Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yaprofeta Yathini IBhayibhile Ngeenyikima Ezinkulu?

Yaprofeta Yathini IBhayibhile Ngeenyikima Ezinkulu?

 Nyaka ngamnye, kubakho iinyikima ezininzi. Uninzi lwazo ziinyikima njee, kodwa ezinye zitshabalalisa izinto ezininzi kude kusweleke nabantu. Ngamanye amaxesha ziye zibangele kubekho iitsunami ezimosha iindawo ezingaselwandle, zibulale nabantu abahlala apho. Ngaba iBhayibhile yaprofeta ngezi nyikima zinkulu?

Kweli nqaku

 Ngaba iBhayibhile yaprofeta ngeenyikima?

 UYesu waprofeta ngeenyikima eBhayibhileni. Amazwi akhe sinokuwafumana kwezi ncwadi zintathu zeBhayibhile:

 “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe, yaye kuza kubakho indlala neenyikima kwiindawo ngeendawo.”Mateyu 24:7

 “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe ibe kuza kubakho iinyikima kwiindawo ngeendawo, kuza kubakho nendlala.”—Marko 13:8.

 “Kuza kubakho iinyikima ezinkulu, kubekho indlala nezifo ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo.”—Luka 21:11.

 UYesu wathi “iinyikima ezinkulu” ziza kubakho “kwiindawo ngeendawo” ibe ngelo xesha kuza kubakho neemfazwe, indlala, nezifo ezibulalayo. Xa kusenzeka ezi zinto iza kube ilixesha ‘lokupheliswa kwehlabathi’ okanye ‘imihla yokugqibela.’ (Mateyu 24:3; 2 Timoti 3:1) Xa sibala ngokweBhayibhile, ‘imihla yokugqibela’ yaqala ngo-1914 futhi ayikapheli.

 Ngaba iinyikima ezenzekayo namhlanje zezi iBhayibhile yayithethe ngazo?

 Ewe. Isiprofeto sikaYesu nezinto awazithethayo ngeenyikima, ziyadibana nezinto esizibona zisenzeka namhlanje. Ukususela ngo-1914, zingaphezu kwe-1 950 iinyikima ezinkulu eziye zabulala abantu abangaphezu kwe-2 miliyoni. a Nantsi imizekelo.

 Ngo-2004—Kulwandle lweIndian Ocean. Inyikima enobukhulu obuyi-9.1 yenza kwakho itsunami eyafikelela kumazwe amaninzi, yabulala abantu abamalunga ne-225 000.

 Ngo-2008—ETshayina. Inyikima enobukhulu obuyi-7.9, yatshabalalisa iilali needolophu ibe kuqikelelwa ukuba yabulala abantu abayi-90 000, yonzakalisa abayi-375 000. Le nyikima yashiya abaninzi bengenamakhaya.

 Ngo-2010—EHaiti. Kwabakho inyikima enobukhulu obuyi-7.0. Yalandelwa zezinye ezingaphantsi kunayo kwaza kwafa abantu abangaphezu kwe-300 000. Abanye abangaphezu kwemiliyoni, bashiyeka bengenamakhaya.

 Ngo-2011—EJapan. Kwabakho inyikima enobukhulu obuyi-9.0 kunye neetsunami ezabulala abantu abaqikelelwa kwi-18 500. Abaninzi zabashiya bengenamakhaya. Iziko lombane ekuthiwa yi-Fukushima lamoshakala yaza loo nto yabangela kwachitheka imichiza yenyukliya. Emva kweminyaka eyi-10, abantu abamalunga ne-40 000 babengekabuyeli emakhayeni abo akufutshane neli ziko lombane ngenxa yobungozi bemichiza eyayichitheke apho.

 Isiprofeto seBhayibhile esingeenyikima sithetha ntoni kuthi?

 Isiprofeto seBhayibhile esithetha ngeenyikima sisixelela ngento eza kwenzeka kungekudala. UYesu wathi: “Xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele.”—Luka 21:31.

 IBhayibhile ithi uBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini onoMlawuli onguYesu Kristu. Obu Bukumkani bobu uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele.—Mateyu 6:10.

 Xa uBukumkani bukaThixo bulawula emhlabeni, uThixo uza kwenza iintlekele zemvelo ezinje ngeenyikima zingenzakalisi okanye zibulale abantu. (Isaya 32:18) Uza kuphelisa neengxaki ezibangelwe zezi nyikima ebantwini. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:3, 4) Ukuze wazi nezinye izinto, funda inqaku elithi, “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

a  Obu bungqina busuka kwiGlobal Significant Earthquake Database exhaswa yiUnited States National Geophysical Data Center.