Yiya kwinkcazelo

Kutheni Uthandaza? Ngaba UThixo Uza Kundiphendula?

Kutheni Uthandaza? Ngaba UThixo Uza Kundiphendula?

Impendulo yeBhayibhile

Ewe, uza kuyiphendula. IBhayibhile namava obomi abonisa ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo. IBhayibhile ithi: “Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo [uThixo], nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.” (INdumiso 145:19) Ubukhulu becala uThixo uxhomekeke kuwe ukuze uThixo ayiphendule imithandazo yakho.

Izinto ezibalulekileyo kuThixo

  • Kukuba uthandaze kuye, kungekhona kuYesu, uMariya, kwiinkokeli zonqulo, kwiingelosi okanye kwimifanekiso. NguYehova uThixo kuphela ‘onguMphulaphuli wemithandazo.’—INdumiso 65:2.

  • Kukuba uthandaze ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo okanye izinto azifunayo ezichazwe eBhayibhileni.—1 Yohane 5:14.

  • Kukuba uthandaze egameni likaYesu, ulazi igunya analo. “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam,” watsho njalo uYesu.—Yohane 14:6.

  • Kukuba nokholo xa uthandaza, nokucela ukholo olungakumbi xa kuyimfuneko.—Mateyu 21:22; Luka 17:5.

  • Kukuba Uthobeke yaye unyaniseke. IBhayibhile ithi: “UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo.”—INdumiso 138:6.

  • Kukuba ngumntu ozingisayo. UYesu wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa.”—Luka 11:9.

Izinto ezingabalulekanga kuThixo

  • Libala lolusu lwakho nelizwe ohlala kulo. “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

  • Indlela oma ngayo xa uthandaza. Ungathandaza kuThixo uhleli phantsi, ugobile, uguqile okanye umi ngeenyawo.—1 Kronike 17:16; Nehemiya 8:6; Daniyeli 6:10; Marko 11:25.

  • Enoba uthandaza ngokuvakalayo okanye ngaphakathi. UThixo uphendula nomntu othandazela ngaphakathi engaviwa ngabanye abantu.—Nehemiya 2:1-6.

  • Enoba into oyixhalabeleyo ibonakala ingabalulekanga. UThixo uyakubongoza ukuba ‘uliphose kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’—1 Petros 5:7.