Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

Ngaba Uyathetha NoThixo?

Ngaba Uyathetha NoThixo?

Abahlobo bathetha rhoqo ngefowuni, nge-e-mail, ngevidiyo okanye ngeleta. Ngoko, ukuze sisondelelane noThixo, sifanele sithethe rhoqo naye. Kodwa singakwenza njani oko?

Sinokuthetha noYehova ngomthandazo. Noko ke, ukuthandaza kuThixo akufani nokuncokola njee nentanga yakho. Simele siqonde ukuba xa sithandaza, sithetha noMdali wethu, ongOyena Uphakamileyo kwindalo iphela. Oko kumele kusenze sibonise intlonelo enzulu xa sithandaza. Kwakhona, ukuze uThixo ayamkele imithandazo yethu, sifanele sithobele imilinganiselo ethile. Nantsi emithathu yayo.

Okokuqala, simele sithandaze kuYehova uThixo kuphela—kungekhona kuYesu, “ingcwele,” okanye umfanekiso oqingqiweyo. (Eksodus 20:4, 5) IBhayibhile ithi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” (Filipi 4:6) Okwesibini, simele sithandaze egameni loNyana kaThixo, uYesu Kristu. UYesu wakuchaza oko esithi: “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Okwesithathu, simele sithandaze ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. IBhayibhile ithi: “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” *1 Yohane 5:14.

Abahlobo bancokola rhoqo

Noko ke, ubuhlobo abunakuqina xa ingumntu omnye kuphela osoloko ethetha. Ngoko ukuze ubuhlobo bethu noThixo buqine, simele simvumele athethe, size thina siphulaphule. Uyazi na ukuba uThixo uthetha njani nathi?

Namhlanje, uYehova uThixo “uthetha” nathi ngeLizwi lakhe iBhayibhile. (2 Timoti 3:16, 17) Kutheni sisitsho nje? Masikuzekelise ngolu hlobo oku: Masithi ufumana ileta evela kumhlobo wakho. Wakuba uyifundile, usenokuba nemincili uze uthi kwabanye, “Khanive into ethethwa ngumhlobo wam!” Kodwa khange athethe ngomlomo, kunoko ubhalile. Ngokufanayo, xa ufunda iBhayibhile, uvumela uYehova ukuba athethe nawe. Kungenxa yoko le nto uGina, okhankanywe kwinqaku lokuqala, esithi, “Ndicinga ukuba, ukuba ndifuna uThixo andijonge njengomhlobo wakhe, ndimele ndifunde ‘ileta’ asibhalele yona—iBhayibhile.” Uqhubeka esithi, “Ukuyifunda yonke imihla iBhayibhile kuye kwandenza ndasondela ngakumbi kuThixo.” Ngaba uyamvumela uYehova athethe nawe mihla le ngokuthi ufunde iLizwi lakhe iBhayibhile yonke imihla? Ukwenjenjalo kuya kukunceda usondele ngakumbi kuye.

^ isiqe. 5 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela onokusondela ngayo kuThixo ngomthandazo, funda isahluko 17 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova