Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe kwisebe laseJapan (ekhohlo) kuze kwandiswe nesebe laseAngola (ekunene)

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Umsebenzi Wokwakha Usinceda Sishumayele

Umsebenzi Wokwakha Usinceda Sishumayele

OKTOBHA 20, 2023

 IQumrhu Elilawulayo lizimisele ukusebenzisa iminikelo ukuze kubekho izakhiwo ezisinceda senze umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ngokomzekelo, kunyaka wenkonzo ka-2023 iiOfisi zamaSebe emhlabeni wonke zisebenzise imali engaphezu kwe-R9 bhiliyoni kwiinkampani ukuze zithenge, zakhe, zilungise iiHolo zoBukumkani nezeeNdibano. Le mali yongeza kuleyo iye yasetyenziswa ekuhoyeni iiHolo zoBukumkani emhlabeni wonke.

 Kwakhona, iminikelo iye yasetyenziselwe ukwakha nokuhoya izakhiwo zesebe, ezinceda nezixhasa umsebenzi wokushumayela emhlabeni wonke. Siye sazinciphisa iindleko eBheteli ukuze sisebenzise iminikelo size sakhe, silungise iiHolo zoBukumkani nezeeNdibano. Nangona kunjalo, kusadingeka imali eninzi ukuze kulungiswe, okanye kutshintshwe indawo akuyo amasebe. Kutheni lo msebenzi ubalulekile? Amasebe awuxhasa njani umsebenzi obalulekileyo owenziwa entsimini? Makhe sibone.

“Xa Isakhiwo Silungisiwe, Sitsho Sikwazi Ukuphinda Sisetyenziswe”

 Iiofisi zamasebe ezininzi zakhiwa kwiminyaka eyi-30 okanye eyi-40 eyadlulayo! UNicholas, okwiKomkhulu nokwiSebe Lokuzoba Nelokwakha, uthi: “Nesona sakhiwo siphethwe kakuhle, siyaguga size siphelelwe njengokuba iminyaka ihamba. Xa isakhiwo silungisiwe, sitsho sikwazi ukuphinda sisetyenziswe.”

 Izakhiwo zaseBheteli kufuneka zikwazi ukuhambisana nentlangano xa itshintsha. Baye banda kakhulu abavakalisi emhlabeni wonke emva kokuba kwakhiwe iiofisi zamasebe. Ukuze kuxhaswe olu lwando, kuye kwafuneka amavolontiya amaninzi aza kusebenza kwezi ofisi. Ngenxa yaloo nto, izakhiwo ezazizikhulu ngokwaneleyo ngoku zincinci!

 Ukhuseleko lubalulekile. Njengokuba siphila kwimihla yokugqibela, kubakho iintlekele zemvelo ezininzi. (Luka 21:11) Ukusebenzisa iindlela ezintsha zokwakha xa kulungiswa, kunceda ukuba abantu abasebenza kwezo zakhiwo bakhuseleke. Ezi zakhiwo zinceda abazalwana bakwazi ukunceda emva kokuba kwenzeke iintlekele zemvelo, nokuxhasa umsebenzi owenziwa entsimini.

“UYehova Uye Wasisikelela Esi Sigqibo”

 Kunyaka wenkonzo ka-2023, iQumrhu Elilawulayo liye layalela ukuba kwenziwe umsebenzi wolwakhiwo kwizakhiwo zamasebe eziyi-43. Le nto ithetha ukuba emhlabeni wonke phantse ihafu yazo zonke izakhiwo zaseBheteli bezisakhiwa okanye zilungiswa. Jonga imizekelo embalwa ebonisa indlela obaluleke ngayo lo msebenzi.

 EAngola. UMatt, okwiKomiti YeSebe laseAngola uthi: “Siye sanelungelo lokubona isiprofeto sikaHagayi 2:7 sizaliseka ngendlela ekhethekileyo. Kwiminyaka nje eyi-10 siye sabona abavakalisi besanda nge-60 pesenti! Ukuze ihoye aba bavakalisi, intsapho yaseBheteli bekuza kufuneka iphindaphindeke kathathu. Kodwa, ngenxa yokuba ncinci kwezakhiwo zethu, besingakwazi ukumema abantu ukuba baze kusebenza apha. Le nto iye yabangela ukuba abazalwana abaninzi baseBheteli basebenze nzima iiyure ezininzi.”

Iiofisi ezintsha (ekunene) zinceda abazalwana noodade basebenze kakuhle

 Abazalwana bacelwa ukuba bajonge ukuba kungenziwa njani ukuze kwandiswe isebe. Ekuqaleni, babecinga ukuba indlela ekhawulezileyo kukulungisa isakhiwo abasele benaso. Emva kokuba benze uphando babona ukuba xa kulungiswa isakhiwo ayizukusetyenziswa kakuhle iminikelo. Emva koko, bacebisa ukuba kuthengwe kuze kulungiswe isakhiwo esikufutshane. UMatt uthi: “Xa icebiso lokuba kuthengwe kuze kulungiswe isakhiwo laziswa kwiKomiti yeSebe, sasinexhala lokuba isakhiwo asizukufana neso sizakhele sona. Ngoku iyavuyisa into yokubona esi sakhiwo sifaneleka ngeyona ndlela. UYehova uye wasisikelela esi sigqibo.”

Izindlu ezikwaziyo ukutshintshwa kweli sebe zinceda abasebenzi abaninzi bakwazi ukuhlala. Loo nto inceda kumsebenzi owandayo entsimini

 Isebe laseAngola liza kuphinda lidinge izakhiwo kwixesha elizayo. Kodwa okwangoku, izakhiwo ezitsha ezitshintsheka eBheteli, nezo zirentwayo ngaphandle, ziye zanceda isebe laba nendawo eyaneleyo ukuze kuxhaswe lo msebenzi ukhulayo emhlabeni.

