Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | ABAKHWELI BAMAHASHE ABANE—KUTHETHA NTONI UKUPHALISA KWABO KUWE?

Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

Abakhweli Bamahashe Abane—Ngoobani?

Aba bakhweli bamahashe bane basenokubonakala bengaqhelekanga ibe besoyikeka, kodwa akufanelanga kube njalo. Ngoba? Ngenxa yokuba iBhayibhile nezinto eziye zenzeka kule minyaka idlulileyo zibonisa oko kuthethwa lihashe ngalinye. Nangona ukuphala kwawo kubonisa izinto ezimbi ezenzeka emhlabeni, kusenokukunceda wena nentsapho yakho. Njani? Masiqale ngokuchaza into ethethwa lihashe ngalinye.

UMKHWELI WEHASHE ELIMHLOPHE

Lo mbono uqala ngale ndlela: “Ndabona nalo ihashe elimhlophe; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesaphetha; yaye wanikwa isithsaba, waza waphuma esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.”—ISityhilelo 6:2.

Ngubani okhwele ihashe elimhlophe? IBhayibhile kwincwadi yeSityhilelo isinceda simazi ukuba ngubani, ithi “nguLizwi likaThixo.” (ISityhilelo 19:11-13) Kaloku, nguYesu Kristu ochazwa njengoLizwi kuba usisithethi sikaThixo. (Yohane 1:1, 14) Ukwabizwa ngokuba ‘nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi’ kuze kuthiwe “nguThembekile, nguNyaniso.” (ISityhilelo 19:16) Kucacile ukuba ungukumkani owoyisayo ibe igunya lakhe akalisebenzisi kakubi. Sekunjalo, kukho eminye imibuzo.

Ngubani onike uYesu igunya lokoyisa? (ISityhilelo 6:2) Embonweni, umprofeti uDaniyeli wabona uMesiya ‘onjengonyana womntu, enikwa ulawulo nesidima nobukumkani nguNyangelemihla,’ uYehova uThixo. * (Daniyeli 7:13, 14) Ngoko nguThixo uSomandla owanika uYesu amandla, negunya lokulawula nelokugweba abantu. Ihashe elimhlophe liyimela kakuhle imfazwe yobulungisa eyenziwa nguNyana kaThixo. NeZibhalo zidla ngokusebenzisa umbala omhlophe xa zithetha ngobulungisa.—ISityhilelo 3:4; 7:9, 13, 14.

Abakhweli bamahashe baqalisa nini ukuwaphalisa? UYesu, umkhweli wokuqala, uqalisa ukuphalisa ihashe akufumana isithsaba. (ISityhilelo 6:2) Wasifumana nini ke isithsaba waza waba nguKumkani ezulwini? Akazange asifumane zisuka nje, akubuyela ezulwini. IBhayibhile ithi wafika walinda. (Hebhere 10:12, 13) UYesu waxelela abalandeli bakhe izinto ababeza kubona ngazo xa lifikile elo xesha yaye eqalisa ukulawula ezulwini. Wathi xa eqalisa ukulawula, iimeko zehlabathi zaziya kutshintsha ngokukhawuleza. Kwakuza kubakho iimfazwe, ukunqaba kokutya nezifo ezibulalayo. (Mateyu 24:3, 7; Luka 21:10, 11) Emva kweMfazwe Yehlabathi Yokuqala eyaqalisa ngo-1914, kwacaca ukuba lifikile ixesha lobunzima, iBhayibhile elibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-5.

Kutheni kuye kwenzeka izinto ezimbi kakhulu nje emva kokuba uYesu eqalise ukulawula ngo-1914? Kaloku ngelo xesha, uYesu wayeqalisa ukulawula ezulwini kungekhona emhlabeni. Kwabakho imfazwe ezulwini ibe uKumkani omtsha, uYesu obizwa ngokuba nguMikayeli waphosa uSathana needemon zakhe emhlabeni. (ISityhilelo 12:7-9, 12) USathana ophoswe emhlabeni, ebenomsindo ukususela ngelo xesha kuba uyazi ukuba iintsuku zakhe zibaliwe. Kusele ithutyana ngaphambi kokuba uThixo amtshabalalise uSathana. (Mateyu 6:10) Ngoku makhe sibone indlela abasinceda ngayo abanye abakhweli-mahashe abathathu ukuze sibone ukuba siphila kwixesha lobunzima, ekuthiwa ‘yimihla yokugqibela.’ Ngokungafaniyo nomkhweli wehashe lokuqala, omela umntu othile, bona aba bathathu bamela iimeko zehlabathi eziye zagqugqisa.

UMKHWELI WEHASHE ELIBOMVU

“Kwaphuma elinye ihashe elimbala ubumlilorha; lowo wayehleli phezu kwalo wanikwa ukuba asuse uxolo emhlabeni ukuze babulalane ngogonyamelo; wanikwa nekrele elikhulu.”—ISityhilelo 6:4.

Umkhweli walo umela imfazwe. Phawula ukuba ususa uxolo kungekuphela nje kwizizwe ezithile kodwa emhlabeni wonke. Ngo-1914, kwabakho imfazwe yehlabathi lonke, into engazange ibekho ngaphambili. Kwalandela imfazwe yehlabathi yesibini, eyonakalisa nangakumbi kuneyokuqala. Kuqikelelwa ukuba bangaphezu kwezigidi eziyi-100 abantu abaye babulawa ziimfazwe ukususela ngo-1914! Abanye abantu abaninzi baye bangxwelerheka kabuhlungu.

