Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Abalulamileyo Baya Kuwudla Ilifa Umhlaba”

“Abalulamileyo Baya Kuwudla Ilifa Umhlaba”

Abaninzi kuthi baye babona abantu begwetywa bengenzanga nto, nabantu abalungileyo nabamsulwa becinezelwa ngabantu abenza izinto ezimbi. Ngaba ziya kuze ziphele ezi zinto?

INdumiso 37 eseBhayibhileni iyasiphendula, kwaye isibonisa nento esimele siyenze ngoku. Khawuve ukuba ithini kule mibuzo ilandelayo.

  • Sifanele sibenze ntoni abantu xa besicinezela?Ivesi 1, 2.

  • Yintoni eza kwenzeka kubantu abenza izinto ezimbi?Ivesi 10.

  • Liyintoni ikamva labantu abenza izinto ezilungileyo?Ivesi 11, 29.

  • Simele senze ntoni ke ngoku?Ivesi 34.

Amazwi aphefumlelweyo eNdumiso 37 asibonisa ikamva eliqaqambileyo labo ‘bathembela ngoYehova baze bagcine indlela yakhe.’ AmaNgqina KaYehova angakuvuyela ukukunceda ufunde iBhayibhile uze ubone indlela onokuqiniseka ngayo ukuba wena nentsapho yakho niba nekamva elihle.