Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzimisela ngomtshato wakho kufana neankile eyenza umtshato wenu uzinze naxa kunzima

KUMYENI NENKOSIKAZI

1: Ukuzimisela

1: Ukuzimisela

KUTHETHA NTONI?

Abantu abatshatileyo abazimiseleyo ngemitshato yabo bayithatha njengento engamele iphele, ibe loo nto ibenza baqiniseke ngobomi babo. Umyeni nenkosikazi bayathembana ukuba baza kuhlala emtshatweni wabo, nokuba kunzima.

Abanye abantu abatshatileyo baye bazive benyanzelekile ukuba bahlale kunye kuba besoyika abantu okanye iintsapho zabo. Kodwa kubhetele kakhulu ukuzimisela emtshatweni wakho kuba umthanda kwaye umhlonela loo mntu utshate naye.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Indoda ayifanele imshiye umfazi wayo.”—1 Korinte 7:11.

“Xa uzimisele ngomtshato wakho awubi nochuku. Uyakhawuleza ukucela uxolo, ukhawuleze nokuxolela. Iingxaki awuziboni njengezinto ezingawuchitha umtshato, kodwa uzibona njengemiqotyana nje.”—Micah.

KUTHENI KUBALULEKILE NJE?

Xa abantu abangazimiselanga ngomtshato wabo besiba neengxaki, kulula ukuba bathi, ‘Besingafanelani kakade,’ baze bakhangele indlela yokuwuchitha umtshato wabo.

“Abantu abaninzi batshata besazi ukuba likho icebo ‘lokuphuncula,’ uqhawulo-mtshato. Xa abantu becinga ngokuqhawula umtshato bengekatshati nokutshata, baye bangazimiseli kangako ngawo.”​—Jean.

YINTONI ONOKUYENZA?

KHAWUZIBUZE LE MIBUZO

Xa kukho into eningavumelani ngayo . . . 

  • Ngaba uye uzisole ngokutshata nalo mntu utshate naye?

  • Ngaba ukhe uzibone utshate nomnye umntu?

  • Ngaba ukhe uthethe amazwi anjengathi “Masohlukane ngoku” okanye “Ndiza kufumana umntu obhetele kunawe”?

Ukuba uthe ewe komnye wale mibuzo, khawuzame ukuzimisela ngomtshato wakho.

THETHA NGEZI ZINTO NOMYENI OKANYE INKOSIKAZI YAKHO

  • Ngaba asisazimiselanga ngomtshato wethu? Ukuba kunjalo, kutheni?

  • Yintoni esingayenza ngoku ukuze sizimisele ngomtshato wethu?

NANGA AMACEBISO

  • Mbhalele amazwana abonisa ukuba uyamthanda umyeni okanye inkosikazi yakho

  • Bonisa ukuba uzimisele ngomtshato wakho ngokuhombisa ngeefoto zomntu otshate naye kwidesika yakho emsebenzini

  • Mfowunele yonke imihla xa usemsebenzini okanye ningekho kunye

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”​—Mateyu 19:6.