenzi wakhe obalulekileyo emtshatweni.—IMizekeliso 31:10.

 Ngaba uThixo uthi kunyanzelekile ukuba abantu abatshatileyo babe nabantwana?

 Hayi. Kudala, uThixo wayeyalele abakhonzi bakhe ukuba babe nabantwana. (Genesis 1:28; 9:1) Kodwa lo myalelo awusebenzi kumaKristu. UYesu zange ayalele abalandeli bakhe ukuba babe nabantwana. Nabafundi bakhe bokuqala nabo zange bathi abantu abatshatileyo bamele babe nabantwana. Abantu abatshatileyo banokuzenzela ngokwabo isigqibo sokuba baza kuba nabo na.

 IBhayibhile ingawunceda njani umtshato wam?

 IBhayibhile inemigaqo enokunceda abantu baqale umtshato wabo kakuhle. Amacebiso ayo anokunceda abantu abatshatileyo baphephe okanye bakwazi ukulungisa iingxaki.

 Imigaqo yeBhayibhile inokunceda abantu abatshatileyo . . .

a Ukuze wazi ukuba ithini iBhayibhile ngemitshato yesintu, funda iMboniselo kaOktobha 15, 2006, iphepha 21, isiqendu 12.