Yiya kwinkcazelo

Yintoni UMoya Oyingcwele?

Yintoni UMoya Oyingcwele?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Umoya oyingcwele ngamandla asetyenziswa nguThixo. (Mika 3:8; Luka 1:35) UThixo uthumela umoya wakhe oyingcwele naphi na, ukuze kuphunyezwe intando yakhe.—INdumiso 104:30; 139:7.

EBhayibhileni, igama elithi, “umoya” lisuka kwelesiHebhere elithi, ruʹach nelesiGrike elithi, pneuʹma. Amaxesha amaninzi, la magama abhekisela kumandla asetyenziswa nguThixo okanye kumoya oyingcwele. (Genesis 1:2) Kodwa iBhayibhile iwasebenzisa nangenye indlela la magama:

Zonke ezi ndlela lichazwa ngazo eli gama zibonisa ukuba le nto kuthethwa ngayo ayibonakali ebantwini kodwa izenzo zayo ziyabonakala. Ngendlela efanayo, umoya kaThixo “ungumoya ongabonakaliyo, nonamandla njengomoya ovuthuzayo.”—IExpository Dictionary of New Testament Words, kaW. E. Vine.

IBhayibhile ikwathetha ngomoya oyingcwele kaThixo ‘njengezandla’ okanye ‘iminwe’ yakhe. (INdumiso 8:3; 19:1; Luka 11:20 thelekisa noMateyu 12:28.) Njengokuba ichule lisebenzisa izandla ukwenza umsebenzi walo, noThixo uye asebenzise umoya wakhe ukuze enze ezi zinto zilandelayo:

Umoya oyingcwele awungomntu

Xa iBhayibhile ibhekisela kumoya kaThixo ‘njengezandla,’ ‘iminwe’ okanye “impefumlo,” ibonisa ukuba lo moya awungomntu. (Eksodus 15:8, 10) Izandla zechule azinakusebenza ngaphandle komzimba nengqondo; nomoya oyingcwele awunakusebenza ngaphandle kukaThixo. (Luka 11:13) IBhayibhile ikwathetha ngomoya kaThixo njengamanzi ize iwunxulumanise nezinto ezifana nokholo nolwazi. Ezi zibakala ziyenza icace into yokuba umoya oyingcwele awungomntu.—Isaya 44:3; IZenzo 6:5; 2 Korinte 6:6.

IBhayibhile iyasichazela igama likaThixo elinguYehova, neloNyana wakhe elinguYesu Kristu; kodwa asiyiva ithetha ngegama lomoya oyingcwele. (Isaya 42:8; Luka 1:31) Xa umfeli-nkolo ongumKristu uStefano waboniswa umbono wasezulwini, wabona abantu ababini kungekhona abathathu. IBhayibhile ithi: “Ezele ngumoya oyingcwele, wondela ezulwini waza walubona uzuko lukaThixo noYesu emi ngasekunene kukaThixo.” (IZenzo 7:55) Umoya oyingcwele kaThixo wasebenza wabangela uStefano wawubona loo mbono.

Ubuxoki ngomoya oyingcwele

Ubuxoki: ‘Umoya oyingcwele’ ngumntu oyinxalenye kaThixo oneziqu ezithathu obhalwe kweyoku-1 kaYohane 5:7, 8 kwiBhayibhile yesiXhosa ka-1996.

Inyaniso: Kweyoku-1 kaYohane 5:7, 8 iBhayibhile yesiXhosa ka-1996 inala mazwi: “Emazuwlini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye. Bathathu abo bangqinayo emhlabeni.” Kodwa ke abaphandi bathi la mazwi awazange abhalwe ngumpostile uYohane ngoko awamelanga ukuba aseBhayibhileni. UProfesa Bruce M. Metzger wathi: “La mazwi awachananga yaye awamelanga ukuba akhona kwiTestamente Entsha.”—ITextual Commentary on the Greek New Testament.

Ubuxoki: IBhayibhile inika umoya oyingcwele iimpawu zomntu, ngoko oku kungqina isibakala sokuba umoya oyingcwele ngumntu.

Inyaniso: IZibhalo zikhe zibhekisele kumoya oyingcwele ngokungathi ngumntu, kodwa oku akunikeli bungqina bokuba umoya oyingcwele ngumntu. IBhayibhile ikhe ithethe ngobulumko, ngokufa nangesono ngokungathi ngumntu. (IMizekeliso 1:20; Roma 5:17, 21) Ngokomzekelo, ubulumko kuthiwa ‘bunemisebenzi’ ‘nabantwana,’ isono sona kukhe kuthiwe siyatsala, sibulale okanye sivuse inkanuko.—Mateyu 11:19; Luka 7:35; Roma 7:8, 11.

Ngendlela efanayo, umpostile uYohane wacaphula amazwi kaYesu athi, umoya oyingcwele ‘ngumncedi’ owayeza kunikela ubungqina, akhokele, athethe, eve, avakalise, azukise aze afunyanwe. Apha xa ethetha ‘ngomncedi’ kuba ngathi ubhekisela endodeni. (Yohane 16:7-15) Kodwa ke, wenza oko ngenxa yokuba eli gama lesiGrike elithi, “umncedi” (pa·raʹkle·tos) libizwa ngokungathi kubhekiselwa endodeni ngokwemithetho yolwimi lwesiGrike. UYohane waphinda wasebenzisa igama lesiGrike elithi, pneuʹma xa ebhekisela kumoya oyingcwele, ibe lona alivakali ngokungathi libhekisela endodeni okanye ebhinqeni.—Yohane 14:16, 17.

Ubuxoki: Ukubhaptizwa egameni lomoya oyingcwele kungqina ukuba lo moya ngumntu.

Inyaniso: Ngamanye amaxesha, iBhayibhile isebenzisa igama elithi “egameni” lento ethile, ibhekisela kwigunya okanye amandla. (Duteronomi 18:5, 19-22; Estere 8:10) Le ndlela yokuthetha ifana nqwa nokuthi, “egameni lomthetho,” la mazwi awathethi kuthi umthetho ngumntu. Umntu obhaptizwe “egameni” lomoya oyingcwele, uwaqonda kakuhle amandla nendima yomoya oyingcwele ekuphumezeni ukuthanda kukaThixo.—Mateyu 28:19.

Ubuxoki: Abapostile bakaYesu nabanye abafundi bexesha lakhe babekholelwa ukuba umoya oyingcwele ngumntu.

Inyaniso: IBhayibhile ayitsho, ukanti nembali ayitsho. IEncyclopædia Britannica ithi: “Ingcamango yokuba uMoya Oyingcwele nguMntu . . . yaqala ukubakho ngonyaka ka-381 kwiCawa kaConstantinople.” Ngeli xesha, kwakusele kudlule iminyaka eyi-250 sele efile umpostile wokugqibela.