Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Ekuziphatheni Okuhle?

Ngaba Uyazithemba Iinkonzo Ekuziphatheni Okuhle?

USylvia ophangela kwezonyango uthi: “Esikolweni ndandifunda nabantu abaninzi ababezenza oongcwele-ngcwele. Kodwa babepasa ngamaqhinga yaye besebenzisa iziyobisi. Icawa yayingabancedi tu.”

ULionel yena uthi: “Abantu endisebenza nabo bayathanda ukuxoka, bafowune emsebenzini besithi bayagula babe bephile qete. Bayayihamba icawa kodwa abatshintshi.”

Iinkonzo azikwazi kubenza abantu bayeke ezinye izinto. Abaninzi namhlanje ‘banembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa abaphili ngokuvisisana nalo.’ (2 Timoti 3:5) Iinkokeli zabo azibamiselanga mzekelo mhle, kwaye abazincedi izimvu zabo bazinike ukhokhelo eziludingayo lweZibhalo. Abaninzi babo bakholelwa ekubeni uThixo akayikhathalelanga indlela abaphila ngayo.

IFUNDISA NTONI YONA IBHAYIBHILE?

IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo uyikhathalele indlela esiziphatha ngayo. Xa amaSirayeli amandulo ayemvukela uThixo, ‘ayemenza azive ebuhlungu.’ (INdumiso 78:40) Kodwa kuye kubekho “uvuyo olungakumbi ezulwini” xa umntu omnye etshintsha iindlela zakhe ezimbi. (Luka 15:7) Xa umntu ezibona iimpawu ezintle zikaBawo wethu wasezulwini, indlela amthanda ngayo iza kukhula kwaye loo nto iza kumnceda athande izinto ezithandwa nguThixo aze azicaphukele ezo angazithandiyo.Amosi 5:15.

AMANGQINA KAYEHOVA AQHUBA NJANI WONA?

Iphephandaba iDeseret News laseSalt Lake City, eUtah, eUnited States lithi amaNgqina kaYehova “akhuthaza umanyano lweentsapho kwaye afundisa abantu ukuba basebenze nzima baze babe nenyani.” Liphinda lithi: “Amalungu ale nkonzo aphila ngemigaqo emihle. Akholelwa ukuba, ukutshaya, ukunxila, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ukungcakaza, ukulalana ngaphambi komtshato kunye nokulalana kwabantu besini esifanayo zizinto ezilonakalisayo ulwalamano analo noThixo.”

Ukufunda ngobuntu bukaThixo kuwanceda njani amaNgqina? USylvia ebekuthethwe ngaye ngaphambili uthi, “ixhaphakile into yokubiwa kwemali kwishishini lezonyango, kulula nokuba yinxalenye yako. Kodwa ukuqonda indlela uYehova * abujonga ngayo ubusela kundinceda ndenze into efanelekileyo. Ndiyavuya kwaye ndinoxolo lwangaphakathi.” USylvia akayithandabuzi into yokuba ukuphila ngendlela afundiswa ngayo enkonzweni yakhe kuye kwabuphucula ubomi bakhe.

^ isiqe. 9 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.

Ngaba iinkokeli zeenkonzo ziye zazinceda izimvu zazo ukuba ziphile ngendlela iBhayibhile ethi masiphile ngayo?