Oodade abaninzi bavuyela ukusebenza kwisakhiwo seSebe laseAngola

 EJapan. Izakhiwo zesebe zakhiwa phantse kwiminyaka eyi-40 eyadlulayo ibe ezininzi kuzo azilungiswanga kakuhle. Abazalwana noodade basebenza nzima ukuze bahoye baze balungise ezi zakhiwo. Kodwa ziye zasetyenziswa ixesha elide kakhulu ngaphezu kwelo bezifanele zisetyenziswe ngalo. Yiyo loo nto ngoku zilungiswa kakhulu ezi zakhiwo.

 Ubomi baseBheteli buye batshintsha ekuhambeni kweminyaka. Ngaphambi ko-2015, intsapho yaseBheteli ibiphekelwa konke ukutya. Iindawo zokuhlala ezininzi kwiBheteli yaseJapan “zazinekhitshi” elincinci. Ngoku ukutya okuninzi abasebenzi baseBheteli bayazilungiselela. Emva kokuba zilungisiwe izakhiwo zaseBheteli ngoku zinekhitshi elinceda abasebenzi baseBheteli bakwazi ukuziphekela. UKumiko, osebenza kwisebe laseJapan uthi: “Eli khitshi lindenza ndizive ndisekhaya, ibe ndiyakwazi ukwenza umsebenzi waseBheteli.”

Ikhitshi elitsha (ekunene) linceda intsapho yaseBheteli ikwazi ukuziphekela

 Umsebenzi owenziwa lisebe laseJapan unegalelo elikhulu kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke. (Mateyu 28:19, 20) IJapan lelinye lamasebe amabini aprinta iBhayibhile epheleleyo. Omnye umsebenzi owenziwayo wolwakhiwo kukufakela umatshini wokutrima noqokelela uthuli, ibe loo nto ibanceda bahlale bekhuselekile bonke abo basebenza kwindawo yokuprinta. Ukuthengwa nokufakelwa kwale mitshini kuye kwaphantse kwayi-R18.4 miliyoni, ibe isebe liyaqiniseka ukuba liqhubeka liprinta iincwadi eziqinisa ukholo, ingakumbi iBhayibhile.

Umatshini wokutrima nokuqokelela uthuli unceda abantu abasebenza kwindawo yokuprinta bakhuseleke

 Abazalwana baye baqiniseka ukuba ziza kuqhubeka ziprintwa iiBhayibhile ebudeni bolwakhiwo. UTrey, okwiKomiti yeSebe laseJapan uthi: “Ebudeni bolwakhiwo intlangano iye yakhupha iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile ibe loo nto iye yabangela ukuba kufuneke kuprintwe iiBhayibhile eziza kuthunyelwa emhlabeni wonke. Amasebe awahlukeneyo kuye kwafuneka asebenzisane xa kufuneka kufakwe izixhobo ezithile naxa kufuneka kuprintwe iincwadi.” Nangona bekukho iingxaki ezininzi, isebe liye lakwazi ukuprinta iiBhayibhile eziphantse zibe yi-220 000 qho ngenyanga phakathi kukaMatshi noAgasti 2023. Ngelo xesha, abazalwana besebe lokwakha babexakeke gqitha kwindawo yokuprinta. Wonke lo msebenzi uye wagqitywa ngaphandle kokuba kongezwe imali.

 Enye into ebalulekileyo kolu lwakhiwo kukuba kongiwe umbane. Kuye kwafakelwa izixhobo eziza konga umbane we-R2.2 miliyoni ngonyaka. Kuza kufakelwa iifestile ezineglasi eziphindwe kathathu eziza kunceda kongiwe umbane we-R184 000 ngonyaka. Nangona ukufakwa kwezi zinto kuza kubiza imali eninzi xa kulungiswa ezi zakhiwo, kuqikelelwa ukuba ziza konga imali eninzi engaphezu kwe-R64,3 miliyoni. Ziza kunceda kukhuseleko lwezinye izakhiwo

Iifestile ezineglasi eziphindwe kathathu ziza kunceda kongiwe umbane

“Iseninzi Into Efuna Ukwenziwa”

 Lo msebenzi wenziwe kula masebe mabini ubonisa indlela osemninzi ngayo umsebenzi ofuna ukwenziwa eBheteli ukuze kuxhaswe abavakalisi entsimini. Kodwa umsebenzi awukagqitywa. UAaron, osebenza kwiKomkhulu KwiSebe Lokuzoba Nelokwakha uthi: “Mninzi umsebenzi owenziwe ngabazalwana, kodwa iseninzi into efuna ukwenziwa.” Uza kugqitywa njani lo msebenzi? Uphinda athi: “Ukongezelela kwiminikelo eyenziwayo esincedayo ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi, siwuxabisa kakhulu umsebenzi owenziwe ngamavolontiya kwixesha elidlulileyo, nabo bazimisele ukuncedisa kwixesha elizayo. Indlela abazalwana abancedisa ngayo kulo msebenzi nangemali ibonisa ukuba uYehova uyawusikelela.”—INdumiso 110:3.

 Wonke umsebenzi wokwakha nokulungisa wenziwa ngeminikelo yokuzithandela, emininzi ethunyelwe ngeendlela ezahlukahlukeneyo eziku-donate.isa4310.com. Enkosi kakhulu ngeminikelo yakho.