Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ikamva Lakho, Lisezandleni Zakho!

Ikamva Lakho, Lisezandleni Zakho!

NGABA IKHO INTO ONOKUYENZA UKUZE UTSHINTSHE IKAMVA LAKHO? Abanye abantu bakholelwa ukuba ubomi abuxhomekekanga kubo, kunoko yagqitywa kudala into obuza kuba yiyo. Xa bengakwazi ukwenza izinto abafuna ukuzenza baye bancame ngelithi ibihleli ingazukwenzeka loo nto. Baye bathi: “Ndizamile, kodwa kuyacaca ukuba ibingeyoyam le nto.”

Abanye bona bavele bancame xa bebona ngathi abanandlela yokuphila kweli hlabathi licinezelayo nelibaphatha kakubi abantu. Mhlawumbi bebezama ukuphucula ubomi babo—kodwa imfazwe, ulwaphulo-mthetho, iintlekele nokugula zayichitha yonke loo nto. Baye bazibuze bathi: ‘Kutheni ndiziduba nje?’

Kuyinyaniso kona ukuba izinto ezenzekayo ebomini ziba nefuthe koko ubucebe ukukwenza. (INtshumayeli 9:11) Kodwa ke nguwe onokugqiba ngento yokuba uza kuphelela phi. IBhayibhile ibonisa ukuba ikamva lakho lixhomekeke kuwe. Khawuve ukuba ithini.

Xa amaSirayeli ayeza kungena kwiLizwe Lesithembiso, uMoses wathunywa nguYehova ukuba athi kuwo: “Ndibeke phambi kwakho ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso; nyula ke ubomi ukuze uphile, wena nenzala yakho, ngokuthi umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye.”Duteronomi 30:15, 19, 20.

“Ndibeke phambi kwakho ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso; nyula ke ubomi ukuze uphile.”—Duteronomi 30:19

Nyhani ke, uThixo wawakhulula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, atsho anethemba lokuphila kamnandi ekhululekile kwiLizwe Lesithembiso. Kodwa ke kukho izinto ezazilindelekile kuwo. Ukuze afumane ezi ntsikelelo, kwakuza kufuneka ‘anyule ubomi.’ Njani? ‘Ngokuthi amthande uThixo, aphulaphule ilizwi lakhe, kwaye anamathele kuye.’

Nawe ke, kufuneka ukhethe ukuba ikamva lakho liza kuba yintoni na. Ukuba ukhetha ukumthanda uThixo, ukuphulaphula ilizwi lakhe, nokunamathela kuye, uza kube ukhetha ukuphila ubomi obungenasiphelo apha emhlabeni. Ziintoni ke omele uzenze?

KHETHA UKUMTHANDA UTHIXO

Uthando yeyona nto ibalaseleyo kuThixo. Umpostile uYohane waphefumlelwa ukuba abhale athi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Yiloo nto uYesu, xa wayebuzwa ukuba nguwuphi owona mthetho mkhulu, wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) Umntu akasondeli kuThixo kuba emoyika okanye eqhathiwe, kodwa usondela kuye kuba emthanda. Kodwa ke kutheni sifanele sikhethe ukumthanda?

Indlela uYehova abathanda ngayo abantu singayifanisa nendlela abazali ababathanda ngayo abantwana babo. Nakuba abazali benazo iimpazamo, bayabafundisa, babakhuthaze, babaxhase, baze babaqeqeshe abantwana babo kuba befuna bonwabe kwaye baphumelele. Yintoni ke abazali abaye bayilindele kubantwana babo? Balindele ukuba nabo babathande kwaye bazenze izinto ababaxelele zona. Akukho nto imbi ke naxa uBawo wethu osezulwini elindele ukuba simbulele ngezinto asenzele zona.  

LIPHULAPHULE ILIZWI LAKHE

Kulwimi eyabhalwa ngalo iBhayibhile, igama elithi “phulaphula” lithetha ukuthi “thobela.” Asiyiyo na le into esiyitshoyo xa sisithi emntwaneni, “Phulaphula abazali bakho”? Ngoko, ukuphulaphula ilizwi likaThixo kuthetha ukulifunda, nokwenza loo nto liyitshoyo. Ekubeni singakwazi ukuliva ngeendlebe ilizwi likaThixo, simphulaphula ngokufunda iBhayibhile size senze oko sikufunde kuyo.—1 Yohane 5:3.

Ukuze uYesu abonise indlela ekubaluleke ngayo ukumamela ilizwi likaThixo, wakha wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Ukufunda ngoThixo kubaluleke njengokutya ukutya okunesondlo, kude kwanochatha. Ngoba? UKumkani uSolomon owayesisilumko wathi: “Ubulumko buyakhusela njengokuba nemali ikhusela; kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Ubulumko nolwazi esilufumana kuThixo zingasikhusela nanamhlanje zize zisincede senze izigqibo zobulumko eziza kusenza siphile ubomi obungenasiphelo.

NAMATHELA KUYE

Usawukhumbula umzekeliso owenziwa nguYesu esithethe ngawo kwinqaku elingaphambi kweli othi, “limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo”? (Mateyu 7:13, 14) Siza kuncedakala xa sihamba ngale ndlela, kuba siza kube sihamba nomntu oyazi kakuhle, sitsho siyokufika apho siya khona, kubomi obungenasiphelo. Ngoko sinaso isizathu esivakalayo sokunamathela kuThixo. (INdumiso 16:8) Kodwa ke singanamathela njani?

Suku ngalunye kubakho izinto ekufuneka sizenzile, nezinye ezininzi ebesingathanda ukuzenza. Ezo zinto zingasigcina sixakekile kangangokuba singabi naxesha lokucinga ngezinto uThixo afuna sizenze. Yiloo nto iBhayibhile isikhumbuza isithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo.” (Efese 5:15, 16) Ukuba sifuna ukusondela kuThixo, ubuhlobo bethu naye kufuneka bube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.—Mateyu 6:33.

ZIKHETHELE

Nakuba ungenakuzitshintsha izinto ezidlulileyo, ungakwazi ukukhetha ukuba wena nezihlobo zakho nibe nekamva elihle. IBhayibhile isixelela ukuba uBawo wethu osezulwini, uYehova uThixo, usithanda nyhani kwaye ufuna siyazi into ayilindeleyo kuthi. Khawuve ukuba uthini umprofeti uMika:

“Ukuxelele, mntundini wasemhlabeni, okulungileyo. Kwaye yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”Mika 6:8.

UYehova uyakucela ukuba uhambe naye ukuze ufumane iintsikelelo zikanaphakade. Uthini ke? Zikhethele!