Eksodus 33:1-23

  • Isiluleko sikaYehova (1-6)

  • Intente yokuhlangana ngaphandle kwenkampu (7-11)

  • UMoses ucela ukubona uzuko lukaYehova (12-23)

33  UYehova wathi kuMoses: “Hamba apha nabantu owabakhupha kwilizwe laseYiputa. Yiyani kwilizwe endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi, ndathi, ‘Ndiza kulinika inzala* yakho.’+  Ndiza kuthumela ingelosi phambi kwakho,+ ndize ndiwagxothe amaKanan, ama-Amori, amaHiti, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+  Yiyani kwilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ kodwa mna andizukuhamba nani, kuba nisisizwana esinenkani,*+ hleze ndinitshabalalise endleleni.”+  Xa balivayo abantu elo lizwi libuhlungu, bazila, akwabikho namnye onxiba izihombo zakhe.  UYehova wathi kuMoses: “Yithi kumaSirayeli, ‘Nisisizwana esinenkani.*+ Ukuba ndingahamba nani nje umzuzwana, ndinganitshabalalisa.+ Ngoko ke hlalani nizikhulule izihombo zenu ngoxa ndisagqiba ngento emandiyenze ngani.’”  Ngoko ukusuka eNtabeni YaseHorebhe ukuya phambili, amaSirayeli ayeka ukunxiba* izihombo zawo.  UMoses wayifudusa intente yakhe, wayokuyibeka kude nenkampu, wayibiza ngokuba yintente yokuhlangana. Wonke umntu owayefuna ukubuza kuYehova+ wayephuma aye kwintente yokuhlangana, eyayingaphandle kwenkampu.  Wayesithi uMoses akuphuma apho, esiya kuloo ntente, bonke abantu bathi khwasu baze beme kwiminyango yeentente zabo, bamjonge uMoses ade ayokungena ententeni.  Wayesithi akungena ententeni, uhle umqulu welifu+ uzokuma ngakumnyango waloo ntente ngoxa uThixo wayethetha noMoses.+ 10  Xa abantu bawubonayo umqulu welifu umi ngakumnyango wentente, bonke baphakama baza baqubuda ngakwiminyango yeentente zabo. 11  UYehova wathetha noMoses ubuso ngobuso,+ kanye ngendlela umntu athetha ngayo nomnye umntu. Xa uMoses ebuyela enkampini, uYoshuwa+ unyana kaNun owayesisicaka nonogada wakhe,+ wayengemki ententeni. 12  UMoses wathi kuYehova: “Wena uthi kum, ‘Khokela esi sizwana kuhambo lwaso,’ kodwa awundixelelanga umntu oza kuhamba nam. Ngaphezu koko, wena uthe, ‘Ndikwazi ngegama* ibe ndiyakuthanda.’ 13  Ukuba ke uyandithanda, ndicela undixelele iindlela zakho,+ ukuze ndikwazi ndize ndiqhubeke ndithandeka emehlweni akho. Ukhumbule nokuba olu hlanga ngabantu bakho.”+ 14  Ngoko uThixo wathi: “Ndim* oza kuhamba nawe,+ yaye ndiza kukuphumza.”+ 15  Wathi uMoses kuye: “Ukuba awuzukuhamba nathi, uze ungasikhuphi apha. 16  Kuza kwaziwa njani ukuba mna nabantu bakho siyathandeka emehlweni akho? Akuzukufuneka uhambe nathi na,+ ukuze mna nabantu bakho sahluke kubo bonke abantu abasemhlabeni?”+ 17  UYehova wathi kuMoses: “Nale into uyicelileyo ndiza kuyenza, kuba ndiyakuthanda kwaye ndikwaze ngegama.” 18  UMoses wathi: “Ndicela undibonise uzuko lwakho.” 19  Kodwa uThixo wathi: “Ndiza kubangela ukuba konke ukulunga kwam kudlule phambi kobuso bakho, kwaye ndiza kubhengeza igama likaYehova+ phambi kwakho, kwaye ndiza kukholiswa ngulowo ndikholiswayo nguye, ndibe nenceba kulowo ndiza kumenzela inceba.”+ 20  Kodwa uThixo waphinda wathi: “Awunakububona ubuso bam, kuba akukho mntu unokundibona aze aphile.” 21  UYehova waphinda wathi: “Nantsi indawo ngakum, yima phezu kwelitye. 22  Xa uzuko lwam ludlula ndiza kukubeka phakathi kwamatye, ndize ndikukhusele ngesandla sam ndide ndidlule. 23  Ndakudlula ndiza kusisusa isandla sam, uze wena ubone umva wam. Kodwa bona ubuso bam abunakubonwa.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Ngokoqobo, “azikhulula.”
Okanye “Ndikukhethile.”
Ngokoqobo, “Bubuso bam.”