Genesis 17:1-27
17 Xa uAbram wayeneminyaka eyi-99, uYehova wabonakala kuye waza wathi: “NdinguThixo uSomandla. Hamba phambi kwam uze ube msulwa.*
2 Ndiza kwenza isivumelwano phakathi kwam nawe,+ ndize ndikwandise kakhulu.”+
3 UAbram waqubuda, waza uThixo waqhubeka ethetha naye, esithi:
4 “Jonga! ndenze isivumelwano nawe,+ yaye ngokuqinisekileyo uza kuba ngutata weentlanga ezininzi.+
5 Igama lakho liza kuyeka ukuba nguAbram;* kodwa liza kuba nguAbraham,* kuba ndiza kukwenza ube ngutata weentlanga ezininzi.
6 Ndiza kukwenza uqhame kakhulu, ndikwenze ube ziintlanga, yaye kuza kuphuma ookumkani kuwe.+
7 “Ndiza kusigcina isivumelwano sam nawe+ nenzala* yakho kwizizukulwana zayo, sibe sisivumelwano sikanaphakade, sokuba ndibe nguThixo wakho nenzala* yakho emva kwakho.
8 Ndiza kulinika wena nenzala* yakho ilizwe owahlala kulo ungumntu wasemzini,+ lonke ilizwe lakwaKanan, ukuze libe lilifa layo ngonaphakade, yaye ndiza kuba nguThixo wayo.”+
9 UThixo waphinda wathi kuAbraham: “Uze usigcine isivumelwano sam, wena nenzala* yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo.
10 Nasi isivumelwano sam nawe, omele wena nenzala* yakho nisigcine: Yonke into eyindoda phakathi kwenu imele yoluswe.+
11 Nifanele nisuse amajwabi enu, yaye oko kuza kuba ngumqondiso wesivumelwano sam nani.+
12 Kwizizukulwana zenu, wonke umntu oyindoda phakathi kwenu oneentsuku ezisibhozo ezelwe umele oluswe,+ naye nabani na ozelwe endlini, nabani na ongeyonzala* yakho kodwa othengwe ngemali kumntu wasemzini.
13 Yonke indoda ezelwe endlini yakho nayo yonke indoda ethengwe ngemali yakho imele yoluswe,+ yaye isivumelwano sam enyameni yenu simele sibe sisivumelwano sikanaphakade.
14 Ukuba kukho umntu ongafuniyo ukoluswa, umele abulawe. Usaphule isivumelwano sam.”
15 Emva koko uThixo wathi kuAbraham: “Yena uSarayi* umfazi wakho,+ uze ungathi nguSarayi, kuba igama lakhe liza kuba nguSara.*
16 Ndiza kumsikelela ndize ndikunike unyana ngaye,+ ndiza kumsikelela abe ziintlanga, kuza kuphuma ookumkani bezizwana kuye.”
17 Wasuka waqubuda uAbraham, wahleka waza wathi entliziyweni yakhe:+ “Ngaba indoda eneminyaka eyi-100 ingazalelwa umntwana na, yena uSara umfazi oneminyaka eyi-90 angaba sazala na?”+
18 Ngoko uAbraham wathi kuThixo wokwenene: “Akwaba nje uIshmayeli angaphila phambi kwakho!”+
19 UThixo wamphendula wathi: “Nakanjani na uSara umfazi wakho uza kukuzalela unyana, uze umthiye igama elinguIsake.*+ Ndiza kusenza naye isivumelwano sam, sibe sisivumelwano sikanaphakade kwinzala* yakhe.+
20 Kule nto uyithethayo ngoIshmayeli, ndikuvile. Jonga! ndiza kumsikelela ndize ndimenze aqhame, ndimandise kakhulu. Uza kuvelisa iinkosi eziyi-12, yaye ndiza kumenza abe luhlanga olukhulu.+
21 Kodwa ke, ndiza kusenza noIsake isivumelwano sam,+ lo uza kumzalelwa nguSara ngeli xesha kunyaka ozayo.”+
22 Wathi akugqiba uThixo ukuthetha naye wenyuka, wemka kuAbraham.
23 Emva koko, uAbraham wathatha uIshmayeli unyana wakhe, onke amadoda azalelwe endlini yakhe, wonke umntu owayethengwe ngemali, wonke umntu oyindoda endlini ka-Abraham, waza wabolusa kwangaloo mini, kanye njengoko uThixo wayemxelele.+
24 UAbraham wayeneminyaka eyi-99 ukoluswa kwakhe.+
25 Yena uIshmayeli unyana wakhe, wayeneminyaka eyi-13 ukoluswa kwakhe.+
26 Ngaloo mini, uAbraham noIshmayeli unyana wakhe boluswa.
27 Onke amadoda endlu yakhe, wonke umntu ozalelwe endlini, naye wonke umntu othengwe ngemali emntwini wasemzini, boluswa kunye naye.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ungenakusoleka.”
^ Othetha ukuthi “Utata Uphakamile (Uphakanyisiwe).”
^ Othetha ukuthi “Utata Wabaninzi.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “nembewu.”
^ Ngokoqobo, “ongeyombewu.
^ Kusenokwenzeka ukuba uthetha ukuthi “Onochuku.”
^ Othetha ukuthi “Nkosazana.”
^ Ngokoqobo, “kwimbewu.”
^ Othetha ukuthi “Ukuhleka.”