Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Akakho Umntu Onokukubaleka Ukufa

Akakho Umntu Onokukubaleka Ukufa

MASITHI ubukele ividiyo yomdlali webhola odumileyo nomthandayo. Imbonisa esemncinci eqala ukufunda ukukhaba ibhola de abe mdala. Emva koko umbona edlalela iqela lebhola elithandwayo aze ekugqibeleni aye kudlala phesheya. Njengoko ubukele, uya ekhula, esaluphala aze asweleke.

Eli asilobali nje, kodwa yinto eyenzekayo nyhani. Le yinto eyenzeka kuye nawuphi na umntu odumileyo, nokuba yimvumi, usosayensi okanye imbaleki. Kusenokwenzeka ukuba zininzi izinto ezintle ezenziwe nguloo mntu. Awucingi ukuba ebeza kwenza ezingaphezulu ukuba ebengakhange aluphale aze asweleke?

Ibuhlungu injalo le nto, akakho umntu onokukubaleka ukufa. (INtshumayeli 9:5) Kuwo onke amacebo esiwazamayo, alikho elinokusenza singoluphali okanye singafi. Kanti nangoku sisebatsha, sisenokubulawa yingozi okanye kukugula. IBhayibhile ithi ubomi bethu bufana “nenkungu ebonakala okwethutyana ize ithi shwaka.”​—Yakobi 4:14.

Kuba abantu abaninzi besazi ukuba baza kufa baye ababuhoya ubomi, baphilela ‘ukudla, nokusela kuba ngomso baza kufa.’ (1 Korinte 15:32) Baphila ngale ndlela kuba bengenathemba lento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Ebomini zikho izinto eziza kwenza uzibuze lo mbuzo, ‘Ngaba sasidalelwe ukuba siphile ngolu hlobo?’ ingakumbi xa usezintlungwini. Unokuyifumana phi impendulo?

Abantu abaninzi banethemba lokuba oososayensi baza kukwazi ukuwuphendula lo mbuzo. Oososayensi noogqirha beze nezinto ezibangela ukuba kubonakale ngathi abantu banokuphila ixesha elidana. Kanti abanye oososayensi bazama iindlela zokuba abantu baphile ixesha elide kakhulu. Nokuba ziyenzeka ezo zinto bazizamayo okanye azenzeki, le mibuzo ayikaphenduleki: Kutheni sisaluphala size sisweleke? Ngaba likho ithemba lokuba utshaba olukukufa luya kuze luphele? Le mibuzo iza kuphendulwa kule mixholo ilandelayo. Kuza kuphendulwa nombuzo othi: Ngaba sasidalelwe ukuba siphile ngolu hlobo?