Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Uziva Njani Ngezinto Ezibuhlungu Ezikwehlelayo?

UThixo Uziva Njani Ngezinto Ezibuhlungu Ezikwehlelayo?

Abanye abantu bathi uThixo akaziboni izinto ezibuhlungu kwaye akazikhathalelanga.

ITHINI YONA IBHAYIBHILE?

  • UThixo uyabona futhi uyakhathala

    “UYehova wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni . . . , kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.”​—Genesis 6:5, 6.

  • UThixo uza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu

    “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho. Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”​—INdumiso 37:10, 11.

  • Oko kucingwa nguThixo ngawe

    “‘Mna ndizazi kakuhle iingcamango endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘iingcamango zoxolo, kungekhona ezentlekele, ukuba ndininike ikamva nethemba. Kwaye ngokuqinisekileyo niya kundibiza nize nifike ukuze nithandaze kum, yaye ndiya kuniphulaphula.’”​—Yeremiya 29:11, 12.

    “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.