Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile NgamaNgqina KaYehova?

Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile NgamaNgqina KaYehova?

 Siqhutywa njani isifundo seBhayibhile?

 Umntu okufundelayo uza kukunceda uqhelane neBhayibhile ngokwemixholo. Ukufunda iBhayibhile usebenzisa incwadi ethi, Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! kuza kukunceda ufunde into ethethwa yiBhayibhile nendlela enokukunceda ngayo. Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela le vidiyo.

 Ngaba isifundo seBhayibhile siyabhatalelwa?

 Hayi. AmaNgqina kaYehova alandela umyalelo uYesu awawunika abalandeli bakhe, othi: “Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.” (Mateyu 10:8) Enye into, nezinto ezisetyenziswayo xa kufundwa iBhayibhile azibhatalelwa, incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! neBhayibhile.

 Sithatha ixesha elingakanani isifundo seBhayibhile?

 Sinezifundo eziyi-60. Ixhomekeke kuwe indlela ofuna ukufunda ngayo kodwa kwabanye kuba mnandi xa begqiba isifundo sibe sinye okanye nangaphezulu ngeveki.

 Siqalwa njani isifundo seBhayibhile?

  1.  1. Bhala kwifomu ekwi-intanethi. Siza kusebenzisa iinkcazelo osinike yona ukuze siphendule isicelo sakho ngokuthi, umntu oliNgqina likaYehova athethe nawe.

  2.  2. Umntu oza kukufundela uza kuthetha nawe. Uza kukuxelela into ofanele uyilindele kwisifundo seBhayibhile, aphendule nayiphi imibuzo onokuba nayo.

  3.  3. Wena nomntu oza kufunda nawe ninokulungiselela ukuba isifundo senu siqalise. Loo mntu unokudibana nawe okanye nisiqhube ngefowuni, akufonele ngevidiyo, imail, okanye iemail. Ngokuqhelekileyo isifundo sithatha iyure. Kodwa sisenokuba ngaphantsi okanye ngaphezu koko, kuxhomekeka kwiimeko zakho.

 Ngaba ndingacela ukufundelwa iBhayibhile ukuze ndibone ukuba iza kuba njani?

 Ewe. Ukuze wenze loo nto, bhala ifomu ekwi-intanethi yethu. Xa umntu oza kukufundela ethetha nawe, mxelele ukuba ufuna ukufunda ukuze ubone ukuba uza kusithanda na. Uza kusebenzisa incwadana ethi, Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, enezifundo ezintathu eziza kukunceda ubone ukuba uza kusithanda na esi sifundo.

 Xa ndivumile ukufundelwa iBhayibhile, kunyanzelekile ukuba ndibe liNgqina likaYehova?

 Hayi. AmaNgqina kaYehova ayakuthanda ukufundisa abantu iBhayibhile kodwa asibanyanzeli abantu ukuba bakhonze nathi. Sibonisa abantu into ethethwa yiBhayibhile, siqonda ukuba umntu ngamnye ufanele azikhethele ukuba ufuna ukukholelwa ntoni.—1 Petros 3:15.

 Ndingayisebenzisa eyam iBhayibhile?

 Ewe, unokusebenzisa noba yeyiphi na inguqulelo oyithandayo. Nangona thina sithanda ukusebenzisa Inguqulelo Yehlabathi Elitsha Yezibhalo Ezingcwele echanileyo necacileyo, siyazi ukuba abantu banokukhetha ukusebenzisa inguqulelo abayiqhelileyo.

 Ndingabamema abanye ukuba babekho esifundweni seBhayibile?

 Ewe. Ungabamema bonke kwintsapho yakho okanye abahlobo ofuna ukubamema.

 Ukuba ndandikhe ndafundelwa ekuqaleni, ngaba ndingakwazi ukuphinda ndiqale?

 Ewe. Phofu ungayithanda indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile ngoku kunakuqala kuba senziwe salungela iimeko zabantu banamhlanje. Zininzi izinto ezibukelwayo ibe kuyancokolwa kuso.

 Ngaba umntu uyakwazi ukuzifundela iBhayibhile ngaphndle kokuqhutyelwa isifundo?

 Ewe. Nangona abanye abantu abafunda iBhayibhile befunda kakuhle xa benomntu obafundisayo, abanye bakhetha ukuzifundela ngokwabo kuqala. Iphepha lezixhobo zokufunda iBhayibhile lichaza izinto ezinokukunceda xa uzifundela. Nazi ezinokukunceda:

  •   IOnline Bible Study Lessons. Kwezi zifundo, kuphendulwa eminye yemibuzo ebalulekileyo njengothi: Ngubani uThixo? Kutheni kukho iintlungu nokusokola? Ngaba uThixo uya kuze aziphelise ezi ntlungu?

  •   Iividiyo zeBhayibhile. Ezi vidiyo zeBhayibhile zimfutshane zicacisa into efundiswa yiBhayibhile.

  •   Imibuzo yeBhayibhile iyaphendulwa. La manqaku aphendula imibuzo emininzi yeBhayibhile.

  •   Kucaciswa iivesi zeBhayibhile. Jonga ukuba zithetha ukuthini iivesi zeBhayibhile ezaziwayo namagama athile.