Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Filipi 4:6, 7—“Sanukuba Naxhala Lanto”

Filipi 4:6, 7—“Sanukuba Naxhala Lanto”

“Sanukuba naxhala lanto, kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela; yaye uxolo lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga, luza kuzikhusela iintliziyo neengqondo zenu ngoKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7, INguqulelo YeHlabathi Elitsha.

“Sanukuba naxhala, kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo; ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKristu.”—Filipi 4:6, 7, IBhaybhile YesiXhosa Yowe-1996.

Into ethethwa ngamaFilipi 4:6, 7

Xa abakhonzi bakaThixo benexhala, bangathandaza kuThixo ukuze bathuthuzeleke. Uthembisa ukubanika uxolo ibe loo nto iza kubanceda bangabi naxhala bacinge kakuhle bezolile. Ivesi 6 ichaza iindlela abanokuthandaza ngazo ukuze balufumane olu xolo.

Banokumcenga uThixo. Umntu angamcenga uThixo xa enestres okanye esengozini, njengokuba uYesu wenzayo. (Hebhere 5:7) Amaxesha amaninzi loo mithandazo inokuphindaphindwa.

Xa simxelela izinto uThixo, sinokumcela nezinto ezithile. Abakhonzi bakhe bangacela “nantoni na” nokuba “bakweyiphi na imeko”. Kodwa loo mithandazo imele ivumelane nokuthanda kukaThixo njengokuba kuchaziwe eBhayibhileni.—1 Yohane 5:14.

Imithandazo yokubulela uThixo ibonisa uxabiso esinalo ngezinto asenzele zona, naza kusenzela zona kwixesha elizayo. Xa sicinga ngezizathu zokubulela uThixo, loo nto isinceda sihlale sivuya.—1 Tesalonika 5:16-18.

UThixo uyayiphendula imithandazo yabakhonzi bakhe ngokubanika uxolo. “Uxolo lukaThixo” lubonisa ukuzola abantu abakufumanayo xa benobuhlobo obusondeleyo noThixo. (Roma 15:13; Filipi 4:9) Olu xolo ‘luyayodlula indlela esicinga ngayo,’ kuba luvela kuThixo ibe lusinceda ngeendlela esingazilindelanga.

Le vesi ibonisa ukuba uxolo lukaThixo lungazikhusela iintliziyo zethu. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukukhusela” linento yokwenza nento eyayisenziwa ngamajoni asemkhosini xa egade isixeko esikhuselekileyo. Ngokufanayo, uxolo lukaThixo lukhusela umntu kwindlela acinga naziva ngayo. Lumnceda angatyhafiswa ziingxaki.

Uxolo uThixo asinika lona luyasikhusela “ngoKristu uYesu,” kuba nguye owasenza saba nobuhlobo noThixo. UYesu wanikela ngobomi bakhe ukuze sihlawulelwe izono zethu. Xa sinokholo kuye, uThixo uza kusisikelela. (Hebhere 11:6) Naxa sithandaza, simele sithandaze egameni lakhe, kuba wathi: “Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.”—Yohane 14:6; 16:23.

Into ekuthethwa ngayo kumaFilipi 4:6, 7

Incwadi yamaFilipi yayiyileta eyabhalwa ngumpostile uPawulos ebhalela amaKristu awayehlala eFilipi. a Kwisahluko 4 sale ncwadi, umpostile uPawulos ukhuthaza ibandla ukuba lihlale livuya, ibe uyalibulela ngobubele balo, obumenze wavuya naye. (Filipi 4:4, 10, 18) UPawulos wabonisa ukuba umthandazo wenza abantu bafumane “uxolo lukaThixo,” ibe uchaza nokuba ukucinga nokwenza izinto ezintle kuza benza bancedwe ‘nguThixo woxolo.’—Filipi 4:8, 9.

a Ngoku iseGrisi.