Yiya kwinkcazelo

Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?

Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?

 Umsebenzi wethu ngokuyintloko uxhaswa yiminikelo yokuzithandela yamaNgqina kaYehova. a Kubekwa iibhokisi zeminikelo kwiindawo esidibanela kuzo ibe ezinye iindlela zokunikela zichazwe kwiphepha elithetha ngeminikelo ku-jw.org. Kuchazwe iindlela ezahlukahlukeneyo zokunikela ukuze umntu anikele kumsebenzi owenziwa ehlabathini, kwibhokisi yeemfuno zebandla okanye zombini.

 AmaNgqina kaYehova akulindelekanga ukuba anikele ngesishumi okanye ngemali ethile kumvuzo wawo. (2 Korinte 9:7) Asifuni nkongozelo okanye sibhatalise abantu abangenayo kwiintlanganiso zethu, futhi asibhatalisi naxa umntu eza kubhaptizwa, kuza kubakho umngcwabo, imitshato, okanye iinkonzo esiba nazo. Imali asiyenzi ngokuthengisa izinto ezibhakiweyo, ukuhamba sicela inkxaso kubantu abasendleleni, ukudlala imidlalo eyenza imali njengeloto, iicarnivals, iidinner, iiraffles, okanye ezinye izinto ezifana nezi, ibe asibanyanzeli abantu ukuba banikele. Indlela yethu yokunikela ayenziwa ifumaneke kuye wonke umntu. (Mateyu 6:2-4) Iiwebhsayithi zethu azinamigaranto itsala abantu ukuba banikele.

 Onke amabandla amaNgqina kaYehova achaza indlela ezihamba ngayo iimali zebandla inyanga nenyanga ibe loo nto ayomfihlo. Iiakhwunti zebandla ziyahlolwa ukuze kuqinisekwe ukuba iminikelo isetyenziswa kakuhle.—2 Korinte 8:20, 21.

Iindlela Zokunikela

  •   Iibhokisi zeminikelo: Unganikela ngemali okanye itsheki kwiibhokisi zeminikelo ezikwiHolo YoBukumkani, KwiiHolo Zendibano, nakwezinye iindawo ekudla ngokubakho iintlanganiso kuzo.

  •   Iminikelo eyenziwa kwi-intanethi: Kumazwe amaninzi, uyakwazi ukusebenzisa uDonate to Jehovah’s Witnesses xa unikela nge-credit card, idebit card, ukunikela ngebhanki, nangezinye iindlela ze-elektroniki. b Amanye amaNgqina akhetha ‘ukubeka ecaleni’ umnikelo nyanga nganye awenze uziphumele ngokuqhubekayo esebenzisa enye yezi ndlela.—1 Korinte 16:2.

  •   Ukunikela okucetywe kwangaphambili: Ezinye iindlela zokunikela zifuna umntu acinge kusengaphambili okanye acetyiswe ngumntu omela ezomthetho. Ukwenza le nto kungakunceda ukwazi ukufumana kuncedo lwerhafu kwilizwe lakho. Abantu abaninzi baye bancedakala kukwazi ukuba banokunikela ukuze baphe umntu isipho besaphila okanye xa beswelekile. Ukuze wazi nezinye izinto sicela ubuze kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova ekwilizwe lakho, ukuba ufuna ukwenza le minikelo ilandelayo:

    •   Oweakhawunti yebhanki

    •   Owe-inshorensi nemali yomhlala-phantsi

    •   Izindlu nemihlaba

    •   Owemali eselugcinweni nebond

    •   Owamafa

 Ukuze ubone nezinye iindlela zokunikela ezikhoyo kwindawo yakho, funda iphepha elithi Donate to Jehovah’s Witnesses.”

a Nabanye abantu abangengomaNgqina bayakuvuyela ukunikela ukuze bancedise kumsebenzi wethu.

b Bukela ividiyo ethi Tutorial for Making Donations Electronically ukuze ufunde nezinye izinto.