Yiya kwinkcazelo

Abaphumelele Kwiklasi Ye-138 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

Abaphumelele Kwiklasi Ye-138 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi

NgoMatshi 14, 2015, iklasi ye-138 YeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi ibinetheko kwiziko lemfundo lamaNgqina kaYehova elisePatterson, eNew York. Abantu ababekho ababengaphezu kwabayi-14 000, babequka ababekwiindawo ezahlukahlukeneyo ababebukele kwi-intanethi. Ucwangciso lwaqala ngokuba kuculwe iingoma zoBukumkani ezine ezintsha, ibe kamva zaphinda zaculwa ngabantu bonke ababekho. a

UGeoffrey Jackson, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova wayengusihlalo wocwangciso. Kumazwi akhe okuvula, wakhuthaza abafundi ukuba bangalunkonyi kubo ulwazi abalufumeneyo kodwa bafanele balusebenzise ukuze kuncedakale abanye.—2 Timoti 2:2.

UMzalwan’ uJackson wathetha ngomzekelo omhle kaMoses. Kangangexesha elithile, intente kaMoses yayisisazulu sonqulo sohlanga lakwaSirayeli. Kuyabonakala ukuba, uMoses wayengavumelekanga ukuba angene kwinxalenye ethile yeYona Ngcwele yomnquba; kuba elo lungelo lalinikwe umbingeleli omkhulu. Sekunjalo, akho ngxelo ithi uMoses wayikhalazela loo nto. Kunoko, wamxhasa ngokunyaniseka uAron kwisabelo sakhe esitsha njengombingeleli omkhulu. (Eksodus 33:7-11; 40:34, 35) Yintoni esiyifundayo koku? UMzalwan’ uJackson wathi: “Waxabiseni nawaphi na amalungelo eninawo, ningawankonyi kuni.”

“Ngaba Niza Koyikiswa Kukurhashaza Kwegqabi?” Lo ngumxholo wentetho eyanikelwa nguKenneth Flodin, oncedisa iKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo. Wavuma ukuba abafundi basenokujamelana neemeko ezilucelomngeni njengokutshutshiswa okanye izabelo ezinzima. Esebenzisa ibinzana elikwiLevitikus 26:36, wabongoza abafundi ukuba bazijonge ezo meko njengegqabi elomileyo kungekhona njengeemeko abangenakumelana nazo. Emva koko, uMzalwan’ uFlodin wabalaselisa umzekelo omhle kampostile uPawulos, owakwaziyo ukunyamezela iingxaki ezininzi kuba wayethembele ngoYehova.—2 Korinte 1:8, 10.

“Yintoni Usukelo Lwakho?” UMark Sanderson, ilungu leQumrhu Elilawulayo wanikela le ntetho. Wathetha ngomgaqo okwiMizekeliso 13:12, othi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” Okubuhlungu kukuba abantu abaninzi baziva bephoxekile ubomi babo bonke ngenxa yokuba bezibekela usukelo abasenokungalufikeleli njengokuba sisityebi okanye ukuba ngumntu odumileyo.

Ngemihla kaYesu, abanye abantu babenolindelo oluphosakeleyo ngoYohane uMbhaptizi. (Luka 7:24-28) Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba babenethemba lokuba kuza kufika intandabulumko eyayiza kudlulisela iimfundiso ezingenasihlahla. Ukuba kwakunjalo, babeza kuphoxeka kuba uYohane wayefundisa isigidimi esinamandla esiyinyaniso. Kusenokwenzeka ukuba abanye babelindele indoda ekhangelekayo. Kodwa uYohane wayenxiba impahla eyayiqhelekile kumahlwempu. Noko ke, abo babefuna umprofeti abazange baphoxeke, kuba uYohane wayengengomprofeti nje kuphela kodwa wayesandulela uMesiya.—Yohane 1:29.

