Kubalisa uLuka 21:1-38

  • Iisentana ezimbini zomhlolokazi olihlwempu (1-4)

  • INDLELA YOKUBONA IZINTO EZIZA KWENZEKA5-36)

    • Iimfazwe, iinyikima ezinkulu, izifo ezingubhubhani, indlala (10, 11)

    • IYerusalem irhangqwe ngamajoni (20)

    • Ixesha elinikwe iintlanga (24)

    • Ukuza koNyana womntu (27)

    • Umzekelo womthi wamafiya (29-33)

    • Hlalani nithe qwa (34-36)

  • UYesu ufundisa etempileni (37, 38)

21  UYesu wathi xa ephakamisa amehlo, wabona izityebi zifaka iminikelo kwiibhokisi zemali.+  Wabona nomhlolokazi olihlwempu efaka iisentana ezimbini,*+  waza wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, lo mhlolokazi ufake imali eninzi ngaphezu kwabo bonke aba abantu.+  Kaloku bonke bathathe kwimali eshiyekileyo, kodwa yena, ehlupheka enjalo, unikele ngemali yakhe yokugqibela.”+  Ethubeni, xa abanye abantu babethetha ngendlela ehonjiswe kakuhle ngayo itempile ngamatye odidi nangezinye izinto ezinikelweyo,+  wathi: “Ngenye imini akuzukubakho nelinye ilitye elingazukudilizwa.”+  Bambuza besithi: “Mfundisi, ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa sele ziza kwenzeka?”+  Wathi: “Lumkani kungabikho mntu unilahlekisayo,+ kuba baninzi abaza kuza egameni lam, besithi ‘Ndinguye,’ nabathi, ‘Ixesha lisondele.’ Ze ningabalandeli.+  Ngaphezu koko, xa nisiva ngeemfazwe neziphithiphithi, ze ningoyiki. Ezi zinto zimele ziqale zenzeke, kodwa isiphelo asizukufika ngoko nangoko.”+ 10  Emva koko wathi kubo: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga,+ amazwe alwe namanye amazwe.+ 11  Kuza kubakho iinyikima ezinkulu, kubekho indlala nezifo ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo;+ kuza kubakho izinto ezoyikekayo nemimangaliso emikhulu esibhakabhakeni. 12  “Kodwa ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, abantu baza kunibamba, banitshutshise,+ banise kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda* nasejele. Niza kumiswa phambi kookumkani nabalawuli ngenxa yegama lam.+ 13  Loo nto iza kuninika ithuba lokushumayela. 14  Ngoko ningazami ukunkqaya ukuba niza kuzithethelela njani,+ 15  kuba ndiza kuninika amazwi obulumko abangazukukwazi ukuwaphikisa bonke abantu abalwa nani.+ 16  Niza kujikelwa nangabazali, abantakwenu, abantu enizalana nabo nabahlobo benu, babulale nabanye benu,+ 17  ibe niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam.+ 18  Kodwa akuzukuwa nonwele olu kwiintloko zenu.+ 19  Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.+ 20  “Kodwa ke, xa nibona iYerusalem irhangqwe ziintente zamajoni,+ ze nazi ukuba sele iza kutshatyalaliswa.+ 21  Ngoko abantu bakwaYuda mababalekele ezintabeni,+ abo bangaphakathi eYerusalem mabaphume, nabo basezilalini mabangangeni ngaphakathi, 22  kuba eli lixesha lokohlwaywa kwabantu nguThixo,* ukuze zenzeke zonke izinto ezibhaliweyo. 23  Baza kuthi shu ngezo mini abafazi abakhulelweyo nabadlezana!+ Kuza kube kunzima kakhulu kweli lizwe, kuba liza kube lisohlwaywa. 24  Abantu balo baza kubulawa ngekrele, bathinjwe basiwe kuzo zonke iintlanga;+ neYerusalem iza kunyathelwa ziintlanga, lide liphele ixesha ezilinikiweyo.+ 25  “Kuza kubonakala imimangaliso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini,+ nabantu abasemhlabeni baza kungcungcutheka ngenxa yokugquma kolwandle nokuyaluzela kwalo. 26  Abantu baza kuphelelwa ngamandla ngenxa yokoyika izinto eziza kwenzeka emhlabeni, kuba isibhakabhaka siza kudlikidlwa. 27  Ngoko abantu baza kumbona uNyana womntu+ esiza ngelifu, enamandla nozuko olukhulu.+ 28  Kodwa xa ziqala ukwenzeka ezi zinto, yimani nkqo niphakamise iintloko zenu, kuba seniza kusindiswa.” 29  Emva koko, uYesu wabenzela lo mzekelo: “Khanicinge ngomthi wamafiya* nangeminye imithi.+ 30  Xa niyibona imila amathupha, niye nazi ukuba ihlobo likufutshane. 31  Nani ke, xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele. 32  Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze sidlule esi sizukulwana zingenzekanga zonke ezi zinto.+ 33  Liza kudlula izulu nomhlaba, kodwa wona amazwi am soze adlule.+ 34  “Gadani iintliziyo zenu, zingasindwa kukutya kakhulu nokusela kakhulu+ nangamaxhala obomi,+ ize loo mini iniqubule, 35  inibambise ningalindelanga.*+ Kuba iza kubafikela bonke abantu abasemhlabeni. 36  Ngoko ke, hlalani nithe qwa,+ nimcenga ngalo lonke ixesha uThixo,+ ukuze nisinde kuzo zonke izinto ezimele zenzeke, nikwazi nokuma phambi koNyana womntu.”+ 37  Ngoko emini wayefundisa etempileni, aze ebusuku aye entabeni ebizwa ngokuba yiNtaba YemiNquma. 38  Wonke umntu wayesiya etempileni ekuseni eyokummamela.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “iilepta ezimbini.” Le yimali encinci kakhulu. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “kuba le yimihla yempindezelo.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “njengomgibe.”