Kubalisa uYohane 14:1-31

  • NguYesu kuphela indlela yokuya kuTata (1-14)

    • “Ndim indlela nenyaniso nobomi” (6)

  • UYesu uthembisa ngomoya oyingcwele (15-31)

    • “UTata mkhulu kunam” (28)

14  “Sanukukhathazeka.+ Kholwani kuThixo,+ nikholwe nakum.  Ininzi indawo yokuhlala endlini kaTata. Ukuba ibingekho, bendiza kunixelela. Ngoko ndiyahamba ndiyokunilungiselela indawo.+  Ndakuba ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiza kubuya ndizokunilanda, ukuze nibe lapho ndikhoyo.+  Niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”  UTomas+ wathi kuye: “Nkosi, asazi ukuba uya phi. Siza kuyazi njani ke indlela?”  UYesu wathi kuye: “Ndim indlela+ nenyaniso+ nobomi.+ Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.+  Ukuba benindazi mna, ngenimazi noTata; ukususela ngoku, niyamazi ibe nimbonile.”+  UFilipu wathi kuye: “Nkosi, sibonise uTata wakho, siza kutsho sanele.”  UYesu wathi kuye: “Kunini ndihleli nani Filipu, awukandazi nangoku? Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.+ Kutheni ke usithi, ‘Sibonise uTata wakho’? 10  Awukholelwa na ukuba mna ndimanyene noTata, noTata umanyene nam?+ Izinto endizithetha kuni azisuki kum,+ nezinto endizenzayo zenziwa nguLowo ndimanyene naye, uTata. 11  ­Yikholelweni into yokuba ndimanyene noTata, noTata umanyene nam; okanye ke, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo.+ 12  Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ozikholelwayo izinto endizithethayo aze azenze, uza kukwazi ukwenza ezi zinto ndizenzayo, ade enze nangaphezulu,+ kuba ndiyahamba ndiya kuTata.+ 13  Ibe nantoni na eniyicela egameni lam, ndiza kuyenza, ukuze uTata azukiswe ngoNyana.+ 14  Ukuba nicela nantoni na egameni lam, ndiza kuyenza. 15  “Ukuba niyandithanda, niza kuzenza izinto endiniyalele zona.+ 16  Ndiza kumcela uTata ukuba aninike omnye umncedi* oza kuba nani ngonaphakade.+ 17  Lo mncedi ngumoya oyingcwele oyenza icace inyaniso,+ ongenakufunyanwa lihlabathi, kuba lona aliwuboni ibe aliwazi.+ Nina ke niyawazi, kuba ukuni ibe uhlala nani. 18  Ndiyabuya. Andizukunishiya niziinkedama.+ 19  Kungekudala ihlabathi alizukuphinda lindibone, kodwa nina niza kundibona,+ kuba ndiza kuqhubeka ndiphila, ibe nani niza kuphila. 20  Ngaloo mini niza kwazi ukuba ndimanyene noTata, nani nimanyene nam, nam ndimanyene nani.+ 21  Umntu ondithandayo uyayamkela aze ayithobele imiyalelo yam. Nabani na ondithandayo uyathandwa nguTata, ibe nam ndiza kumthanda ndize ndimazise ukuba ndingubani.” 22  UYudas,+ hayi lo unguSkariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kwenzeke ntoni le nto ufuna ukuzazisa ngokucacileyo kuthi, kungekhona kwihlabathi?” 23  UYesu wathi kuye: “Ukuba umntu uyandithanda, uza kundithobela,+ aze athandwe nguTata, ibe siza kuza kuye sihlale naye.+ 24  Umntu ongandithandiyo akandithobeli. Izinto endizithethayo azisuki kum, kodwa zisuka kuLowo undithumileyo,+ uTata. 25  “Ndinixelele ezi zinto ngoku ndisekunye nani. 26  Kodwa umoya oyingcwele eniza kuwunikwa nguTata egameni lam, uza kuninceda. Wona uza kunifundisa yonke into, uze unikhumbuze yonke into endinixelele yona.+ 27  Ndiza kuqhubeka ndininika olu xolo ninalo ngoku ndikunye nani.+ Indlela endininika ngayo uxolo ayizukufana nendlela ihlabathi elenza ngayo. Ze ningakhathazeki okanye noyike. 28  Besele nditshilo kuni ukuba, ‘Ndiyahamba, kodwa ndiza kuphinda ndibuye.’ Ukuba benindithanda, beniza kuvuya kuba ndisiya kuTata, kuba uTata mkhulu kunam.+ 29  Ndinixelela le nto ingekenzeki, ukuze xa isenzeka nikholwe.+ 30  Akukho nto ininzi ndiza kuphinda ndiyithethe nani, kuba uyeza umlawuli weli hlabathi,+ ibe akukho nto anokundibamba ngayo.*+ 31  Kodwa ukuze ihlabathi lazi ukuba ndiyamthanda uTata, ndiza kuhlala ndizenza izinto andiyalele zona.+ Phakamani sihambeni apha.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umthuthuzeli.”
Okanye “akanamandla okundoyisa.”