Genesis 17:1-27

  • UAbraham uza kuba ngutata weentlanga ezininzi (1-8)

    • UAbram ubizwa ngokuba nguAbraham (5)

  • Isivumelwano sokoluka (9-14)

  • USarayi ubizwa ngokuba nguSara (15-17)

  • Bathenjiswa ngonyana onguIsake (18-27)

17  Xa uAbram wayeneminyaka eyi-99, uYehova wabonakala kuye waza wathi: “NdinguThixo uSomandla. Hamba phambi kwam uze ube msulwa.*  Ndiza kwenza isivumelwano phakathi kwam nawe,+ ndize ndikwandise kakhulu.”+  UAbram waqubuda, waza uThixo waqhubeka ethetha naye, esithi:  “Jonga! ndenze isivumelwano nawe,+ yaye ngokuqinisekileyo uza kuba ngutata weentlanga ezininzi.+  Igama lakho liza kuyeka ukuba nguAbram;* kodwa liza kuba nguAbraham,* kuba ndiza kukwenza ube ngutata weentlanga ezininzi.  Ndiza kukwenza uqhame kakhulu, ndikwenze ube ziintlanga, yaye kuza kuphuma ookumkani kuwe.+  “Ndiza kusigcina isivumelwano sam nawe+ nenzala* yakho kwizizukulwana zayo, sibe sisivumelwano sikanaphakade, sokuba ndibe nguThixo wakho nenzala* yakho emva kwakho.  Ndiza kulinika wena nenzala* yakho ilizwe owahlala kulo ungumntu wasemzini,+ lonke ilizwe lakwaKanan, ukuze libe lilifa layo ngonaphakade, yaye ndiza kuba nguThixo wayo.”+  UThixo waphinda wathi kuAbraham: “Uze usigcine isivumelwano sam, wena nenzala* yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo. 10  Nasi isivumelwano sam nawe, omele wena nenzala* yakho nisigcine: Yonke into eyindoda phakathi kwenu imele yoluswe.+ 11  Nifanele nisuse amajwabi enu, yaye oko kuza kuba ngumqondiso wesivumelwano sam nani.+ 12  Kwizizukulwana zenu, wonke umntu oyindoda phakathi kwenu oneentsuku ezisibhozo ezelwe umele oluswe,+ naye nabani na ozelwe endlini, nabani na ongeyonzala* yakho kodwa othengwe ngemali kumntu wasemzini. 13  Yonke indoda ezelwe endlini yakho nayo yonke indoda ethengwe ngemali yakho imele yoluswe,+ yaye isivumelwano sam enyameni yenu simele sibe sisivumelwano sikanaphakade. 14  Ukuba kukho umntu ongafuniyo ukoluswa, umele abulawe. Usaphule isivumelwano sam.” 15  Emva koko uThixo wathi kuAbraham: “Yena uSarayi* umfazi wakho,+ uze ungathi nguSarayi, kuba igama lakhe liza kuba nguSara.* 16  Ndiza kumsikelela ndize ndikunike unyana ngaye,+ ndiza kumsikelela abe ziintlanga, kuza kuphuma ookumkani bezizwana kuye.” 17  Wasuka waqubuda uAbraham, wahleka waza wathi entliziyweni yakhe:+ “Ngaba indoda eneminyaka eyi-100 ingazalelwa umntwana na, yena uSara umfazi oneminyaka eyi-90 angaba sazala na?”+ 18  Ngoko uAbraham wathi kuThixo wokwenene: “Akwaba nje uIshmayeli angaphila phambi kwakho!”+ 19  UThixo wamphendula wathi: “Nakanjani na uSara umfazi wakho uza kukuzalela unyana, uze umthiye igama elinguIsake.*+ Ndiza kusenza naye isivumelwano sam, sibe sisivumelwano sikanaphakade kwinzala* yakhe.+ 20  Kule nto uyithethayo ngoIshmayeli, ndikuvile. Jonga! ndiza kumsikelela ndize ndimenze aqhame, ndimandise kakhulu. Uza kuvelisa iinkosi eziyi-12, yaye ndiza kumenza abe luhlanga olukhulu.+ 21  Kodwa ke, ndiza kusenza noIsake isivumelwano sam,+ lo uza kumzalelwa nguSara ngeli xesha kunyaka ozayo.”+ 22  Wathi akugqiba uThixo ukuthetha naye wenyuka, wemka kuAbraham. 23  Emva koko, uAbraham wathatha uIshmayeli unyana wakhe, onke amadoda azalelwe endlini yakhe, wonke umntu owayethengwe ngemali, wonke umntu oyindoda endlini ka-Abraham, waza wabolusa kwangaloo mini, kanye njengoko uThixo wayemxelele.+ 24  UAbraham wayeneminyaka eyi-99 ukoluswa kwakhe.+ 25  Yena uIshmayeli unyana wakhe, wayeneminyaka eyi-13 ukoluswa kwakhe.+ 26  Ngaloo mini, uAbraham noIshmayeli unyana wakhe boluswa. 27  Onke amadoda endlu yakhe, wonke umntu ozalelwe endlini, naye wonke umntu othengwe ngemali emntwini wasemzini, boluswa kunye naye.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ungenakusoleka.”
Othetha ukuthi “Utata Uphakamile (Uphakanyisiwe).”
Othetha ukuthi “Utata Wabaninzi.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “ongeyombewu.
Kusenokwenzeka ukuba uthetha ukuthi “Onochuku.”
Othetha ukuthi “Nkosazana.”
Ngokoqobo, “kwimbewu.”
Othetha ukuthi “Ukuhleka.”