Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Izakhiwo Ezizukisa Umyaleli Wethu Ozukileyo

Izakhiwo Ezizukisa Umyaleli Wethu Ozukileyo

NGOJULAYI 1, 2023

 UYehova uyakuthanda ukufundisa abantu bakhe. Ngenxa yaloo nto, intlangano yakhe iye yenza izikolo ezininzi eziza kuqeqesha abafundi ukuba bakwazi ukwenza izabelo zabo. Esinye sazo sisikolo sabavangeli boBukumkani i-SKE. Kule minyaka, intlangano ayijongi kuphela izinto ezifundiswayo kwezi zikolo, kodwa ijonga nezakhiwo ekufundiselwa kuzo. Eyona nto siyifunayo kukuphucula iindawo ekufundiselwa kuzo. Ingasinceda njani iminikelo yakho ukuze senze loo nto?

Abafundi Abaninzi Kwiindawo Ezibhetele Zokufundela

 Iminyaka emininzi, izikolo zentlangano beziba kwiiHolo zoBukumkani nezeendibano. Kutheni ke ngoku sisakha size silungise iindawo ezininzi ezisetyenziselwa izikolo zentlangano kuphela? Khawujonge ezi zizathu zintathu.

 Kukho indingeko. UChristopher Mavor oncedisa kwikomiti yenkonzo yeQumrhu Elilawulayo uthi, “Iiofisi zamasebe ziye zachaza ukuba kudingwa abantu abaninzi entsimini. Ngokomzekelo, ngo-2019 isebe laseBrazil laqikelela ukuba kudingeka abazalwana noodade abaphumelele kwi-SKE abayi-7 600, ababeza kwenza izinto ezazidingeka kwintsimi yesebe labo.” Isebe laseUnited States lichaze ukuba kudingeka oovulindlela abanamava abaza kuqeqesha abanye ekushumayeleni ngetroli kwiidolophu ezinkulu, ezinqanaweni, nasetrongweni. Kudingeka nabazalwana abazakusebenza kwisebe lezokwakha nakwiikomiti ezinxibelelana nezibhedlela. Abazalwana abaye eSKE banganceda kwezo zinto.

 Baninzi kakhulu abafundi. Zininzi izicelo ezingenayo kumasebe amaninzi kodwa iindawo zokufundela zimbalwa. Ngokomzekelo isebe laseBrazil lafumana izicelo eziyi-2 500 zaseSKE ngonyaka nje omnye. Kodwa ngenxa yokuba kukho izakhiwo ezimbalwa eziza kuqhutyelwa kuzo ezi zikolo, eli sebe lakwazi ukwamkela izicelo zabazalwana abayi-950 kuphela.

 Iindawo ezifanelekileyo abaza kuhlala kuzo. Xa abafundi besiya esikolweni esiza kuqhutyelwa eholweni yoBukumkani okanye eyendibano, badla ngokuhlala kumakhaya abazalwana noodade bakuloo ndawo. Loo nto ayibiyongxaki kwiindawo ekuqhutywa iiklasi ezimbalwa ngonyaka. Kodwa kwiindawo ekuqhutywa iiklasi ezininzi, abavakalisi basekuhlaleni basenokungakwazi ukunika abafundi iindawo zokuhlala iinyanga ezininzi qho ngoyaka. Ngoko siye silungiselele izakhiwo ezikufuphi nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo isikolo nezilungiselelwe abafundi.

 Kusenokudingeka iimiliyoni zeedola ukuze kubekho iklasi enye nje kuphela, indawo abaza kuhlala kuyo abafundi abaphantse babeyi 30, nabazalwana abaqhuba isikolo kunye nezinye izinto abazidingayo. Yonke le nto ixhomekeka kwindawo esiza kuba kuyo eso sikolo kunye nezinye izinto.

Izinto Ezifanele Zibe Kwisakhiwo Sesikolo

 Izikolo zidla ngokuqhutyelwa kwiindawo ekuthulekileyo kuzo, ezingaphandle kwedolophu kodwa ezikufuphi neendawo zokukhwela. Loo ndawo imele ibe nabavakalisi abaninzi abaza kuncedisa kweso sikolo naxa kulungiswa izakhiwo nezinto abazidingayo kuso.

 Ezi zakhiwo zineelayibrayi, iindawo zokufundela, iikhompyutha, iiprinta nezinye izinto. Amaxesha amaninzi, kudla ngokubakho indawo yokutyela apho abafundi kunye nabazalwana abaqhuba eso sikolo batya kunye. Kubakho nendawo eyaneleyo yokujima nokuphola.

 Iklasi siyilungisa kakuhle. UTroy osebenza kwisebe lokwakha eWarwick, eNew York uthi, “Sacela iSebe Lezikolo Zentlangano ukuze lisincede senze iiklasi ngendlela eyayiza kunceda abafundi bafunde lula. Abazalwana basichazela ukuba imele ibengakanani ize ibenjani iklasi, nokuba kudingeka ukuba sifake izinto zokukhanyisa ezingakanani nezinto zokudlala iividiyo nezinto ezirekhodiweyo.” Xa umzalwana owayefundisa kwiSKE eHungary ekuthiwa nguZoltan wayethetha ngezinto zesawundi wathi, “Ekuqaleni sasingenazo imic, ngoko kwakufuneka simane sicela abazalwana banyuse ilizwi. Kodwa ngoku asisenayo loo ngxaki kuba zonke iidesika zinemic.”

“Singabantu Abamenywe NguYehova”

 Ezi zakhiwo zenziwe kakuhle zibancede njani abafundi nabazalwana abaqhuba ezi zikolo? UAngela owaya kwiSKE ePalm Coast eFlorida eseU.S.A uthi, “Kula ndawo kuphole kamnandi. Iiklasi zethu neendawo zethu zokuhlala zilungiswe kakuhle ukuze kube lula kuthi ukufunda.” Omnye umzalwana ofundisa kwisikolo saseHungary yena, uCsaba, ukuvuyela kakhulu ukutya nabafundi. Xa besitya kunye uthi, “abafundi baye basibalisele nezinye izinto ngabo nezinto ezakhe zenzeka kubo. Sitsho sibazi bhetele, ibe ngenxa yaloo nto siyakwazi ukubafundisa izinto eziza kubanceda.”

 Abafundi nabazalwana abafundisa kwezi zikolo bajonga ezi zakhiwo njengesipho esivela ‘kuMyaleli wethu Ozukileyo,’ uYehova. (Isaya 30:20, 21) Udade okwiPhilippines owayeye kwiSKE kwisakhiwo esasisanda kutshintshwa saba sisikolo uthi, “Indawo esasiqhutyelwa kuyo esa sikolo yasibonisa ukuba asingobafundi njee kodwa singabantu abamenywe nguYehova. Ufuna sonwabe njengoko silifundisisa iLizwi lakhe.”

 Izakhiwo zezikolo ziyakhiwa, zilungiswe zize zihoywe ngenxa yeminikelo yakho, emininzi eyenziwa ku-donate.isa4310.com. Enkosi kakhulu ngobubele bakho.

Isakhiwo ePalm Coast, eFlorida, eseU.S.A.

Umfanekiso wetempile eyayikho ngemihla kaYesu, isikolo, ePalm Coast, eFlorida, eseU.S.A.

Kungenwa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, eBrazil

Iklasi iyaqhuba, eBrazil

Kungenwa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, kwiiPhilippines

Batya kunye kwindawo yokutyela yasesikolweni, kwiiPhilippines