Eyokuqala KaPetros 4:1-19

  • Philela ukwenza ukuthanda kukaThixo njengoKristu (1-6)

  • Isiphelo sayo yonke into sisondele (7-11)

  • Ukutshutshiswa kuba ungumKristu (12-19)

4  UKristu wehlelwa zizinto ezibuhlungu+ xa wayenomzimba wenyama, nani ke zimiseleni ukucinga njengoKristu; kuba xa umntu esehlelwa zizinto ezibuhlungu, uyekile ukona,+  ukuze angaphileli ukwenza ngokweminqweno yabantu,+ kodwa aphilele ukwenza ukuthanda kukaThixo ngoxa esenomzimba wenyama.+  Kuba lanele ixesha enilichithe nisenza ukuthanda kweentlanga,+ niziphethe ngokungenazintloni,* nineminqweno engalawulekiyo, nisela kakhulu, nihamba iipati ezingalawulekiyo, nikhuphisana ngokusela utywala, nikhonza izithixo ngendlela eyenyanyekayo.*+  Babhidekile kuba ningasaphili ubomi obumdaka bokuziphatha kakubi njengabo, ngoko bahamba bethetha kakubi ngani.+  Kodwa abo bantu baza kuphenduliswa ngulowo uza kugweba abaphilayo nabafileyo.+  Yiloo nto iindaba ezilungileyo zashunyayelwa nakubantu abafileyo,+ ukuze nangona begwetywa ngabantu benemizimba yenyama, baphile phambi kwamehlo kaThixo bekhokelwa ngumoya wakhe.  Kodwa isiphelo sayo yonke into sisondele. Ngoko ke yibani ngabaphilileyo engqondweni,+ nihlale nikulungele ukuthandaza.+  Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Thandanani ngokusuka entliziyweni,+ kuba uthando logquma izono ezininzi.+  Yenzelanani ububele ngaphandle kokukhalaza.+ 10  Njengokuba mntu ngamnye enikwe isiphiwo, makasisebenzise ukuze ancede abanye, njengommeli wobubele bukaThixo* obubonakaliswe ngeendlela ezininzi.+ 11  Ukuba umntu uyathetha makathethe izinto ezisuka kuThixo; nabani na onceda abantu makabancede exhomekeke kumandla avela kuThixo,+ ukuze uThixo azukiswe kwinto yonke+ ngoYesu Kristu. Uzuko namandla ngawakhe ngonaphakade kanaphakade. Amen. 12  Bazalwana endibathandayo, sanukumangaliswa ziintshutshiso ezingathi ngumlilo ezinehlelayo,+ ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga. 13  Kunoko, mazinivuyise+ iintshutshiso enizifumanayo ngenxa yokuba nikunye noKristu,+ ukuze nonwabe kakhulu ngexesha lokubonakala kozuko lwakhe.+ 14  Nimele nonwabe xa kuthethwa kakubi ngani* ngenxa yegama likaKristu,+ kuba umoya kaThixo ozukileyo uphezu kwenu. 15  Noko ke, makungabikho namnye kuni ova ubunzima ngenxa yokuba engumbulali okanye isela okanye umenzi-bubi okanye ugqada-mbekweni ezintweni zabantu.+ 16  Kodwa ukuba nabani na uva ubunzima kuba engumKristu, makangaziva ehlazekile,+ kodwa makaqhubeke ezukisa uThixo ngokuphila njengomKristu. 17  Kaloku ngoku lixesha lokuba umgwebo uqale ngendlu kaThixo.+ Ukuba ke uqala ngathi,+ kobeka phi ke kwabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo zikaThixo?+ 18  “Yaye ukuba umntu olilungisa usindiswa nzima, kobeka phi ke kuboni nabantu abangamthobeliyo uThixo?”+ 19  Ngoko ke, abo beva ubunzima kuba besenza ukuthanda kukaThixo, mabahlale bethembele kuMdali othembekileyo, baqhubeke besenza okulungileyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngokuqaqadeka.” NgesiGrike, a·selʹgei·a. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “engekho mthethweni.”
Okanye “wobubele bukaThixo obungasifanelanga.”
Okanye “xa nithukwa.”