Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sadalelwa Ukuba Singafi

Sadalelwa Ukuba Singafi

SONKE siyafuna ukuphila ixesha elide sonwabile. Cinga ngendlela ebekuza kuba mnandi ngayo ukuba besingaguli, singafi ibe sonwabile. Besinokuphila ixesha elide nabantu esibathandayo, siye naphi na apho sifuna ukuya khona, sifunde ukwenza izinto esizithandayo.

Kutheni abantu befuna ukuphila ixesha elide? IBhayibhile ithi uThixo uyibeke entliziyweni loo nto. (INtshumayeli 3:11) Iphinde ithi “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Ucinga ukuba uThixo osithandayo angasenza sifune ukuphila ixesha elide aze angayenzi loo nto?

Akakho umntu ofuna ukufa. IBhayibhile ide ithi ukufa ‘lutshaba’ lwethu. (1 Korinte 15:26) Abanye lubafikela besebancinci, abanye sele bekhulile olu tshaba, kodwa ekugqibeleni sonke siza kufa. Abantu abaninzi xa becinga ngokufa baye boyike. Ngaba olu tshaba luya kuze luphele? Inokwenzeka phofu loo nto?

LIKHONA ITHEMBA

Yayingeyonjongo kaThixo ukuba abantu basweleke. KwiGenesis iBhayibhile ibonisa ukuba uThixo wayefuna abantu bangafi. UYehova uThixo wawudala umhlaba wanento yonke eza kwenza abantu baphile baze bonwabe. Akugqiba wadala umntu wokuqala, uAdam, waza wambeka egadini yase-Eden. Emva koko “uThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.”​—Genesis 1:26, 31.

UAdam wadalwa engenasono. (Duteronomi 32:4) Nomfazi wakhe uEva wayengenasono. Bobabini babenomzimba nengqondo ephile qete. UThixo wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.”​—Genesis 1:28.

Kwakuza kuthatha ixesha ukuba abantwana baka-Adam noEva bagcwalise umhlaba. UEva wayeza kuzala abantwana, baze nabo bantwana bazale abanye abantwana, ude umhlaba ugcwale njengokuba uThixo wayefuna. (Isaya 45:18) Xa sicinga ngale nto, ngaba sinokuthi uYehova wayefuna babone abantwana mhlawumbi nabazukulwana babo qha, baze bangababoni bekhula?

Enye into uThixo awayefuna abantu bayenze kukuba babe nobukhosi kwizilwanyana. Kwathiwa kuAdam makathiye zonke izilwanyana, ibe loo nto yayiza kuthatha ixesha. (Genesis 2:19) Ukuze babe nobukhosi kwizilwanyana kwakuza kufuneka bazifunde baze bayiqonde indlela yokuzikhathalela. Loo nto yayiza kuthatha ixesha elide.

Umyalelo kaThixo wokuba bagcwalise umhlaba nokuba babe nobukhosi kwizilwanyana ubonisa ukuba kwakuza kufuneka baphile ixesha elide. Waphila ixesha elide ke nyhani uAdam.

EYONA NTO YAYIFUNWA NGUTHIXO KUKUBA ABANTU BAPHILE EMHLABENI OYIPARADESI BANGAFI

ABANTU ABAPHILA IXESHA ELIDE

UAdam waphila iminyaka eyi-930

UMethusela waphila iminyaka eyi-969

UNowa waphila iminyaka eyi-950

Thina siphila iminyaka eyi-70-80

IBhayibhile ibonisa ukuba kukho abantu ababekhe baphila ixesha elide kunathi. Ithi: “Imihla awayiphilayo uAdam yaba ngamakhulu asithoba anamashumi amathathu eminyaka.” Isixelela nangamanye amadoda awaphila iminyaka engaphezu kweyi-900, uSete, uEnoshi, uKenan, uYaredi, uMethusela noNowa. Onke la madoda ayephila ngaphambi koMkhukula kaNowa. UNowa yena waphila iminyaka eyi-600 ngaphambi koMkhukula. (Genesis 5:5-27; 7:6; 9:29) Kwakutheni ukuze bona baphile ixesha elide?

La madoda aphila isono singekaqatseli kakhulu. Mhlawumbi yiloo nto aphila ixesha elide. Kutheni sisithi ukungabi nasono kunokusenza siphile ixesha elide? Ukufa kuza kupheliswa njani? Ukuze siphenduleke kufuneka siqale siqonde ukuba kutheni sisaluphala size sife.