Yiya kwinkcazelo

Unamagama Amangaphi UThixo?

Unamagama Amangaphi UThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UThixo unegama elinye kuphela. Libhalwa ngolu hlobo ngesiHebhere, יהוה ibe liguqulelwa ngokuthi Yehova. a Esebenzisa umprofeti uIsaya, uThixo wathi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Eli gama livela izihlandlo eziyi-7 000 kwimibhalo-ngqangi yamandulo yeBhayibhile, alikho elinye igama elivela njengalo. b

Ngaba uYehova unawo amanye amagama?

Nangona iBhayibhile ithetha ngoThixo njengonegama elinye kuphela, ikwasebenzisa namanye amagama nezinye izibizo ukumchaza. Igama ngalinye kolu ludwe libonisa ukuba ungumntu onjani uYehova.

Isibizo

Isibhalo

Oko kuthethwa sisibizo

UAllah

(Asikho isibhalo)

Igama elithi, “Allah” livela kwisiArabic ibe asilogama likaThixo kodwa sisibizo. Iinguqulelo zeBhayibhile zesiArabic nezezinye iilwimi zisebenzisa igama elithi, “Allah” endaweni yokusebenzisa elithi, “Thixo”.

USomandla

Genesis 17:1

Unamandla angenakuthelekiswa nanto. Igama lesiHebhere elithi, ʼEl Shad·daiʹ, ‘uThixo uSomandla,’ livela izihlandlo ezisixhenxe eBhayibhileni.

UAlfa no-Omega

ISityhilelo 1:8; 21:6; 22:13

‘Usisiqalo nesiphelo,’ okuthetha ukuba akuzange kubekho uThixo uSomandla ngaphambi koYehova ibe akunakuze kuphinde kubekho omnye emva kwakhe. (Isaya 43:10) UAlfa no-Omega ngoonobumba bokuqala nabokugqibela koonoobumba besiGrike.

UNyangelemihla

Daniyeli 7:9, 13, 22

Akanasiqalo, wayekho ngaphambi kwayo nantoni na okanye nabani na.​—INdumiso 90:2.

UMdali

Isaya 40:28

Wadala zonke izinto.

UBawo

Mateyu 6:9

Umniki-bomi.

UThixo

Genesis 1:1

Oyena unamandla ufanelwe kukunqulwa. Igama lesiHebhere elithi, ʼElo·himʹ lithetha isininzi ibe libonisa ubukhulu, isidima okanye ukumangalisa kwemisebenzi kaYehova.

UThixo woothixo

Duteronomi 10:17

Oyena Thixo uphakamileyo, ongafaniyo nabanye ‘oothixo abangenaxabiso’ ababekhonzwa ngabanye abantu.​—Isaya 2:8.

UmYaleli Ozukileyo

Isaya 30:20, 21

Usifundisa izinto ezisincedayo ibe usinika nolwalathiso.​—Isaya 48:17, 18.

UMenzi Ozukileyo

INdumiso 149:2

Udale zonke izinto.​—ISityhilelo 4:11.

UThixo Onoyolo

1 Timoti 1:11

UnguThixo owonwabileyo.​—INdumiso 104:31.

Umphulaphuli wemithandazo

INdumiso 65:2

Uphendula yonke imithandazo yabantu abathandaza benokholo.

Undinguye

Eksodus 3:14, iKing James Version

Ube yiyo nantoni na afuna ukuba yiyo ukuze aphumeze injongo yakhe. Eli gama likwaguqulelwa ngokuthi, “Ndiya kuba yiyo nantoni na endifuna ukuba yiyo” okanye “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (iThe Emphasised Bible, kaJ. B. Rotherham; iNguqulelo Yehlabathi Elitsha) Le ngcaciso icacisa igama elithi, Yehova, elichazwe kule vesi ilandelayo.​—Eksodus 3:15.

UKhwele

Eksodus 34:14, iKing James Version

Ufuna kunqulwe yena yedwa. Esi sibizo siguqulelwe ngokuthi, “ufuna kunqulwe yena yedwa” ibe ukwaziwa ngokuba ‘nguThixo onekhwele.’​—iLizwi LikaThixo IBhayibhile; iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

UKumkani kanaphakade

ISityhilelo 15:3

UBukumkani bakhe abunasiqalo okanye isiphelo.

