Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”​—MATEYU 10:31

Ngaba UThixo Uyakubona?

Ngaba UThixo Uyakubona?

ISIFUNDISA NTONI INDALO?

Iyure yokuqala emva kokuba umama ebeleke usana lwakhe ibaluleke kakhulu. Ngoba? Xa umdlezana eluhoyile usana lwakhe ngale yure ibalulekileyo yokuqala, luba namathuba okukhula kakuhle. *

Yintoni eyenza umdlezana alukokose usana lwakhe xa esandul’ ukubeleka? KwiThe Journal of Perinatal Education, uProfesa Jeannette Crenshaw uchaza athi incindi yedlala ebizwa ngokuba yioxytocin eninzi iye “yenze umdlezana aye eluthanda usana lwakhe emva kokuba elubelekile xa eman’ ukuluchukumisa, elujonga naxa eluncancisa.” Kanti enye incindi yedlala aba nayo ngeli xesha yona “imnceda aluhoye usana lwakhe” akwazi ukuluva nokuyibona into oluyifunayo. Kutheni ibalulekile loo nto?

NguYehova uThixo, * uMdali wethu onothando, owadala ukuba umama aluthande usana lwakhe. UKumkani uDavide wathi nguThixo owamkhupha “esiswini” waza wamenza waziva ekhuselekile ezingalweni zikanina. Wathandaza wathi: “Ndaphuma esibelekweni ndaphoselwa kuwe; kususela esiswini sikama ubunguThixo wam.”​—INdumiso 22:9, 10.

KHAWUZIBUZE: Ukuba nguThixo odale ukuba umdlezana ajonge usana lwakhe kwaye alunike into oluyidingayo, ngaba loo nto ayibonisi ukuba uThixo unomdla kuthi, ekubeni “siyinzala” okanye abantwana bakhe?​—IZenzo 17:29.

ISIFUNDISA NTONI YONA IBHAYIBHILE?

UYesu Kristu, omazi uMdali bhetele kunaye nabani na omnye, wathi: “Ngaba oongqatyana ababini abathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane na? Kanti akukho namnye kubo oya kuwela emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo. Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Ngoko ke musani ukoyika: Nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.”​—Mateyu 10:29-31.

Bambalwa kuthi abazihoyayo kwaukuzihoya iintaka ezincinane abazibonayo, singasathethi ke ngokubona xa enye yazo iwela emhlabeni. Kodwa uBawo wethu osezulwini uzibona zonke! KuThixo, iintaka, nokuba sezininzi, soze zixabiseke ngaphezu komntu. Nasi ke isifundo: ‘Sukoyika,’ ucinge ukuba uThixo akakuboni nokukubona. Unomdla nyhani kuwe!

UThixo ufuna nyhani ukuba siphile kamnandi kwaye uyasithanda

IBhayibhile iyasiqinisekisa

  • “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.”​—IMIZEKELISO 15:3.

  • “Amehlo kaYehova akumalungisa, neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.”​—INDUMISO 34:15.

  • “Ndiya kuvuya ndibe nemihlali ngobubele bakho obunothando, ngenxa yokuba uyibonile inkxwaleko yam; ukwazile ukubandezeleka komphefumlo wam.”​—INDUMISO 31:7.

“NDANDICINGA UKUBA UYEHOVA AKANDITHANDI”

Ngaba kungasinceda ukwazi ukuba uThixo ufuna nyhani ukuba siphile kamnandi kwaye uyasithanda? Ewe kungasinceda. UHannah, * waseNgilani, uyachaza:

“Ndandicinga ukuba uYehova akandithandi kwaye ndibona ngathi imithandazo yam ayiphendulwa. Ndandicinga ukuba mhlawumbi yinto yokuba ndingenalukholo. Ndandibona ngathi uThixo uyandohlwaya okanye akandihoyanga kuba ndingeyonto. Yayingathi akandikhathalele.”

Kodwa ke, ngoku uHannah akasayithandabuzi into yokuba uYehova umhoyile kwaye uyamthanda. Kutshintshe ntoni ngoku? Uthi: “Kancinci kancinci izinto zatshintsha. Ndancedwa yintetho yeBhayibhile endayiva kwiminyaka eliqela eyadlulayo, eyayithetha ngokufela kukaYesu izono zethu, yandenza ndayiva into yokuba uYehova uyandithanda. Bendidla ngokuthi xa ndibona kuphendulwa imithandazo yam, iinyembezi zizehlele kum, ndiqonde ukuba nyhani uYehova uyandithanda. Enye into, ukufunda iBhayibhile namaNgqina nokuya kwiintlanganiso zawo kundifundise izinto ezininzi ngoYehova, njengokuba unguThixo onjani nokuba uziva njani ngathi. Ngoku ndibona kakuhle ukuba uYehova uyasixhasa yaye usithanda sonke kwaye uhoye ngamnye apha kuthi.”

Iyakhuthaza le nto ithethwa nguHannah. Kodwa yintoni engakwenza uqiniseke ukuba uThixo uyayazi kwaye akayi kuyilibala indlela ovakalelwa ngayo? Iphepha elilandelayo lithetha ngaloo nto.

^ isiqe. 3 Abanye abadlezana baye bazive bephantsi, kwaye babe nomvandedwa ngenxa yokuba bengaluthandi usana. Kodwa ke abafanelanga bazibeke ityala ngale nto. Ngokutsho kwe-U.S. National Institute of Mental Health, le nto “kusenokwenzeka ukuba ibangelwa kukugula neengxaki zomphefumlo . . . kodwa ayibangelwa yinto eyenziwa okanye engenziwa ngumdlezana.” Ukuba ufuna inkcazelo engakumbi ngalo mba, jonga inqaku elithi “Ndakwazi Ukumelana Nokudandatheka Kwasemva Kokubeleka” kuVukani! ka-Agasti 8, 2002.

^ isiqe. 5 IBhayibhile ithi igama likaThixo nguYehova.​—INdumiso 83:18.

^ isiqe. 15 Amanye amagama aye atshintshwa kula manqaku.