Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intsebenziswano ifuna nifane nomqhubi wenqwelo-moya nomncedisi wakhe abasebenzisa imaphu enye

KUMYENI NENKOSIKAZI

2: Ukusebenzisana

2: Ukusebenzisana

KUTHETHA NTONI?

Xa umyeni nenkosikazi yakhe besebenzisana, benza izinto njengomqhubi wenqwelo-moya nomncedisi wakhe abasebenzisa imaphu enye. Naxa kuvela iingxaki, bobabini bacinga ngecebo eliza kubasebenzela bobabini.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Abasebabini, kodwa banyama-nye.”​—Mateyu 19:6.

“Umntu akazigqibeli yedwa emtshatweni. Umyeni nenkosikazi bamele basebenzisane ukuze bahlale kakuhle ekhaya.”​—Christopher.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Xa kuvela ingxaki, umyeni nenkosikazi abangasebenzisaniyo badla ngokuhlaselana kunokuba bahlasele ingxaki leyo. Into encinci nje iba yingxaki enkulu.

“Intsebenziswano ngundoqo emtshatweni. Ukuba ngamnye kuthi ebesenza loo nto ayicingayo, mna nomyeni wam besiya kufana nje nabantu abahlala kunye, kodwa abangavaniyo ngezigqibo ezibalulekileyo.”—Alexandra.

YINTONI ONOKUYENZA?

KHAWUZIBUZE LE MIBUZO

  • Ekubeni ndiphangela, ngaba imali endiyamkelayo ndiyijonga “njengeyam yonke”?

  • Ngaba ukuze ndiphumle kufuneka ndibe kude nomyeni okanye nenkosikazi yam?

  • Ngaba ndihambela kude nabantu basebukhweni nangona umyeni okanye inkosikazi yam yona isondele kubo?

THETHA NGEZI ZINTO NOMYENI OKANYE INKOSIKAZI YAKHO

  • Ziziphi izinto emtshatweni wethu esisebenzisanayo kuzo?

  • Singalungisa phi?

  • Singenza ntoni ukuze sisebenzisane?

NANGA AMACEBISO

  • Khawube nombono wakho ukhuphisana nenkosikazi okanye nomyeni wakho kumdlalo wentenetya. Cinga ngezinto onokuzenza ukuze nibe kwicala elinye.

  • Kunokuba uthi, ‘Ndingenza njani ukuze ndiphumelele?’ yithi ‘Ndingenza njani ukuze siphumelele sobabini?’

“Khawume ngokuzikhathaza ngokuba ngubani owenze kakuhle ingubani ongenzanga kakuhle. Loo nto ayibalulekanga ukugqitha uxolo nomanyano emtshatweni wakho.”​—Ethan.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Nyamekelani, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’​—Filipi 2:3, 4.