Ethetha ngoko banokukufunda, uMzalwan’ uSanderson wabongoza abafundi ukuba basukele izinto ezifanelekileyo. Kunokuba bafune ukuduma okanye baphathwe ngendlela ekhethekileyo kwizabelo zabo, eyona nto iphambili ifanele ibe kukusebenzisa uqeqesho abalufumeneyo ukuze kuncedakale abanye. Banokukwenza oko ngokuncokola nabanye ngezinto abazifunde eGiliyadi, ngokomeleza ukholo lwabazalwana noodade nangokubathanda. UMzalwan’ uSanderson wathi: “Bakhonze abazalwana noodade, yenza konke okusemandleni akho ukuze uphumeze ukuthanda kukaYehova ibe awusoze uphoxeke.”

“Yondla Abo Balambileyo.” Lo ngumxholo wentetho kaJames Cauthon, umhlohli kwiZikolo Zentlangano. UMzalwan’ uCauthon wabalaselisa ukuba wonk’ umntu ulambele ukuthandwa nokuxatyiswa. KwanoYesu wayekulambele ukuthandwa nokuxatyiswa. UYehova wayanelisa loo mfuno ngokuthetha amazwi amnandi kuYesu xa wayebhaptizwa.​—Mateyu 3:16, 17.

UYehova usinike amandla okukhuthaza nokomeleza abanye ngamazwi, ibe ulindele ukuba siwasebenzise. (IMizekeliso 3:27) UMzalwan’ uCauthon wabongoza abafundi esithi: “Zifundiseni ukujonga izinto ezintle kwabanye nize nibancome.” Ukuncoma ngokunyanisekileyo kuya kunceda abazalwana bethu bazive bexatyiswa.

“Yibani Nomoya Wokuzincama.” Le ntetho yanikelwa nguMark Noumair oncedisa iKomiti Yokufundisa. Esebenzisa umzekelo kampostile uPawulos, uMzalwan’ uNoumair wakhuthaza abafundi ukuba banganeli nje ukwenza izinto ezimbalwa eziyimfuneko. Kunoko, njengoPawulos, baza konwaba xa bezinikela ekuncedeni abanye.—Filipi 2:17, 18.

Kwanaxa wayejamelene neengxaki uPawulos akazange anikezele. Ngenxa yokuba waqhubeka ezinikele de kwasekufeni, uPawulos wayenomoya wokuzincama. Wayefanele ukuthi: “Ugqatso ndilubaleke kwada kwesa ekugqibeleni.” (2 Timoti 4:6, 7) UMzalwan’ uNoumair wakhuthaza abafundi ukuba balinganise uPawulos ngokuba babuxhase ngokunyanisekileyo uBukumkani xa bekwizabelo zabo.

Amava. Le inxalenye yocwangciso yayisenziwa nguMichael Burnett ongomnye wabahlohli eGiliyadi, ibe kuyo abafundi benza imiboniso ngamava amnandi abawafumene entsimini ngoxa bebesePatterson.

Abafundi baba nemiphumo emihle kuba beye bazama ukushumayela ngolwimi lwalapho. Ngokomzekelo, omnye umfundi waxelelwa ukuba baninzi abantu abathetha iSpanish kwindawo awayeza kushumayela kuyo. Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba aye kushumayela, wafunda amagama ambalwa eSpanish encedwa yiJW Language. Ngaloo mini wadibana nendoda eyayithetha iSpanish. Esebenzisa amagama ambalwa eSpanish, lo mfundi waqalisa incoko eyakhokelela ekubeni ifundelwe iBhayibhile le ndoda namalungu amane entsapho yayo.

Udliwano-ndlebe. UWilliam Turner Omnci. oncedisa iKomiti Yenkonzo yeQumrhu Elilawulayo, wadlan’ indlebe nabafundi abane, babebalisa amava abo angaphambi kokuba beze eGiliyadi nangoqeqesho abalufumeneyo.

