Yiya kwinkcazelo

Ubalo Maxesha LweBhayibhile Lubonisa Ntoni Ngonyaka Ka-1914?

Ubalo Maxesha LweBhayibhile Lubonisa Ntoni Ngonyaka Ka-1914?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ubalo maxesha lweBhayibhile lubonisa ukuba uBukumkani bukaThixo bamiselwa ezulwini ngo-1914. Oku kuboniswa kwisiprofeto esibhalwe kwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli isahluko 4.

Makhe siqwalasele esi siprofeto. UThixo wabangela ukumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare aphuphe ngesiprofeto somthi omkhulu ogawuliweyo. Isiphunzi salo mthi sathintelwa ukuba sikhule kangangethuba ‘elingamaxesha asixhenxe,’ emva koko sasiya kuphinda sikhule.—Daniyeli 4:1, 10-16.

Inzaliseko yokuqala yesi siprofeto. Lo mthi mkhulu wawumela uKumkani uNebhukadenetsare uqobo. (Daniyeli 4:20-22) Ngendlela efuziselayo, ‘wagawulwa’ xa wamkelwa ziingqondo nabubukumkani bakhe kangangeminyaka esixhenxe. (Daniyeli 4:25) Xa uThixo wambuyisela ezingqondweni uNebhukadenetsare wabuya walawula waza waludumisa ulawulo lukaThixo.—Daniyeli 4:34-36.

Ubungqina bokuba esi siprofeto sinenzaliseko engakumbi. Injongo yesi siprofeto yayikukuba “abantu abaphilayo bazi ukuba Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu yaye ubunika lowo athanda ukumnika, nkqu noyena uphantsi ebantwini.” (Daniyeli 4:17) Ngaba uThixo wayeza kukhetha uNebhukadenetsare onekratshi ukuba alawule kwesi sikhundla? Akunjalo, kuba ngaphambilana uThixo wayemnike isiprofeto esebenzisa iphupha, sona esibonisa ukuba uNebhukadenetsare okanye nawuphi na omnye umlawuli wepolitiki wayengasoze abe nguloo kumkani. Endaweni yoko, uThixo wayeya ‘kumisela ubukumkani obungenakuze bonakaliswe.’—Daniyeli 2:31-44.

Ngaphambilana, uThixo wamisela ubukumkani ukuze bumele ulawulo lwakhe apha emhlabeni: uhlanga lwamandulo lukaSirayeli. UThixo wabuvumela ‘bonakala’ obo bukumkani kuba abalawuli babo babengathembekanga, kodwa waxela kwangaphambili ukuba olo lawulo wayeya kulunika “lowo unelungelo elisemthethweni.” (Hezekile 21:25-27) IBhayibhile yalatha kuYesu Kristu njengalowo unelungelo elisemthethweni lokufumana obu bukumkani bungasoze buphele. (Luka 1:30-33) Ngokungafaniyo noNebhukadenetsare, uYesu ‘uthobekile ngentliziyo,’ njengokuba kwaxelwa kwangaphambili.—Mateyu 11:29.

Umela ntoni umthi okuDaniyeli isahluko 4? Ngamanye amaxesha eBhayibhileni imithi idla ngokufuzisela ulawulo. (Hezekile 17:22-24; 31:2-5) Enye inzaliseko kaDaniyeli isahluko 4, yeyokuba umthi omkhulu ufuzisela ulawulo lukaThixo.

Kuthetha ukuthini ukugawulwa komthi? Njengokuba ukugawulwa komthi kumela ukuphazanyiswa kolawulo lukaNebhukadenetsare, kukwamela nokuphazanyiswa kolawulo lukaThixo. Oku kwenzeka xa uNebhukadenetsare watshabalalisa iYerusalem, apho ookumkani bakaSirayeli babehleli “etroneni kaYehova” njengabameli bakaThixo.—1 Kronike 29:23.

Amela ntoni “amaxesha asixhenxe”? “Amaxesha asixhenxe” amela ixesha uThixo aye wavumela ngalo iintlanga zilawule emhlabeni zize zingaphazanyiswa bobunye ubukumkani abumiseleyo. “Amaxesha asixhenxe” aqala ngo-Oktobha 607 B.C.E., xa iYerusalem yatshatyalaliswa yiBhabhiloni, ngokutsho kwendlela iBhayibhile ewabala ngayo amaxesha. a2 Kumkani 25:1, 8-10.

Lide kangakanani ithuba ‘elingamaxesha asixhenxe’? Ayinakwenzeka into yokuba eli thuba libe yiminyaka esixhenxe njengakwimeko kaNebhukadenetsare. UYesu wasinika intluva yobude beli thuba xa wathi, ‘IYerusalem [emela ulawulo lukaThixo] iya kunyathelwa ziintlanga, ade azaliseke amaxesha amisiweyo eentlanga.’ (Luka 21:24) “Amaxesha amisiweyo eentlanga,” lithuba aya kuthi ngalo uThixo avumele ulawulo lwakhe ‘lunyathelwe ziintlanga,’ kwaye liyafana “namaxesha asixhenxe” akuDaniyeli isahluko 4. Oku kuthetha ukuba “amaxesha asixhenxe,” ayengekapheli ngexesha uYesu wayesemhlabeni.

IBhayibhile isinika indlela yokubala la ‘maxesha asixhenxe’ ekuprofetwe ngawo. Ithi “amaxesha” amathathu anesiqingatha alingana neentsuku eziyi-1 260, ngoko “amaxesha asixhenxe” amele aliphinda-phinde kabini eli nani libe ziintsuku eziyi-2 520. (ISityhilelo 12:6, 14) Xa sisebenzisa umthetho wesiprofeto othi “usuku lube ngunyaka,” sifumanisa ukuba iintsuku eziyi-2 520 zimela iminyaka eyi-2 520. Ngoko “amaxesha asixhenxe” okanye iminyaka eyi-2 520 yayiya kuphela ngo-Oktobha 1914.—Numeri 14:34; Hezekile 4:6.

a Ukuze ufumane enye inkcazelo ngesizathu sokuba kusetyenziswe unyaka ka-607 B.C.E, funda inqaku elithi, “Yatshatyalaliswa Nini IYerusalem Yamandulo?—Inxalenye Yokuqala,” kwiphepha 26-31 leMboniselo kaOktobha 1, 2011, nelithi “Yatshatyalaliswa Nini IYerusalem Yamandulo?—Inxalenye Yesibini,” kwiphepha 22-28 kwiMboniselo kaNovemba 1, 2011.