Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ukhona Umntu Owakha Wambona UThixo?

Ngaba Ukhona Umntu Owakha Wambona UThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akakho umntu owakha wambona uThixo. (Eksodus 33:20; Yohane 1:18; 1 Yohane 4:12) IBhayibhile ithi “UThixo unguMoya,” loo nto ithetha ukuba abantu abanakumbona.—Yohane 4:24; 1 Timoti 1:17.

Iingelosi zinako ukumbona uThixo kuba nazo zinemizimba engumoya. (Mateyu 18:10) Kukho nabanye abantu abaza kuvuselwa ezulwini xa befile, babe nemizimba engumoya ngoko baza kukwazi ukumbona uThixo.—Filipi 3:20, 21; 1 Yohane 3:2

Enye indlela esingambona ngayo uThixo

Ngamanye amaxesha xa iBhayibhile isebenzisa igama elithi ukubona, idla ngokubhekisela ekuqondeni into ethile. (Isaya 6:10; Yeremiya 5:21; Yohane 9:39-41) Ngoko umntu anganako ukumbona uThixo ‘ngamehlo entliziyo,’ ngokuba nokholo kuye, amazi kakuhle aze axabise neempawu zakhe. (Efese 1:18) IBhayibhile iyasichazela indlela yokuba nolu kholo.

  • Funda ngeempawu zikaThixo kwindalo, njengothando ukuba nesandla esivulekileyo kwakhe, ubulumko namandla. (Roma 1:20) Emva kokukhunjuzwa ngezinto uThixo azidalileyo, indoda ethembekileyo uYobhi yavakalelwa kukuba iyambona uThixo.—Yobhi 42:5.

  • Funda ngoThixo eBhayibhileni. IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Ukuba uthe wamfuna [uThixo], uya kumfumana.”—1 Kronike 28:9; INdumiso 119:2; Yohane 17:3.

  • Funda ngoThixo kubomi bukaYesu. Ekubeni uYesu wayexelisa uYise wakhe uYehova uThixo kuyo yonke into awayeyenza, wayefanele ukuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”—Yohane 14:9.

  • Phila ngendlela ethandwa nguThixo, uze abone izinto aza kukwenzela zona. UYesu wathi: “Banoyolo abasulungekileyo entliziyweni, kuba baya kumbona uThixo.” Njengokuba sekutshiwo ngaphambili, kukho abanye abantu abaza kuvuselwa ezulwini, yaye bona baza “kumbona uThixo.”—Mateyu 5:8; INdumiso 11:7.

Ngaba uMoses, uAbraham nabanye abazange bambone uThixo?

Kumabali aseBhayibhileni, apho kubonakala ngathi abantu babembona uThixo, iivesi ezingaphambi nezisemva kwelo bali zibonisa ukuba uThixo wayemelwa yingelosi okanye abonakale embonweni.

Iingelosi.

Ngamaxesha akudala, uThixo wayethumela iingelosi ukuze zimmele ebantwini zize zithethe egameni lakhe ibe zazibonakala kubo. (INdumiso 103:20) Ngokomzekelo, uThixo wakha wathetha noMoses ngapha kwetyholo elivuthayo, iBhayibhile ithi: “Wabufihla uMoses ubuso bakhe, kuba wayesoyika ukukhangela kuThixo.” (Eksodus 3:4, 6) UMoses akazange abone Thixo, kuba eli bali libonisa ukuba wabona “ingelosi kaYehova.”—Eksodus 3:2.

Ngendlela efanayo, xa iBhayibhile isithi uThixo “wathetha kuMoses ubuso ngobuso,” ithetha ukuba babethetha njengabahlobo abasenyongweni. (Eksodus 4:10, 11; 33:11) UMoses akazange ambone uThixo kuba inkcazelo awayeyifumana kuThixo ‘wayidluliselwa ziingelosi.’ (Galati 3:19; IZenzo 7:53) Sekunjalo, uMoses wayenokholo olukhulu kangangokuba iBhayibhile ithi, wayengathi “uyambona Lowo ungabonakaliyo.”—Hebhere 11:27.

UThixo wasebenzisa iingelosi naxa wayethetha noAbraham, njengokuba wenza njalo kuMoses. Ukuba siyayiwalaza iBhayibhile, singagqiba ngelithi uAbraham wambona uThixo. (Genesis 18:1, 33) Kodwa ke, eli bali libonisa ukuba “amadoda amathathu” ahambela uAbraham ayeziingelosi ezithunyelwe nguThixo. UAbraham wayesazi ukuba la madoda amela uThixo, ngoko wayethetha kuwo ngokungathi uthetha noYehova uqobo.—Genesis 18:2, 3, 22, 32; 19:1.

Imibono.

UThixo uye wabonakala nasemibonweni okanye kwimifanekiso ayibonisa abantu. Ngokomzekelo, xa iBhayibhile isithi uMoses namanye amaSirayeli ‘ambona uThixo kaSirayeli,’ itheth’ ukuthi “abona umbono woThixo oyinyaniso.” (Eksodus 24:9-11) Ngokufanayo, iBhayibhile ikhe ithi abaprofeti ‘bambona uYehova.’ (Isaya 6:1; Daniyeli 7:9; Amosi 9:1) Kwimeko nganye, kubonakala ukuba babona nje umbono kaThixo, abazange bambone ngokoqobo.—Isaya 1:1; Daniyeli 7:2; Amosi 1:1.