Abafundi babalisa ngezinto abazifundileyo ezibakhuthazileyo. Ngokomzekelo, omnye wabafundi wabalisa ngoko akufundileyo kuLuka isahluko 10. Abafundi abayi-70 abathunyelwa nguYesu baba nemihlali bakuba nemiphumo emihle ngoxa babeshumayela. Nangona naye uYesu wayenemihlali, wafundisa abafundi bakhe ukuba, uvuyo lwabo bangalusekeli kuphela kwimiphumo emihle kodwa ekwazini ukuba uYehova uyakholiswa yimigudu yabo. Oku kusikhumbuza ukuba uvuyo lokwenene aluxhomekekanga kwiimeko, kodwa luxhomekeke ekubeni uYehova uyakholiswa sithi.

UMzalwan’ uTurner wasebenzisa amazwi akumaFilipi 1:6 ebhekisela kubafundi, ebaqinisekisa ukuba uYehova ‘uwuqalile umsebenzi omhle’ kubo, ibe uza kuqhubeka enabo.

“Hlalani Nijonge KuYehova.” USamuel Herd, ilungu leQumrhu Elilawulayo, wanikela intetho engumxholo. Wavuma ukuba asinakumbona ngokoqobo uYehova. Siza kuqhubeka njani sijonge kuye?

Enye indlela esinokumbona ngayo uYehova kukubukela izinto azidalileyo, kuba zisifundisa ngaye. Ukongezelela, uYehova ‘ukhanyisela amehlo eentliziyo zethu.’ (Efese 1:18) Okukhona siyifunda iBhayibhile, kokukhona sifunda okungakumbi ngoYehova ibe siziva sisondele kuye.

Sifuna ukuzifunda ngokukhethekileyo iincwadi zeVangeli, kuba zisinceda simbone kakuhle uYehova njengoko sifunda ngoko kuthethwa kuze kwenziwe nguNyana wakhe. UYesu wayebonisa ubuntu bukaYehova kangangokuba wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”—Yohane 14:9.

UMzalwan’ uHerd wakhuthaza ababekho ukuba bangamboni uYehova kumzekelo kaYesu kuphela, kodwa bazilinganise izinto abazibonileyo. Ngokomzekelo, kanye njengokuba uYesu wayezinikele ekondleni abanye, sifuna ukusebenza nzima ukuze sincokolele nabanye ngezinto esizifundileyo.

Uba yintoni umphumo xa siqhubeka sijonge kuYehova? Sinokuba nentembelo efanayo neyomdumisi owathi: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.”—INdumiso 16:8.

Umqukumbelo. Emva kokuba abafundi befumene iidiploma zabo, omnye wabo wafunda ileta ebulelayo evela kwiklasi. Emva koko, uMzalwan’ uJackson waqukumbela ngokuxelela abaphumeleleyo ukuba abafanele bazive benyanzelekile ukuba bafundise abantu izinto ezintsha okanye abangazi kuziqonda. Amaxesha amaninzi baza kukhumbuza abazalwana noodade ngezinto abasele bezazi. Kwakhona uMzalwan’ uJackson wayibethelela into yokuba kufuneka bathobeke. Kunokuba bafune kujongwe kubo okanye kuqeqesho abalufumene eGiliyadi, abaphumeleleyo baza kubalathisela eBhayibhileni nakuncwadi olusekelwe eBhayibhileni abanye. Kunokuba bangabi lukhuthazo kwabo bangalifumananga ithuba lokuya esikolweni saseGiliyadi, abaphumeleleyo baza kunceda amaKristu akhonza nawo abone ukuba anokuzuza kuncwadi analo. Bonke ababekho baziva bekhuthazekile ibe babezimisele ukukhonza abazalwana noodade.

a Abo babeza kuza bazinikwa kwasekuqaleni kweveki iingoma ezintsha.

b Asingawo onke amazwe abonisiweyo emaphini.

c Asingabo bonke abaphumeleleyo abafakiweyo.