Yiya kwinkcazelo

Ungenza Njani Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?

Ungenza Njani Ukuze Ufumane Ubomi Obungunaphakade?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ithi: “Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:17) Yintoni le uThixo afuna uyenze?

  • Funda ngoThixo nangoNyana wakhe, uYesu. Xa wayethandaza kuThixo, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Kuthetha ukuthini ‘ukungenisa ulwazi’ ngoThixo nangoYesu? Kuthetha ukuyifunda iBhayibhile size sizenze izinto esizifundayo. a IBhayibhile isixelela oko kuthethwa nguMdali wethu, uYehova uThixo, onguMniki-bomi. (IZenzo 17:24, 25) IBhayibhile iphinda isixelele ngoNyana wakhe, uYesu, owafundisa ‘amazwi obomi obungunaphakade.’​—Yohane 6:67-69.

  • Yiba nokholo kwinto yokuba uYesu eye wasifela. UYesu weza apha emhlabeni “kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo.” (Mateyu 20:28) Ukufelwa nguYesu kuye kwavula ithuba lokuba abantu baphile ubomi obungunaphakade kwiParadesi eza kube ilapha emhlabeni. b (INdumiso 37:29) UYesu wathi: “Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Kodwa ke, kufuneka okungakumbi kunokukholelwa nje kuYesu. Ukuze sibonakale ukuba sinokholo, kufuneka siphile ubomi bethu ngokwezinto ezafundiswa nguYesu nokwenza ukuthanda kukaTata wakhe. ​—Mateyu 7:21; Yakobi 2:17.

  • Yiba nobuhlobo obuqinileyo noThixo. UThixo ufuna sisondele kuye size sibe ngabahlobo bakhe. (Yakobi 2:23; 4:8) UThixo akafi. Akasoze afe, ibe ufuna abahlobo bakhe baphile ngonaphakade. Esebenzisa iLizwi lakhe, uThixo uchaza into ayifunayo kwabo bamfunayo: “Ngamana iintliziyo zenu zingaphila ngonaphakade.”​—INdumiso 22:26.

Izinto Ezingeyo Nyani Ezikholelwa Ngabantu Ngobomi Obungunaphakade

Ubuxoki: Iinzame ezenziwa ngabantu zinokusenza sifumane ubomi obungunaphakade.

Inyaniso: Nangona izinto ezenzwa ngoogqirha zithembisa abantu ukuba baza kuphila ixesha elide, azinako ukubenza bangafi. NguThixo kuphela onokusinika ubomi obungunaphakade kuba nguye “umthombo wobomi.” (INdumiso 36:9) Uthembisa abo bathembekileyo ukuba “uya kuginya ukufa ngonaphakade” aze abanike ubomi obungunaphakade. ​—Isaya 25:8; 1 Yohane 2:25.

Ubuxoki: Ngabantu bohlanga oluthile abaza kuphila ngonaphakade.

Inyaniso: UThixo akakhethi buso. IBhayibhile ithi, “kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Abantu bonke abamthobelayo uThixo baza kuphila ngonaphakade.

Ubuxoki: Ubomi obungunaphakade buza kudika.

Inyaniso: NguThixo oza kusinika ubomi obungunaphakade, uyasithanda ibe ufuna sonwabe. (Yakobi 1:17; 1 Yohane 4:8) Uyayazi ukuba ukuze siqhubeke sonwabile kufuneka sisebenze. (INtshumayeli 3:12) UThixo uthembisa abo baza kuphila ngonaphakade apha emhlabeni ukuba baza kuba nemisebenzi eyanelisayo nevuyisayo nezakunceda bona kunye neentsapho zabo.​—Isaya 65:22, 23.

Ngaphezu koko, abo baza kuphila ngonaphakade emhlabeni baza kufunda izinto ezintsha ngoMdali wabo kunye nezinye izinto ezininzi azidalileyo. UThixo wabadala abantu banomnqweno wokufuna ukuphila ngonaphakade kunye nokufuna ukumazi naye, nangona bengasoze bawazi ngokupheleleyo “umsebenzi uTHIXO oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.” (INtshumayeli 3:10, 11) La mazwi abonisa ukuba abo baza kuphila ngonaphakade baza kuqhubeka benezinto ezintsha abaza kuzikufunda nabazakuzenza.

a AmaNgqina KaYehova afunda nabantu iBhayibhile simahla. Ukuze wazi okungakumbi bukela ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile?

b Funda inqaku elithi “UYesu Uyasindisa—Njani?