Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Esiya Nakubantu Abaneecawa Zabo?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Esiya Nakubantu Abaneecawa Zabo?

Siye sabona ukuba abantu abaninzi abaneecawa zabo bayakuvuyela ukuthetha ngeBhayibhile. Kakade ke, siyabahlonela abantu abangakholelwa kwizinto esikholelwa kuzo, kwaye asizinyanzeli iimfundiso zethu kwabanye.

Xa sithetha ngonqulo, sizama ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile, loo nto siyenza “ngomoya wobulali” ‘sibahlonela ngokunzulu’ abanye. (1 Petros 3:15) Siyazi ukuba abanye abayi kuzamkela iindaba esibaphathele zona. (Mateyu 10:14) Kodwa ke asazi ukuba abantu baza kuthini de sithethe nabo. Siyaqonda nokuba iimeko zabantu ziyatshintsha.

Ngokomzekelo, omnye umntu usenokuxakeka kakhulu ukuba singathetha ngeBhayibhile, kodwa angakuvuyela ukuthetha nathi ngelinye ixesha. Abantu basenokuthwaxwa ziingxaki neemeko ekufuneka bajongane nazo, loo nto inokubenza babe nomdla koko kuthethwa yiBhayibhile. Ngoko sizimisele ukuthetha nabantu izihlandlo eziliqela.