Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izithembiso Eziza Kwenzeka

Izithembiso Eziza Kwenzeka

Njengokuba uYesu wayetshilo, iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo zishunyayelwa kuwo wonke umhlaba. (Mateyu 24:14) EBhayibhileni, kwincwadi kaDaniyeli sichazelwa ukuba obu Bukumkani ngurhulumente kaThixo. Isahluko sesibini sale ncwadi saprofeta ngookumkani abakhulu babantu, ukuqala kwabo baseBhabhiloni yakudala ukuza kutsho kwabanamhlanje. Xa yayichaza ngento eza kwenzeka, ivesi 44 ithi:

“UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”

Esi siprofeto nezinye eziseBhayibhileni zichaza ukuba uBukumkani BukaThixo buza kulawula endaweni yookumkani babantu kuze kungabikho ziphazamiso emhlabeni. Kuza kuba njani xa kulawula obu Bukumkani? Nazi ezinye izithembiso ezintle.

Oko kuthetha ukuba siza kuphila kamnandi singafi apha emhlabeni! Yiloo nto esiyithenjiswa nguMdali wethu osithandayo uYehova uThixo.

  • AKUYI KUBAKHO MFAZWE

    INdumiso 46:9: “[UThixo] uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba. Waphula isaphetha nomkhonto; iinqwelo uzitshisa emlilweni.”

    Ngelinjani ihlabathi ukuba bekungathathwa imali nobuchule obusetyenziswa ekwenzeni izixhobo eziyingozi kuze kwenziwe ngazo izinto ezinokunceda abantu? Eso sithembiso siza kwenzeka nyhani phantsi koBukumkani BukaThixo.

  • UKUGULA KUZA KUPHELA

    Isaya 33:24: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”

    Inoba kunganjani apha emhlabeni xa kungekho mntu unesifo sentliziyo, umhlaza, isifo seengcongconi nezinye? Ziza kube zingasekho izibhedlele namayeza. Bonke abantu emhlabeni baza kuba yimiqabaqaba.

  • INDLALA IZA KUPHELA

    INdumiso 72:16: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”

    Umhlaba uza kuvelisa ukutya okuza kwanela wonke umntu. Akuzukubakho mntu olambileyo nongondlekanga.

  • AKUYI KUBAKHO MNTU UQAQANJELWAYO, UKHATHAZEKILEYO NOSWELEKAYO

    ISityhilelo 21:4: “[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”

IZA KWENZEKA NAKANJANI

Ngaba yonke le nto ivakala ingathi yintsomi? Nakubeni abantu abaninzi bengakuthanda ukuphila ngale ndlela ichazwe eBhayibhileni, abanye ngenxa yezizathu ezahlukeneyo bathi kunzima ukuzibona bephila oko bengafi. Ayothusi ke loo nto kuba akekho umntu owakhe waphila ngolo hlobo.

Abantu bangamakhoboka esono nokufa kwaye kangangexesha elide bebesoloko besezintlungwini besehlelwa zizinto ezibuhlungu futhi bethwele ubunzima. Kangangokuba abantu abaninzi bade bayiqhela le ndlela yokuphila. Kodwa loo nto yahluke kakhulu kwinjongo awayenayo uMdali wethu, uYehova uThixo.

Ukuze asincede siqiniseke ngoko asithembise kona, uThixo wathi ngelizwi lakhe: “Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”​—Isaya 55:11.

IBhayibhile ithi uYehova nguThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) Ekubeni uThixo esithembise zonke ezi zinto zintle, sifanele sizibuze ukuba: Ngaba ingenzeka nyhani into yokuba abantu baphile bangafi apha emhlabeni? Singenza njani ukuze sibe khona xa zisenzeka izinto uThixo asithembise zona? Ukuba uyaqhubeka ufunda le magazini, uza kuzifumana iimpendulo zale mibuzo.