Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Aye Atshintsha IBhayibhile Ukuze Ithethelele Iinkolelo Zawo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Aye Atshintsha IBhayibhile Ukuze Ithethelele Iinkolelo Zawo?

Akunjalo. Inyaniso kukuba, xa siye safumanisa ukuba iinkolelo zethu azivisisani ngokupheleleyo neBhayibhile, siye sazitshintsha.

Ngaphambi kokupapasha iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngo-1950, saye sahlola iBhayibhile. Sasebenzisa nayiphi na inguqulelo eyayifumaneka, saza saseka iinkolelo zethu ngokuvisisana noko sikufundileyo. Cinga nje ngemizekelo embalwa yeenkolelo ekudala zabakho zamaNgqina kaYehova, uze uzigqibele enoba ziyavisisana kusini na noko kufundiswa yiBhayibhile.

  1. Oko sikukholelwayo: UThixo akanaziqu zithathu. IZion’s Watch Tower kaJulayi 1882 yathi: “Abafundi bethu bayaqonda ukuba nangona sikholelwa kuYehova nakuYesu nakuMoya Oyingcwele, ayikho zibhalweni imfundiso yokuba aba ngooThixo abathathu esiqwini esinye, njengokuba abanye besitsho, uThixo omnye kubantu abathathu.”

    Oko kuthethwa yiBhayibhile: “UYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” (Duteronomi 6:4.) “Kukho uThixo omnye, uYise, eziphuma kuye zonke izinto, nathi sikholo yena; yaye kukho iNkosi enye, uYesu Kristu, ezikho ngayo zonke izinto, nathi sikho ngayo.” (1 Korinte 8:6.) UYesu ngokwakhe wathi: “UBawo mkhulu kunam.”—Yohane 14:28.

  2. Oko sikukholelwayo: Akukho kuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni. Icaphula kumaRoma 6:23 kwiKing James Version, iZion’s Watch Tower ka-Juni 1882 eyayinomxholo owawusithi “Umvuzo Wesono Kukufa,” yathi: “Alula la mazwi. Iyamangalisa into yokuba abantu abaninzi abathi bakholelwa eBhayibhileni bephikisana nawo.Bade babethe ngenqindi etafileni besithi iBhayibhile ifundisa ukuba, xa umntu esifa uthuthumba ngonaphakade esihogweni.”

    Oko kuthethwa yiBhayibhile: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4, 20) Isohlwayo sokugqibela sabo bachasa uThixo ayikokuthuthunjiswa, kodwa ‘yintshabalalo engunaphakade’—2 Tesalonika 1:9.

  3. Oko sikukholelwayo: UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenyani, kungekhona nje imeko yentliziyo. Ithetha ngoBukumkani bukaThixo, iZion’s Watch Tower ka-Disemba 1881 yathi: “Ukumiselwa kobu bukumkani kuya kuthetha ukubhukuqwa kwabo bonke abanye ookumkani behlabathi.”

    Oko kuthethwa yiBhayibhile: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Daniyeli 2:44.

Ngaba amaNgqina kaYehova axhomekeke kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ukuze axhase iinkolelo zawo?

Akunjalo, kuba siqhubeka sisebenzisa iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile kumsebenzi wethu wokushumayela. Enyanisweni, nangona umntu sikulungele ukumnika iNguqulelo Yehlabathi Elitsha simahla njengenxalenye yomsebenzi wethu wokufundisa, asinangxaki xa umntu efuna ukufunda kunye nathi esebenzisa enye inguqulelo yeBhayibhile.