Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA LADALWA?

Iphiko Lebhabhathane

Iphiko Lebhabhathane

AMAPHIKO ebhabhathane acekeceke kangangokuba amasuntswana othuli okanye amachaphaza enza kube nzima ngalo ukubhabha. Sekunjalo, amaphiko alo asoloko ecocekile yaye omile. Yintoni imfihlelo yebhabhathane?

Iphiko lebhabhathane linamaxolo amancinane ahleli elinye phezu kwelinye

Cinga ngoku: Abaphengululi beYunivesithi Yelizwe LaseOhio ababephanda ngebhabhathane elibizwa ngokuba yiGiant Blue Morpho, bafumanise ukuba nangona amaphiko alo ebonakala egudile, kodwa anamaxolo amancinane ahleli elinye phezu kwelinye oku kweethayile zophahla lwendlu. Oku kwenza ukuba uthuli okanye amathontsi amanzi aqengqeleke lula. Oononjineli bazama ukulinganisa le ndlela elakhiwe ngayo iphiko lebhabhathane xa besenza izixhobo zobugcisa nezamayeza ezingamelanga zidibane nothuli kunye namanzi.

Iphiko lebhabhathane ngomnye umzekelo wendlela isayensi ezama ngayo ukulinganisa izinto ezidaliweyo. UBharat Bhushan uthi: “Indalo izele yimimangaliso emincinane nemikhulu, eye kangangeminyaka yanegalelo elikhulu kwizinto eziveliswa ngabantu.”

Ucinga ntoni? Ngaba iphiko lebhabhathane lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?