Zingakanani iimfazwe ezikhoyo namhlanje? Ngoku, kucingelwa ukuba izixhobo ezikhoyo zeemfazwe zingabatshayela bathi tu bonke abantu emhlabeni. Kwanemibutho eyenzelwe ukugcina uxolo efana neZizwe Ezimanyeneyo akukho nto inokuyenza ukunqanda ukuphala kweli hashe.

UMKHWELI WEHASHE ELIMNYAMA

“Khangela! ndabona nalo ihashe elimnyama; lowo wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe. Ndaza ndeva ilizwi ngokungathi kuphakathi kwezidalwa eziphilayo ezine lisithi: ‘Ilitha yengqolowa iya kubiza idenariyo, neelitha ezintathu zerhasi zibize idenariyo; ioli yomnquma newayini uze ungayonakalisi.’”—ISityhilelo 6:5, 6.

Umkhweli weli ihashe umela indlala. Sibona ukutya kunqabe kangangokuba ilitha yengqolowa ibiza idenariyo, imali eyayifunyanwa ngumntu xa esebenze imini yonke ngenkulungwane yokuqala! (Mateyu 20:2) Kwale mali yayinokuthenga iilitha ezintathu zerhasi, ukutya okuziinkozo okwakujongelwa phantsi kunengqolowa. Ngaba oko kutya kwakunokuyanela intsapho enkulu? Ngoko abantu kuthiwa mababophe ibhanti nkqu nakukutya okuxhaphakileyo, ngelo xesha okwakufaniswa neoli yomnquma newayini.

Ukususela ngo-1914, bukhona ubungqina obubonisa ukuba umkhweli wehashe elimnyama uyaliphalisa? Ewe! Bamalunga nezigidi eziyi-70 abantu ababulewe yindlala kwiminyaka yoo-1900. Enye ingcali iqikelela ukuba “ukususela ngo-2012 ukuya ku-2014, kubantu abazizigidi eziyi-805 ehlabathini, malunga nomnye kwabasithoba, bebebhuqwa yindlala.” Olunye uphando luthi: “Xa kunokudityaniswa inani labantu ababulewe yi-AIDS, isifo seengcongconi ne-TB, ababulewe yindlala banokulodlula lee elo nani.” Nangona kusenziwa iinzame zokuphelisa indlala, umkhweli wehashe elimnyama uqhubeka eliphalisa.

UMKHWELI WEHASHE ELILUTHUTHU

“Khangela! nalo ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe. Kwaye iHadesi yayimlandela ngokusondeleyo. Banikwa igunya phezu kwenxalenye yesine yomhlaba, lokubulala ngekrele elide nangokunqongophala kokutya nangesibetho esibulalayo nangamarhamncwa omhlaba.”—ISityhilelo 6:8.

Umkhweli wehashe lesine umela ukufa okubangelwa zizifo nezinye izinto. Emva ko-1914, umbathalala wabulala amashumi ezigidi zabantu. Kusenokwenzeka ukuba abantu abazizigidi eziyi-500 baye bosulelwa sesi sifo. Loo nto ithetha ukuba umntu omnye kwabathathu ababephila ngelo xesha wayenesi sifo!

Umbathalala wawungeyonto xa uthelekiswa nezalandelayo. Abaphandi baqikelela ukuba bangamakhulu ezigidi abantu ababulawa yingqakaqha (smallpox) kwiminyaka yoo-1900. Namhlanje, izigidi zabantu zibulawa yi-AIDS, i-TB, nesifo seengcongconi, nangona oogqirha bebila besoma besenza uphando.

Enoba kungenxa yeemfazwe, indlala nezifo ezibulalayo, kuyafiwa qha. Ingcwaba liqhubeka liqokelela ngokungenalusizi konke nje okuphambi kwalo.

IZINTO ZIZA KULUNGA!

La maxesha siphila kuwo obunzima sele eza kuphela. Khumbula kaloku: UYesu “waphuma esoyisa” ngo-1914, waphosa uSathana emhlabeni, kodwa wayengekagqibi ukoyisa. (ISityhilelo 6:2; 12:9, 12) Kungekudala, ngeArmagedon, uYesu uza kumsusa uSathana aze atshabalalise nabantu bakhe. (ISityhilelo 20:1-3) UYesu akazukuphelisa ukuphaliswa kwamahashe amathathu ngabakhweli bawo nje kuphela kodwa uza kulungisa neengxaki ezibangelwe kukuphaliswa kwawo. Njani? Khawuve oko kuthenjiswa yiBhayibhile.

Endaweni yemfazwe, kuza kubakho uxolo. UYehova ‘uphelisa iimfazwe emhlabeni wonke. Waphula isaphetha nomkhonto.’ (INdumiso 46:9) Abantu abathanda uxolo, ‘baya kuziyolisa ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’—INdumiso 37:11.

Endaweni yendlala, kuza kubakho ukutya okuninzi. “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—INdumiso 72:16.

UYesu uza kulungisa wonke umonakalo obangelwe ngaba bakhweli bamahashe amathathu

Endaweni yezifo ezibulalayo nokufa, bonke abantu baza kuphila qete ngonaphakade. UThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.

Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wasikrobisa kwizinto aza kuzenza kwixesha elizayo, xa elawula. Wayenoxolo, esondla amawaka, ephilisa abagulayo, wade wavusa nabafileyo.—Mateyu 12:15; 14:19-21; 26:52; Yohane 11:43, 44.

AmaNgqina kaYehova angathanda ukukubonisa kweyakho iBhayibhile oko unokukwenza ukuze ulungele ukuyeka kwala madoda ukuphalisa amahashe. Ungathanda ukufunda okungakumbi?

^ isiqe. 7 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.