Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Unalo Igama?

Ngaba UThixo Unalo Igama?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Bonke abantu banamagama. Ngaba ayilindelekanga ke into yokuba noThixo abe negama lakhe? Ukubiza abantu ngamagama abo kubonisa ubuhlobo. Ngaba asimele senze into efanayo kubuhlobo bethu noThixo?

 EBhayibhileni uThixo uthi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Nangona ebizwa ngamagama amaninzi, njengelithi ‘Thixo uSomandla,’ “Nkosi enguMongami,” nelithi ‘Mdali,’ uvave abantu abamnqulayo ngokubavumela ukuba bambize ngegama lakhe.—Genesis 17:1; IZenzo 4:24; 1 Petros 4:19.

 Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile zinalo igama likaThixo elibhalwe kwiEksodus 6:3. Le vesi ithi: “Ndandidla ngokubonakala kuAbraham, uIsake noYakobi njengoThixo uSomandla, kodwa andizazisanga kubo ngegama lam elinguYehova.”

 UYehova ligama likaThixo lesiXhosa ebelisetyenziswa kangangeminyaka. Nakuba abaphengululi abaninzi bekhetha ukusebenzisa igama elithi “Yahweh,” elona gama laziwayo nguYehova. Inxalenye yokuqala yeBhayibhile ayizange ibhalwe ngesiXhosa, kodwa yabhalwa ngesiHebhere, ulwimi olufundwa ukusuka ngasekunene ukusa ngasekhohlo. Kolu lwimi, igama likaThixo livela liziiconsonant ezine, יהוה. Aba nobumba bane besiHebhere—abaguqulelwe ngokuthi YHWH—babizwa ngokuba yiTetragrammaton.