Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Sisehlelwa Zizinto Ezibuhlungu, Siguga Size Sisweleke?

Kutheni Sisehlelwa Zizinto Ezibuhlungu, Siguga Size Sisweleke?

UMdali wethu uthi singabantwana bakhe. Yiloo nto engafuni sehlelwe zizinto ezibuhlungu. Kodwa zininzi izinto ezibuhlungu ezehlela abantu. Kutheni kunjalo nje?

Sehlelwa Zizinto Ezibuhlungu Ngenxa Yabazali Bethu Bokuqala

“Isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu.”​—ROMA 5:12.

Xa uThixo wadala abantu bokuqala emhlabeni, uAdam noEva, wabanika ingqondo nomzimba ofezekileyo. Wababeka kwiparadesi entle esemhlabeni—kwindawo ebizwa ngokuba ngumyezo wase-Eden. Wabaxelela ukuba bangatya kuyo yonke imithi yaloo myezo, ngaphandle komnye. Kodwa uAdam noEva bakhetha ukutya isiqhamo saloo mthi ibe loo nto yaba sisono. (Genesis 2:15-17; 3:1-19) Ngenxa yokuba bengazange bamthobele uThixo, bagxothwa kuloo myezo ibe ubomi babo baba nzima emva koko. Ekuhambeni kwexesha, baye baba nabantwana yaye nobabo ubomi baba nzima. Baye baguga baze basweleka. (Genesis 3:23; 5:5) Siyagula, siguge size sisweleke ngenxa yokuba singabantwana baka-Adam noEva.

Sehlelwa Zizinto Ezibuhlungu Ngenxa Yeengelosi Ezingazange Zithobele

“Lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.”​—1 YOHANE 5:19.

USathana sisidalwa somoya esingabonakaliyo esaye savukela uThixo. (Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9) Ezinye iingelosi zenza into efanayo zaza zalandela uSathana. Zibizwa ngokuba ziidemon. Ezi demon zisebenzisa amandla azo ukuze ziqhathe abantu ukuze bangamthobeli uMdali wethu. Zizama ukwenza abantu benze izinto ezimbi. (INdumiso 106:35-38; 1 Timoti 4:1) USathana needemon bayathanda ukwenza ubomi babantu bube nzima.

Ngamanye Amaxesha Sehlelwa Zizinto Ezibuhlungu Ngenxa Yezigqibo Esizenzayo

“Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.”​—GALATI 6:7.

Sehlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yesono esasifumana kubazali bethu bokuqala, nangenxa yokuba uSathana elawula eli hlabathi. Kodwa, ngamanye amaxesha abantu babenza bubenzima ngokwabo ubomi babo. Njani? Xa besenza izinto ezimbi nezigqibo zobudenge bavuna imiphumo emibi. Kwelinye icala, xa abantu besenza izinto ezintle bavuna imiphumo emihle. Ngokomzekelo, utata, nomyeni osebenza nzima, oyithandayo intsapho yakhe nonyanisekileyo uza kuvuna izinto ezintle aze ayenze yonwabe intsapho yakhe. Kodwa odlala ngemali ukuze afumane enye, osela kakhulu, nowonqenayo unokwenza intsapho yakhe isokole. Senza ngobulumko xa simamela uMdali wethu. Ufuna sivune izinto ezintle size sibe ‘seluxolweni.’​—INdumiso 119:165.

Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’

“Ngemihla yokugqibela. . . , abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, . . . bangathobeli bazali, . . . bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo.”​—2 TIMOTI 3:1-5.

Namhlanje abantu abaninzi baziphethe ngendlela echazwe kwezi vesi. Le nto ingqina ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yeli hlabathi. IBhayibhile yachaza ukuba ngemihla yethu kuza kubakho iimfazwe, indlala, iinyikima ezinkulu nezifo. (Mateyu 24:3, 7, 8; Luka 21:10, 11) Ezi zinto zibangela kubekho iintlungu ezininzi.