Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 24

Ifumaneka Njani Imali Yokuxhasa Umsebenzi Wethu Owenziwa Ehlabathini?

Ifumaneka Njani Imali Yokuxhasa Umsebenzi Wethu Owenziwa Ehlabathini?

ENepal

ETogo

EBritani

Nyaka ngamnye intlangano yethu ipapasha ize isasaze amakhulu ezigidi zeeBhayibhile nezinye iimpapasho ngaphandle kwemali. Sakha size silungise iiHolo zoBukumkani kunye neeofisi zamasebe. Sixhasa amawaka-waka abasebenzi baseBheteli kunye nabashumayeli bevangeli, yaye ngamaxesha entlekele, sixhasa ngezinto zokunceda. Ngoko usenokuzibuza, ‘Ifumaneka phi imali yokwenza zonke ezi zinto?’

Asibhatalisi mali yamatikiti, izishumi, okanye inkongozelo. Nangona ziphakamile iindleko zokuxhasa umsebenzi wethu wokushumayela, asihambi sicela inkongozelo. Kwinkulungwane edluleyo, inqaku lesibini lephephancwadi IMboniselo lathi sikholelwa ukuba sixhaswa nguYehova nokuba “asisayi kungqiba okanye sicele abantu ukuba basixhase”—yaye asizange senjenjalo!—Mateyu 10:8.

Umsebenzi wethu uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela. Abantu abaninzi bayayithanda imfundiso yethu yeBhayibhile yaye bayanikela. NamaNgqina ngokwawo anikela ngexesha, amandla, imali, nezinye izinto ukuze kwenziwe ukuthanda kukaThixo kuwo wonke umhlaba. (1 Kronike 29:9) KwiHolo yoBukumkani kukho iibhokisi zeminikelo ukuze abo bathanda ukunikela benjenjalo. Okanye iminikelo ingenziwa ngewebhsayithi yethu u-jw.org/xh. Ngokuqhelekileyo le mali inikelwa ngabantu abangathathi ntweni, ngokufanayo nomhlolokazi olihlwempu awathetha ngaye uYesu nowanikela ngeengqekembe ezincinane kwizikhongozelo zobuncwane. (Luka 21:1-4) Ngoko nabani na angasoloko ‘ebekela bucala okuthile’ ukuze anikele “kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe.”—1 Korinte 16:2; 2 Korinte 9:7.

Siqinisekile ukuba uYehova uya kuqhubeka eshukumisa iintliziyo zabo bafuna ‘ukumbeka ngezinto zabo zexabiso’ ukuze baxhase umsebenzi woBukumkani nokuze kufezwe ukuthanda kwakhe.—IMizekeliso 3:9.

  • Yintoni ebangela ukuba intlangano yethu yahluke kwezinye iicawa?

  • Isetyenziswa njani iminikelo yokuzithandela?