Ileta KaYakobi 4:1-17

  • Sukuba ngumhlobo wehlabathi (1-12)

    • Mchaseni uMtyholi (7)

    • Sondelani kuThixo (8)

  • Kulumkiswa ngokuqhayisa (13-17)

    • “Ukuba uYehova uyathanda” (15)

4  Zibangelwa yintoni iimfazwe neengxabano phakathi kwenu? Azibangelwa kukufuna ukuzanelisa na, okulawula imizimba yenu?+  Niyabawa kodwa aninanto. Niyabulala, ninomona kodwa anifumani nto. Nide nilwe, niqhwaye nodushe.+ Sekunjalo, anizifumani izinto enizifunayo, kuba aniziceli kuThixo.  Naxa nimcela akaniniki nto, kuba nicela ninenjongo embi, nifuna nje ukuzanelisa.  Bantundini abangathembekanga,* anazi na ukuba ubuhlobo nehlabathi bunenza iintshaba zikaThixo? Nabani na ke ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzenza utshaba lukaThixo.+  Okanye nicinga ukuba izibhalo zithetha nje xa zisithi: “Umoya womona ohleli ngaphakathi kuthi usoloko ufuna yonke into”?+  Kodwa ububele bukaThixo* businceda siyoyise yonke loo mikhwa. Izibhalo zithi: “UThixo akabathandi abantu abanekratshi,+ kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.”+  Ngoko ke, thobelani uThixo;+ kodwa mchaseni uMtyholi,+ ibe uza kunibaleka.+  Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.+ Hlambani izandla zenu nina boni,+ nizenze msulwa iintliziyo zenu+ nina bangenazigqibo.  Yibani lusizi, nizile, nikhale.+ Endaweni yokuba nihleke, khalani; endaweni yokuba nivuye, yibani lusizana. 10  Zithobeni kuYehova,*+ ibe yena uza kuniphakamisa.+ 11  Yekani ukugxekana bazalwana.+ Nabani na othetha kakubi ngomzalwana okanye ogweba umzalwana wakhe, uthetha kakubi ngomthetho, ibe ugweba umthetho. Ngoko ukuba ugweba umthetho, awuwuthobeli, kodwa uzenza umgwebi. 12  Mnye kuphela uMniki-mthetho noMgwebi,+ lowo ukwazi ukusindisa nokutshabalalisa.+ Ungubani ke wena ukuba ugwebe ummelwane wakho?+ 13  Mamelani nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siza kuya kwesinye isixeko, sihlale unyaka wonke, size sishishine senze imali,”+ 14  nibe ningabazi phofu ukuba ubomi benu buza kuba yintoni ngomso.+ Kuba nifana nje nenkungu ebakho ixeshana ize iphinde inyamalale.+ 15  Eyona nto nimele niyithethe kukuba: “Ukuba uYehova* uyathanda,+ siza kuphila, senze le naleya.” 16  Nizingomba isifuba ngokuqhayisa kwenu. Imbi gqitha loo nto. 17  Ngoko ke, ukuba umntu uyayazi into elungileyo amele ayenze, kodwa angayenzi, uyona.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Bakrexezikazindini.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”