Eyokuqala KaYohane 5:1-21

  • Umntu okholwayo kuYesu uyaloyisa ihlabathi (1-12)

    • Into ethethwa kukuthanda uThixo (3)

  • Ukuthemba amandla omthandazo (13-17)

  • Lilumkele ihlabathi likaSathana (18-21)

    • Lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana (19)

5  Wonke umntu okholwayo ukuba uYesu unguKristu, uzelwe nguThixo,+ yaye wonke umntu omthandayo uThixo, uyamthanda nalowo uzelwe nguye.  Ngoko sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo,+ ngokuthi sithande uThixo size sithobele imithetho yakhe.  Kuba ukuthanda uThixo kuthetha ukuba sithobele imithetho yakhe;+ ibe ayikho nzima imithetho yakhe,+  kuba wonke umntu ozelwe* nguThixo uyaloyisa ihlabathi.+ Into eye yasinceda saloyisa ihlabathi, lukholo lwethu.+  Ngubani onokuloyisa ihlabathi?+ Ayinguye na lowo ukholwayo ukuba uYesu unguNyana kaThixo?+  Lo ngulowo weza ngamanzi negazi, uYesu Kristu; akazange eze ngamanzi kuphela,+ kodwa weza ngamanzi negazi.+ Yaye umoya uyayingqina loo nto,+ kuba umoya uyinyaniso.  Ngokuba bathathu abangqinayo:  ngumoya+ namanzi+ negazi;+ yaye aba bathathu bayavumelana.  Ukuba siyabamkela ubungqina babantu, kobeka phi ke ngobungqina bukaThixo! Kuba obu bubungqina uThixo abunikelayo, ubungqina bokuba ungubani uNyana wakhe. 10  Umntu okholwayo kuNyana kaThixo uyabukholelwa ubungqina bukaThixo. Umntu ongakholwayo kuThixo umenze ixoki,+ kuba akabukholelwa ubungqina uThixo abunikelayo ngoNyana wakhe. 11  Obu bungqina bobokuba uThixo usinike ubomi obungunaphade,+ yaye obu bomi sibufumana ngoNyana wakhe.+ 12  Lowo umamkelayo uNyana uza kubufumana obu bomi; lowo ungamamkeliyo uNyana kaThixo akazukubufumana.+ 13  Ndinibhalela ezi zinto ukuze nazi ukuba niza kufumana ubomi obungunaphakade,+ nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo.+ 14  Yaye siqinisekile+ ukuba uyasiva+ xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe. 15  Xa simazi ukuba uyasiva xa sicela nantoni na, siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelayo, kuba sizicela kuye.+ 16  Ukuba umntu ubona umzalwana wakhe esenza isono esingakhokeleli kufeni, makamthandazele, yaye uThixo uza kumnika ubomi.*+ Oku kubhekisela kwabo benze isono esingakhokeleli kufeni. Kodwa ke, sikhona nesono esikhokelela ekufeni.+ Anditsho ukuba makamthandazele umntu owenze isono esinjalo. 17  Zonke izinto ezingebobulungisa zisisono,+ kodwa ke sikhona isono esingakhokeleli kufeni. 18  Siyazi ukuba bonke abantu abazelwe nguThixo abaqhubeki besona, kuba uNyana kaThixo uyabagada, ukuze uSathana* angabenzi nto.+ 19  Siyazi ukuba thina singabakaThixo, kodwa lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.*+ 20  Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile,+ wasinika amandla okuqonda ukuze simazi uThixo oyinyaniso. Yaye simanyene noThixo wokwenene,+ ngoNyana wakhe uYesu Kristu. Lo nguThixo wokwenene nobomi obungunaphakade.+ 21  Bantwana abancinci, makungabikho nto inidibanisa nezithixo.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “yonke into ezelwe.”
Kusenokwenzeka ukuba kuthethwa ngokuxolelwa.
Ngokoqobo, “umenzi-bubi.”
Ngokoqobo, “ngumenzi-bubi.”