INkosi

INdumiso 135:5

Umnini okanye inkosi; ngesiHebhere, ʼuA·dhohnʹ ʼnoAdho·nimʹ.

INkosi yemikhosi

Isaya 1:9, iKing James Version; namaRoma 9:29, iKing James Version

Umphathi-mkhosi wemikhosi emikhulu yeengelosi.​—Roma 9:29, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha; iNET Bible, umbhalo osemazantsi.

Oyena Uphakamileyo

INdumiso 47:2

Ukwisikhundla esiphakame kakhulu.

Lowo Ungoyena Ungcwele

IMizekeliso 9:10

Ungcwele (ucocekile) ngaphezu kwakhe nawuphi na umntu.

UMbumbi

Isaya 64:8

Unegunya lokulawula abantu nezizwe njengokuba nombumbi enegunya lokubumba udongwe.​—Roma 9:20, 21.

UMhlawuleli

Isaya 41:14; iKing James Version

Uhlawulela abantu esonweni nasekufeni ngedini lentlawulelo.​—Yohane 3:16.

Uliliwa

INdumiso 18:2, 46

Indawo yokubalekela nomsindisi.

UMsindisi

Isaya 45:21

Usindisa abantu engozini.

UMalusi

INdumiso 23:1

Ubakhathalele abakhonzi bakhe.

INkosi EnguMongami

Genesis 15:2

Unegunya elingenakulinganiswa nanto; ngesiHebhere, ‘uAdho nai.’

Lowo UPhakamileyo

Daniyeli 7:18, 27

Oyena mongami uphakamileyo.

Amagama eendawo kwiZibhalo zesiHebhere

Amanye amagama eendawo eBhayibhileni anegama likaThixo, kodwa asinakuthi lawo ngamanye amagama akhe.

Igama lendawo

Isibhalo

Oko likuthethayo

IYehova-yire

Genesis 22:13, 14

“UYehova Uya Kusilungiselela.”

IYehova-nisi

Eksodus 17:15

“UYehova Uyindawo Yam Yokusabela.” (iToday’s New International Version) UYehova nguThixo abanokuthembela kuye abantu ukuba abakhusele aze abancede.​—Eksodus 17:13-16.

IYehova-shalom

ABagwebi 6:23, 24

“UYehova Uluxolo.”

IYehova-Shammah

Hezekile 48:35, iAmerican Standard Version

“UYehova Ulapho.”

Izizathu zokulazi nokulisebenzisa igama likaThixo

  • UThixo uvakalelwa kukuba igama lakhe elithi, Yehova libalulekile kuba ulibhale kangangamawakawaka eBhayibhileni.​—Malaki 1:11.

  • Unyana kaThixo, uYesu, wathetha ngokubaluleka kwegama likaThixo ngokuphindaphindiweyo. Ngokomzekelo, wathandaza kuYehova esithi: “Malingcwaliswe igama lakho.”​—Mateyu 6:9; Yohane 17:6.

  • Abantu abalaziyo baze balisebenzise igama likaThixo benza izinto ezithile ukuze babe ngabahlobo bakaYehova. (INdumiso 9:10; Malaki 3:16) Ukuba ngabahlobo bakaThixo kubenza bazuze kwisithembiso sakhe: “Ngenxa yokuba ebonise umsa wakhe kum, Nam ndiya kumsindisa. Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.”​—INdumiso 91:14.

  • IBhayibhile ithi: “Kukho abo babizwa ngokuba “ngoothixo,” enoba kusezulwini okanye kusemhlabeni, kanye njengoko kukho “oothixo” abaninzi “neenkosi” ezininzi.’” (1 Korinte 8:5, 6) Nangona kunjalo, ichaza uThixo oyinyaniso ngegama lakhe, uYehova.​—INdumiso 83:18.

a Abanye abaphengululi beBhayibhile bakhetha ukubiza uThixo ngokuthi, Yahweh.

b Igama elithi, “Ya” ligama likaThixo elifutshane ibe livela izihlandlo eziyi-50 eBhayibhile yaye lidla ngokusetyenziswa kwigama elithi, “Haleluya” elithetha ‘ukudumisa uYa.’—ISityhilelo 19:1; iAmerican Standard Version; iKing James Version.